2015
Iimpawu zobuThixo zikaYesu Krestu: Amandla kunye nokuzala luBabalo
Septemba 2015


Umyalezo wabaNdwendweli Makhaya, EyoMsintsi 2015

Iimpawu zobuThixo zikaYesu Krestu: Amandla kunye nokuzala luBabalo

Funda ngokuthandaza ezi zinto kwaye uphande ukuba yintoni na onokuyaba. Ukuqonda kabanzi iimpawu zobuthixo zoMsindisi kuza kulwandisa kanjani ukholo lwakho KuYe kwaye kuza kubasikelela kanjani abo ubagadisiweyo ngokubafundisa ngokubandwendwela? Ngenkcukacha ethe vetshe, yiya ku reliefsociety.lds.org.

Umfanekiso
Istempu soMbutho wamaNina

Ukholo, Usapho, Uncedo

Izibhalo zisifundisa ukuba uYesu Krestu “wafumana onke amandla, kokubini emazulwini kunye nasemhlabeni, kwaye uzuko lukaBawo lwalukuye” Iimfundiso & Iminqophiso 93:17. UMdala M. Russell Ballard weQumrhu labaPostile Abalishumi nambini watsho ukuba ngalamandla uMsindisi wethu wadala amazulu nomhlaba, wenza imimangaliso, kwaye wanyamezela intlungu eGetsemane nakwindawo ekwakusithiwa luKhakhayi.1 Njengoko siya siqondisisa oku, ukholo lwethu kuKrestu luyakwanda, kwaye siyakomelela.

Njengoko sisenza kwaye sigcina iminqophiso yasetempileni, iNkosi isisikelela ngamandla waYo. ULinda K. Burton, umongameli jikelele weQumrhu laManina ecawa, wathi: “Ukugcina umnqophiso kuyomeleza, kunika amandla, kwaye kuyakhusela. … Mna mvanje ndidibene nomhlobo obekekileyo omtsha. Yena wangqina ukuba emva kokufumana kwakhe amawonga etempile, waziva omelezwe ngamandla okuphikisa uhendo.2

UNifayi unika ubungqina bamandla omnqophiso: “mna, Nifayi, ndilibone igunya leMvana kaThixo, okokuba lehla … naphezu kwabantu bomnqophiso beNkosi … kwaye babexhotyiswe ngobulungisa kwanegunya likaThixo ngobuqaqawuli obukhulu”(1 Nifayi 14: 14).

IziBhalo Ezongezelelweyo

Yeremiya 51: 15; IsiTyhilelo 1: 6; Yakobi 4:6-7; Mozaya 3: 17

Okuvela kwiZibhalo eziNgcwele

Ezaliswe yimfesane enkulu kuMarta noMariya, uYesu Krestu wavusa umntakwabo uLazaro ekufeni ngamandla kaThixo awayenawo.

UYesu wafika kwikhaya likaMarta noMariya emva kokuba uLazaro esengcwabeni iintsuku ezine. Baya kwingcwaba likaLazaro, waze uYesu wayalela ukuba ilitye elalivale isango lisuswe. UYesu wathi ku Marta, “Anditshongo na kuwe ukuthi, ukuba uthe wakholwa, wolubona uzuko lukaThixo?” Yena waye wathandaza kuThixo uYise kwaye “wadanduluka ngelizwi elikhulu, Lazaro, phuma.

“Waphuma ofileyo, ebotshiwe iinyawo nezandla ngezithandelo,” (Bona Yohane 11:1–45.) UMsindisi usebenzisa amandla waKhe ukukhulula nokomeleza thina. Ukholo lwethu kuYe luyakwanda xa sikhumbula ukuba Yena uzele ngamandla nobabalo.

Izikhumbuzo

  1. Bona M. Russell Ballard, “This is My Work and My Glory,” Liyahona, EkaCanzibe 2013, 18.

  2. Linda K. Burton, “The Power, Joy, and Love of Covenant Keeping,” Liyahona, EyeNkanga 2013, 111

Cingisisa Ngoku

Amandla kaThixo asixhobisa kanjani na ngamandla nobabalo?

Shicilela