2018
Ukufuma uncedo ukuze uncede abanye
EyeSilimela 2018


Umfanekiso
ministering

Iimigaqo yokukhonza, EyeSilimela 2018

Ukufumana uncedo ukuba uncede abanye

Sibabandakanya njani abanye xa sidinga uncedo kwimizamo yethu yokulungiselela? Thatha inxaxheba kudliwano ndlebe kwaye nentlanganiso yengxoxo ye-Sabatha yokuqala

Xa isifo sokugubhuka savalele uKathy kwisitulo sabakhubazekileyo, wafumanisa wayedinga uncedo rhoqo ngokuhlwa ukusuka esitulweni sakhe ukuya ebhedini. Lomsebenzi wawumkhulu kunelungu elinye. Kunjalo iqumrhu lwabadala lwaxoxa ngemeko yakhe kwaye kwagqitywa ukuba makwenziwe ishedyuli yokumnceda rhoqo ngorhatya.1

Njengokuba sisiza ukwazana neemfuno kwaye namandla abo sibalungiselelayo, singafumanisa ukuba sidinga ntoni ukumelana neemfuno zabo. Udliwano-ndlebe lokulungiselela kwaye neentlanganiso zengxoxo ze-Sabatha yokuqala ngamabini amathuba okubonisana ngeendlela ezifanekileyo zokubandakanya abanye.

Udliwano-ndlebe lokulungiselela

Oludliwano ndlebe lweqota phakathi kwamakhosikazi alungeselelayo kunye neeNkokheli zaMakhosikazi okanye amadoda alungiselelayo kunye nenkokheli lequmrhu lwabadala ngawo kuphela ngokusemthethweni ukunikwa ingxelo ngaabo sibalungiselela. Oludliwelwano ndlebe lithuba ngokwekota loku: (1) xoxa ngamandla, iimfuno, kwaye neengxaki ngeentsapho esizinikiweyo; (2) ukuqondisisa ngezidingo, iqumrhu, umbutho wamanina, okanye ingxoxo yebandla zinga nceda ngazo; kwaye (3) ukufunda kwinkokheli kwaye ukhuthazeke kwimizamo yokulungiselela.

Umongameli wequmrhu lwabadala kwaye uMongameli wombutho wamakhosikazi bathetha ngezidingo ezibalulekilo ngqo kubhishopu kwaye bazokufumana ingcebiso kwaye nomkhomba ndlela kuye.

Ukungafumana inkcukacha ezithe vetshe ngokulungiselela kuministering.lds.org

Ukwenza udliwano-ndlebe lokulungiselela lubenentsingiselo

Ekuxhaseni intetho kaMongameli Russell M. Nelson ukuba inkqubo yolungiselelo izokuba lihinji apho inkqubela yeBandla izojekeleza khona, uMdala Gary E. Stevenson weQumrhu lwabaPostile abalishuminambini ufundise, “Ukufezekiswa kwalombono wakhe … unako ukusekwa kwindlela abazalwane nodade abafundiswa ngayo kwaye ababandakanywa ngayo kudliwano ndlebe.”2

Iingcebiso ezintlanu zokulungiselela abazalwana no dade:

  • Iya kudliwano ndlebe ufuna isiluleko Ku lungele ukufunda

  • Zilungisele ukuxoxa iimfuno okunofuna uncedo ukuzisumbulula.

  • Jongisisa kwamandla kwaye nobuchule bomntu, hayi imfuno zodwa.

  • Xoxa ngeziphumo ezinokuthi zibonise ukuba ukulungiselela bubenempumelelo.

  • Xhulumana nobongameli ukuba uxoxe ngodliwano ndlebe lwekota njengokudingekayo.

Iingcebiso ezintlanu zenkokheli:

  • udliwano ndlebe alumelezekanga lubelude, kodwa beka ixesha elaneleyo lokuhambela kwindawo evumela unxibelelwano olunentsingiselo.

  • Thatha ithuba lokulungiselela abazalwane okanye oodade abalungiselelayo.

  • Sukubuza imibuzo ebonakalisa ukuba ubala utyelelo okanye ucima uqhagamshelwano (“Ukwenzile ulungiselelo?”). Sukubuza imibuzo egxininisa ukuphatha okunyanzelisiweyo (“Ngeyiphi inkuthazo oyivileyo ngexesha uthandazela usapho? Kwenzeke ntoni ngexesha usenza ezonkuthazo?”).

