2016
USapho: ISibhengezo kulo iHlabathi
Janyuwari 2016


Umyalezo waBandwendweli Makhaya, eyoMqungu 2016

USapho: ISibhengezo kulo iHlabathi

Funda ngokuthandaza ezi zinto kwaye uphande ukuba yintoni na onokuyaba. Ukuqonda kabanzi imfundiso yosapho kuza kubasikelela kanjani abo ubagadisiweyo ngokubafundisa ngokubandwendwela? Ngenkcukacha ethe vetshe, yiya ku www.reliefsociety.lds.org.

Ukholo, Usapho, Uncedo

Ethetha malunga nomhlangano wajikelele woMbutho wamaNina ngo 1995, xa uMongameli Gordon B. Hinckley (1910–2008) wayefunda okokuqala “USapho: ISibhengezo kulo iHlabathi,” uBonnie L. Oscarson, uMongameli Wajikele Wamanina aselula, wathi: “Sasibulela kwaye sasixabisa ingcaciso, ubulula, kunye nobunyani beli xwebhu lesityhilelo. … Isibhengezo kusapho siye saba ngumgangatho wethu wokugweba iinkolelo zehlabathi, kwaye ndiyangqina ukuba imithetho-siseko ebekiweyo … iyinyaniso namhlanje njengoko ibiyiyo xa sasiyinikezwa ngumprofethi kaThixo phantse iminyaka engama 20 edlulileyo.”1

“Kwisibhengezo sosapho,” uyongeza uCarole M. Stephens, umcebisi wokuqala kubongameli jikelele boMbutho wamaNina,” siyafunda,’ Kwindawo yobomi bangaphambili, oonyana bomoya kunye neentombi zazisazi kwaye zazinqula uThixo njengoBawo wabo waNaphakade’2

“… omnye nomnye wethu ungowosapho kwaye uyadingeka kusapho lukaThixo.”3

Siphila kwixesha apho abazali kufuneka bakhusele amakhaya wabo kunye neentsapho zabo. “Usapho: Isibhengezo kulo IHlabathi” singasikhokela.

IziBhalo Ezongezelelweyo

Mozaya 8:16–17; Iimfundiso Neminqophiso 1:38

Amabali Wabaphilayo Namhlanje

“ULee Mei Chen Ho ophuma kwiTao Yuan Third Ward, Tao Yuan Taiwan Stake, wathi isibhengezo simfundise ukuba ubudlelwane beentsapho bunceda buphuhlise iimpawu zobuthixo ezifana nokholo, umonde, kunye nothando. ‘Xa ndizama ukuziphucula ngokwesibhengezo, ndibanamava wolonwabo lwenene,’ yena watsho.”4

UBarbara Thompson, owayekhona xa isibhengezo sasifundwa okokuqala ngqa kwaye kamva wasebenza njengo mcebisi kubongameli jikelele boMbutho wamaNina, wathi; “Ndaye ndacinga okomzuzwana ukuba [isibhengezo sosapho] sasingabhekisanga kum kakhulu kuba ndandingatshatanga kwaye ndandingena bantwana. Kodwa phantse ngokukhawuleza ndacinga,’ Kodwa sibhekisa kum. Ndililungu losapho. Ndiyintombi, udade, umalumekazi, umzala, umtshana, kunye nomzukulwana. … Nokuba bendililo kuphela ilungu eliphilayo losapho lwam, ndiselilungu losapho lukaThixo.’”5

Izikhumbuzo

  1. Bonnie L. Oscarson, “Defenders of the Family Proclamation,” Liyahona, Canzibe 2015, 14–15.

  2. “USapho: Isibhengezo kulo IHlabathi,” Liyahona, Nkanga 2010, 129.

  3. Carole M. Stephens, “The Family Is of God,” Liyahona, Canzibe 2015, 11.

  4. Nicole Seymour, “‘The Family: A Proclamation to the World’ reaches 10-Year Milestone, Liyahona, Nkanga. 2005, 127.

  5. Barbara Thompson, in Daughters in My Kingdom: The History and Work of Relief Society (2011), 148.

Cingisisa Ngoku

Ingaba “Usapho: Isibhengezo kulo IHlabathi” iluxwebhu kanjani lomhla wethu?

Shicilela