2013
Iimfundiso zeXesha Lethu
Meyi 2013


Iimfundiso zeXesha Lethu

Izifundo zaBabingeleli beMelkhizidekhi kunye nooMbutho wooDade ngeeCawa zesine zizakunikelwa kwi “Iimfundiso zeXesha Lethu.” Isifundo ngasinye singalungiswa ngokuba sithathwe kwenye okanye ezinye iintetho zeekomfa zajikelele ezisanda ukubanjwa. (Jonga umbukiso ongaphansi). OoMongameli beengingqi bangakhetha ukuba kusetyenziswe eziphi na iintetho, okanye bathume obishophu noomongameli bamasebe ukuba bawenze lo msebenzi. Iinkokheli kufuneka zigxininise ixabiso lokuba abazalwane abanobuBingeleli bukaMelkhizedekhi kwakunye noodade boMbutho woMama bafunde iintetho ezifanayo ngamasuku angeCawa afanayo.

Abo abaya kwizifundo zeCawa yesine bayakhuthazwa ukuba bafunde kwaye baze eklasini nemagazini yakamva yekomfa yajikelele.

Iingcebiso zokuLungiselela Isifundo esiphuma kwiiNtetho

Thandaza ukuba uMoya OyiNgcwele ube kunye nawe xa ufunda kwaye ufundisa ezi(ii) ntetho. Ungahendeka ukuba ulungiselele isifundo ngokusebenzisa ezinye izixhobo, kodwa iintetho zekomfa zizo ezivumelekileyo ukuba zifundiswe kucwangciso lwezifundo zonyaka. Umsebenzi wakho kukuba uncede abanye ukuba bafunde kwaye baphile ivangeli njengokuba lifundiswa kwikomfa yajikelele yeCawa esandu ukubanjwa.

Hlola (i) intetho, ukhangela imigaqo kunye neemfundiso ezidibana neemfuno zamalungu eklasi yakho. Kwaye ngaphezulu koko khangela amabali, izibhekiso zezibhalo ezingcwele, kunye neencazelo (kwii) kwintetho ezizakunceda ukuba ufundise iinyaniso.

Yenza ucwangciso lwendlela yokufundisa imigaqo kunye neemfundiso. Cinga ngokufaka imibuzo engabaluncedo kumalunga eklasi:

  • Khangela imigaqo kunye neemfundiso (kwii) intetho.

  • Cinga ngentsingiselo yazo.

  • Yabelana ngokuqonda, ngamacebo, ngamava, kunye nangobungqina.

  • Ukuba baphile lemigaqo kunye neemfundiso ebomini babo.

Izifundo Zeenyanga ziyafundiswa.

Izixhobo zeSifundo seCawa Yesine.

Epreli 2013 – Okthobha 2013

Iintetho ezinikiweyo kwikomfa kaEpreli 2013*

Okthoba 2013–Epreli 2014

Iintetho ezinikiweyo kwikomfa kaOkthobha 2013*

  • Iifundo zemini zeCawa zeveki yesine kuEpreli nakuOkthobha, intetho (ii) zingakhethwa kwiikomfa ezidlulileyo okanye kwikomfa esandula ukubanjwa. Ezi ntetho ziyafumaneka (ngamalwimi amaninzi) e kwiiconference.lds.orgconference.lds.org.

Shicilela