2014
Umsebenzi Ongcwele kaYesu Krestu: uMdali
Janyuwari 2014


Umyalezo wabaNdwendweli Makhaya, KWEYOMDUMBA 2014

Umsebenzi Ongcwele kaYesu Krestu: uMzekelisi

Funda ngokuthandaza lezinto kwaye udune ukwazi ukuba ufundise ntoni. Ukuqonda ngobomi kwaye nomsebenzi woMsindisi kukhulisa njani ukholo lwakho Kuye kwaye kubusise abo ubajongileyo ngokuba ngumndwendweli makhaya? Ukufumana olunye ulwazi, iya ku www.reliefsociety.lds.org.

Ukholo Usapho Uncedo

Xa sesikuqonda ukuba uKrestu uyisibonelo sethu kuyoyonkinto, singakhulisa imfuno yethu yokuba simlandele. Imibhala igcwele izinto ezisikhuthaza ukuba silandele amanyathelo kaKrestu. Kubantu bakaNifayi, uKrestu wathi, “Imisebenzi eniyibone ndiyenza nani nizakuyenza” (3 Nefi 27:21). kuTomasi, uYesu wathi, “Ndiyindlela, neqiniso, kunye nobomi: akakho umtu ongeza kuBawo ngaphandle kwam.” (Yohane 14:6).

Namhlanje iinkokheli zethu zisikhumbuza ukuba sibeke uMsindisi njengesibonelo sethu esihle. Linda K. Burton,umongameli Wombutho Woomama, wathi, “Xa omnye nomnye wethuangafaka imfundiso yeNtlawulo ngaphakathi ebunzulwini beentliziyo zethu, kwaye siqale ukuba yolabo bantu iNkosi efuna sibe yibo.”1

uMongameli uThomas S. Monson wathi “Inkosi noMsindisi, uYesu Krestu, uyiSibonelo kunyenamandla ethu.”2

Masizixelele ukuba sizakusondela kuYesu Krestu, silandele imiyalelo Yakhe, sizama ngakho konke ukubuyela kuBawo waseMazulwini.

Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele2 Nifayi 31:16; Alma 17:11; 3 Nifayi 27:27; Moronayi 7:48

Kuphuma Embalini Yethu“Wayikhomba indlela kwaye wayikhokhela,” wabhala uEliza R. Snow, owayenguMongameli Jikelele wesibini kwiQumrhu Loncedo Lwamanina, ngobomi base mhlabeni buka Yesu Krestu.3 Wakhokela umtu eyedwa—omnye nomnye Wasifundisa ukuba sishiye ezingu-99 sisindise enye (see Luka 15:3–7). Waphilisa kwaye Wafubdisa umntu emnye, athathe ixesha lokuba naye emnye ngaphakathi kwesixuku sabantu abayi-2,500 (see 3 Nephi 11:13–15; 17:25).

Kumabhinqa waBemini Zokugqibela, uMongameli F. Uchtdorf, Isekela Lesibini kwiSimongameli Sokuqala, esithi: “Nina Bodada abalungileyo ninikeza ngoncedo olunobubele kwabanye ngezizathu nemfuno ezinomvuzo kuwe. Kulokhu wenza okwenzwa nguMsindisi. … Iincinga zakhe zisolokhu zisekuncedeni abanye.”4

Izikhumbuzo

  1. uLinda K. Burton, “Inkolelom kwintlawulo kaYesu Krestu ibhaliwe entliziyweni Zethu.?” Ensign or Liyahona, Nov. 2012, 114.

  2. uThomas S. Monson, “Ukujongana Nobunzima Obusebomini,” Ensign, Nov. 1993, 71.

  3. “How Great the Wisdom and the Love,” Amaculo, no. 195.

  4. uDieter F. Uchtdorf, “Uvuyo Ifa Lakho,” Ensign or Liyahona, Nov. 2008, 120.

Yintoni Endinokukwazi Ukuyenza?

  1. Kanjani kunye ngandlelaphi uMsindisi abayisibonelo kum.

  2. Kungandinceda njani ukushumayeza odade endibandwendwelayo ukuba ndilandele uMsindisi?

Shicilela