2015
Iindlela Zokunceda Ngexesha leKrisimesi
Disemba 2015


Ulutsha

Iindlela Zokunceda Ngexesha leKrisimesi

UMongameli Monson uthatha ixesha andwendwele abantu abadala kunye nabo bakumaziko woncedo, ngakumbi ngexesha leKrisimesi. Yena waphawula ukuba bakhona abo bonwabileyo kuba bafumene iindwendwe, xeshikweni abanye bethembela kuphela nje iindwendwe ezingasokuze zifike. Kuna bantu abalindele umntu—mhlawumbi kuleKrisimesi, wena ungaba ngulo mntu.

Okulandelayo kululuhlu lweendlela nje ezimbalwa onganceda ngazo ukuqinisekisa ukuba akukho namnye oziva eyedwa kule Krisimesi. Zive ukhululekile ngokucinga ngeendlela ezingaphezulu zokunceda ekuhlaleni kwakho kweli lixa. “Ingaba kukhona umntu olindele undwendwelo lwakho na?”

  • Yenza amakhadi weKrisimesi uwathumele kubafundisi lizwi kunye nakumalungu awodwa kunye nakumalungu azinkonde wesebe lakho.

  • Zinikezele ngokusebenzisana neqela lasekuhlaleni kwakho.

  • Phisa ngeekopi zeNcwadi kaMormoni njenge zipho zeKrisimesi kubahlobo kunye nabamelwane bakho.

  • Ndwendwela abantu abadala kwisebe lakho okanye kusapho lwakho.

  • Yenza izimuncu-muncu kwaye uzise kubamelwane bakho.

Shicilela