2013
UkuFundisa kwaye nokuFunda iVangeli
Julayi 2013


UMyalezo waBaNdwendweli Makhaya, Julayi 2013

UkuFundisa kwaye nokuFunda iVangeli

Funda lo myalezo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze odade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho. Ukufumana olunye ulwazi, iya ku www.reliefsociety.lds.org.

Ukholo Usapho Uncedo

UYesu Krestu nguye umfundisi omkhulu. Wasinika isibonelo njongoba “efundisa abafazi kwizihlwele kanye omtu ngamnye, esitratweni okanye ngasolwandle,emthonjeni kanye nasezindlini zabo. Wabonisa uthando-nobubele kuboo kwaye wabapholisa bona kanye namasapho abo”1

Wafundisa uMartha no Mariya kwaye waba “biza ukuba babe Ngabafundi kwaye bathatha inxaxheba kusindiso lomphefumlo, “icala elilungileyo’ [Luke 10:42] elingeke lathathwa kubo”2

Kwizibhalo zethu ezingcwele zabangcwele bentsuku zokugqibela, iNkosi isiyalela ukuba si “fundisane omnye nomye imfundiso yekumkani” (D&C 88:77). Ngokufundisa nokufunda imfundiso, uCheryl A. Esplin, isekela lesibini kwiklasi yabantwana kwisimongameli sajikelele, wathi.” Ukufunda ukuqonda kakuhle imfundiso zevangeli yinto oyenza ubomi bakho bonke kwaye kuza ‘umgqa nomgqa, umgaqo ngomgaqo, okuncinci apha naphaya okuncinci’ (2 Nephi 28:30).”3

Xa sifunda,sifundisisa, kwaye sithandaza, okanye sifundisa ngoMoya oyiNgcwele, ozakuthatha umlayezo wethu” ezintliziyweni zabantwana babamadoda [kanye nabafazi] (2 Nephi 33:1).

Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele

Alma 17:2–3; 31:5; Imfundiso neMinqophiso 42:12–13; 84:85

Kuphuma Embalini Yethu

Abaprofeti bethu basikhumbuza ukuba thina bafazi sidlala indima exabiseke gqithi njengootitshala bamakhaya naseCaweni. NgoSeptemba ka1979, uMongameli uSpencer Kimball (1895–1985) wasicela ukuba sibengodade abazingcaphephe zokufunda izibhalo ezingcwele Yibani ngabafundi bezibhalo ezingcwele—ningabekeli abanye phantsi, kodwa nibanyuse! Emva koko, ngubani onemfuno enkulu kunomnye ‘yokuxabisela phezulu’ iinyaniso zevangeli (abanokuzibiza ngemizuzu yabo yokuswela) ngaphezulu kwabafazi noomama abenza ububele, nabongayo, nabafundisayo ixesha elininzi.4

Sonke singootitshala nabafundi. Xa sifundisa ngezibhalo ezingcwele kunye namazwi abaprofethi abaphilayo,singaluncedo kwabanye ukuba beze kuKrestu. Xa sizifaka emsebenzini wokufunda ngokubuza imibuzo exabisekileyo kwaye simamele, singafumana iimpendulo ezijongene neentswelo nezidingo zethu.

Yintoni Endinokukwazi Ukuyenza?

  1. Ndizilungiselela kanjani ukuba ngutitshala ongcono?

  2. Ndinganikezela ngobungqina bam kodade eNdibajongileyo?

Izikhumbuzo

  1. Bona Amantombazane kwikumkani Lam:Imbali kanye noMsebenzi woMbutho wooMama (2011), 133.

  2. Zintombi kwiKumkani Lam, 3.

  3. NguCheryl A. Esplin, “Masifundiseni abantwana bethu ukuba baqonde,” Liahona and Ensign, May 2012, 12.

  4. NguSpencer W. Kimball, in Zintombi kwiKumkani Lam, 50.

Shicilela