  • Malela ngokunyanisekileyo kwaye thatha amanqaku.

  • Xoxani kunye Abalingani abalungiselela kunye banelungelo lokufumana isityhilelo ngabo bathunywe ukubalungeselela.

Imibuzo kwaye neempendulo ngodliwano ndlebe lokulungiselela

Yintoni udliwano-ndlebe lokulungiselela?

Yingxoxo phakathi kwabazalwane kwaye nelungu lobumongameli lwequmrhu lwabadala okanye phakathi koodade abalungiselelayo kwaye nelungu lobumongameli lombuto woomama kwisimo esibavumelayo bakhangele kwaye bafumane inkuthazo kuMoya Oyingcwele. Njenge siphumo, abazalwane kunye noodade abalungiselelayo banga kuthazeka ukujonga, ukuthanda, ukufundisa kwaye bathuthuzele ngendlela yoMsindisi.

Ingaba ezindliwano ndlebe zidinga ukwenziwa ngobuso?

Ngokuqhelekileyo zenziwa ngobuso, kodwa zingenziwa ngocingo okanye onilaniyini xa ukwenza ngobuso kungaphumeleli. Ngokubanzi, bobabini abalingani bangathabatha inxaxheba kudliwano ndlebe xa imeko ivuma.

Yintoni injongo yodliwano ndlebe lokulungiselela?

Udliwano-ndlebe lokulungiselela ngamathuba apho abazalwane kunye noodade behlola imeko eziqhubekekayo ngoku, benze amacebo angomso, kwaye bafuamne uncedo oludingekyo kubantu okanye iintsapho abazilungiselayo. Lithuba lokuthetha ngezixhobo iqumrhu kwaye nombutho womama lingazinikeza.

Ingaba ndijongana njani neemeko eziyimfihlelo kanye ezibuhlungu?

Abazalwane kwaye noodade abalungiselelayo babelana ngeenkcukacha eziyimfihlelo kunye nomongameli wequmrhu labadala okanye nomongameli lombutho woomama kuphela—okanye neBhishop nqo. Iinkcukacha eziyimfihlelo okanye ezinobuhlungu azimelezekanga zabelwe kumhlangano weSabatha-yokuqala.

Iintlanganiso zeSabatha-Yokuqala

Ulongezeleyo kudliwano-ndlebe lokulungiselela, iintlanganiso zeSabatha-Yokuqala ngenye indlela yokuquka abanye kulungiselelo. Kwintlanganiso zombutho woomama kwakunye nezequmrhu zabadala, inkuthazo ingeza kwabo bakhoyo ngoMoya Oyingcwele kwakunye nabanye abaseqeleni.

Injongo yentlanganiso yengxoxo ku:

  • “Bonisana kunye ngoxanduva, amathuba kwakunye nengxaki;

  • “Funda kwimboono namava abanye; kwaye

  • “Kwenza amacebo okwenza iinkuthazo ezifunywene kuMoya Oyingcwele.”3

Iintlanganiso zokubonisana zingaphezulu kunobonisana: ezintlanganiso zisikhokela senze njengabantu okanye iqela njengokuba sikhuthaziwe ngeMoya. Amalungu angeva umqweno wokwena umsebenzi weNkosi njenge siphumo sezintlanganiso.

Isimemo sokwenza instshukumo

“Umthandazo wethu namhlanje, ” watsho umdala Jeffrey R. Holland weQhumrhu lwabaPostile abalishumi nambini, “kukuba yonke indoda kwaye nomfazi—kwaye namadala amadoda amatsha kwakunye namakhosikazi amatsha—azakukhuthazeka nzulu kunakekelana olusuka entiliziyweni monye komnye, ekhuthazwa kuphela luthando kukaKristu olumsulwa kuba benze njalo.”4

Izikhumbuzo

  • Bona Mormon Messagesividiyo “Lift,” lds.org/media-library.

  • Gary E. Stevenson, in “Ministering Interviews” (video), ministering,lds.org.

  • Come, Follow Me—For Melchizedek Priesthood and Relief Society, in Ensign or Liahona, Nov. 2017, 140; also available at comefollowme.lds.org.

  • Jeffrey R. Holland, “Ibanabo kwaye Obomeleze,” Ensign or Liahona, May 2018, 103.

Shicilela