UMyalezo waBandwendweli Makhaya, Disemba 2012
Undwendwelo Makhaya Lokufundisa, NguMsebenzi weNtsindiso
Funda lo myalezo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze odade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho.
Undwendwelo makhaya lokufundisa lunika amabhinqa ithuba lokujongana, lokomelezana, kwaye nokufundisana—ngenene ngumsebenzi wentsindiso. Ngokundwendwela amakhaya sifundise, oodade bayashumayela babesezinyaweni zoMsindisi kwaye bancede ngokulungiselela amabhinqa iintsikelelo zobomi banaphakade.
“Kufuneka ‘silumkise, sicacise, sikhuthaze, kwaye sifundise, kwaye simeme [abanye] ukuba baze kuKrestu’ (Imfundiso neMinqophiso 20:59), njengokuba iNkosi yatsho kwizityhilelo Zayo,” kwatsho uMongameli Spencer W. Kimball (1895–1985). Ingakumbi, wathi, “Ubungqina benu yindlela entle kakhulu.”1
Xa thina njengabandwendweli makhaya abangabafundisi sisongeza ulwazi lwethu lweenyaniso zevangeli, ubungqina bethu buyomelela kwaye naxa sixhasa oodade abalungiselela ukubhaptizwa kwaye bavunywe ecaweni njengamakholwa ngokubekwa izandla ukuze bamkele Umoya Oyingcwele. Sinceda amalungu amatsha ukuba baqiniswe ngokuqiniseka okungangungqiyo kwivangeli. Undwendwelo lwethu kwakunye nothando luyanceda “siphumelele ekubuyiseni kuthi abo abakreqileyo [kwaye] sifudumeze iintliziyo zabo abaye babanda kwivangeli.”2 Kwaye sikhuthaza oodade ukuba baze kuKrestu ngokuhamba itempile.
“Nizakusindisa imiphefumlo,” watsho uMongameli Kimball koodade abafundisayo ngokundwendwela amakhaya, “kwaye ngubani onokutsho ukubangaba uninzi lwabantu abaphilileyo abakhutheleyo eCaweni namhlanje bakhuthele ngenxa yokuba benisiya kuwo amakhaya wabo kwaye nabanika indlela entsha yokubona, umbono omtsha. Niye natsalela ikhethini emva. Nandisa ulundi lwabo. …
“Niyabonani, anisindisi nje qha aba dade, kodwa umhlawumbi kwakunye nabo abayeni babo kwakunye namakhaya wabo.”3
Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele
Kuphuma Embalini Yethu
Ngoku Umprofeti Joseph Smith wayelungisa UMbutho wooDade, watsho ukuba amabhinqa awazokujongana nabasokolayo qha kodwa ngaphaya koko bazaku sindisa imiphefumlo. Waphinda wafundisa ukuba amabhinqa eCawa badlala indima eyimfuneko kwicebo likaBawo wethu waseZulwini.4 Sikhokelwa yimigaqo eyafundiswa nguMprofeti Joseph Smith, thina singoodade kuMbutho wooDade singakwazi ukusebenza kunye silungiselele amabhinqa kwakunye namasapho abo ukuba bamkele ezona ntsikelelo zinkulu zikaThixo.
Masibe nemfesane phezu komnye nomnye,” watsho uMongameli Brigham Young (1801–77), “kwaye vumela [ abo bona abo]meleleyo, ukuba ngokuthamba bonge abo babuthathaka bade bomelele, kwaye uvumele abakwaziyo ukubona bakhokele iimfama de zikwazi ukuzibonela indlela.”5
© 2012 yi Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Kubhalwe eUSA. Isivumelo sesiNgesi: 6/11. Isivumelo Sokuguqula: 6/11. Inguqulelo ka Visiting Teaching Message, December 2012. Xhosa. 10372 774
Yintoni Endinokukwazi Ukuyenza?
-
Umbutho wooDade undilungiselela njani mna ukuba ndamkele iintsikelelo zobomi banaphakade kunye noThixo.
-
Yintoni Endinokuyenza ukwandisa ukholo lwabo endibagcinayo?