UMyalezo waBaNdwendweli Makhaya, Epreli 2013
Iminqophiso yeTempile
Funda lo myalezo ngomthandazo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze odade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho. Ukufumana olunye ulwazi, iya ku www.reliefsociety.lds.org.
“Imimiselo esindisayo esiyamkelayo etempileni esivumelayo ukuba ngenye imini sibuyele kuBawo wethu waseZulwini kudlelwano losapho lwanaphakade kwaye siphiwe iintsikelelo namandla avela phezulu afanelwe nguwo wonke umnikelo nawo wonke umzamo,”1 watsho UMongameli Thomas S. Monson. Ukuba awukayi etempileni, ungalungiselela ulwamkelo lwemimiselo engcwalisekileyo ngokwenza oku:
-
Kholelwa kuBawo waseZulwini, Yesu Krestu, kunye noMoya oyiNgcwele.
-
Ukukhulisa ubungqina beNtlawulo kaYesu Krestu nobevangeli elibuyisiweyo.
-
Ukuxhasa nokulandela umprofeti ophilayo.
-
Ukulungela itempile ngesivumelo sokuya etempileni ngokuhlawula isishumi, ukucoceka kwisimilo sobulungisa, ukunyaniseka, ukugcina iLizwi LoBulumko, nokuphila kunye neemfundiso zeCawa.
-
Ukunikela ngexesha, ngeetalente, nangenzame zokunceda ukwakha ikumkani leNkosi.
-
Ukuthabatha inxaxheba kumsebenzi wembali yosapho.2
Mongameli Monson kwakhona wafundisa, “Njengokuba sikhumbula iminqophiso esiyenzayo ngaphakathi [kwe tempile], siyakukwazi bhetele ukumelana nesilingo ngasinye kwaye nokoyisa isihendo ngasinye.”3
Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele
Kuphuma Embalini Yethu
“Ngaphaya kwamawaka amahlanu abangcwele bagcwalisa iTempile yase Nauvoo emva komthandazo womnikelo yawo. …
“Ukomelela, amandla, neentsikelelo zeminqophiso yetempile [kwaxhasa] abaNgcwele beNtsuku zokuGqibela kuhambo lwabo [entshona], xa bona [basokola] engqeleni, ebushushwini, endlaleni, ekuguleni,kwiingozi, nasekufeni.”4
Njengoodade abaninzi boMbutho wooMamake, Sarah Rich wayekhonza njengomsebenzi wasetempileni. Wathetha ngamava wakhe: “Ukuba bekungekho ngenxa yokholo nolwazi olwabekwa phezu kwethu kulatempile ngu … Moya weNkosi, uhambo lwethu beluza kufana nolo lalowo othatha ithuba ebumnyameni. … Kodwa besikholelwa kuBawo wethu waseZulwini, … sisiva ukuba sasingabantu Bakhe abakhethiweyo … , kwaye endaweni yonxunguphalo, sava ba masibhiyoze ngalo mini imini yokukhululwa kwethu yayifikile.”5
I eksodosi yayingeko “kutsiba ebumnyameni” kubafazi abangamakholwa Abangcwele bentsuku zokugqibela. Babexhaswe yiminqophiso yabo yetempile.
© 2011 yi Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Kubhalwe eUSA. Isivumelo sesiNgesi: 6/12. Isivumelo Sokuguqula: 6/12. Inguqulelo kaVisitning Teaching Message, June 2013. Xhosa. 10664 774
Yintoni Endinokukwazi Ukuyenza?
-
Ndiyanqula rhoqo etempileni?
-
Ndiyabakhuthaza na oodade bam ukuba bamkele iintsikelelo zetempile?