2018
Qhagamshelana Ukuba Uyakhathala
Imigaqo Yokulungiselela, EyoMnga 2018


Umfanekiso
ministering

Imigaqo Yokulungiselela, EyoMnga 2018

Qhagamshelana Ukuba Uyakhathala

Kuneendlela ezininzi esingazibonakalisa ngazo ukuba siyakhathala, ngakumbi ngelixa leKrisimesi. Singayitsho, sithumele umyalezo, siyibhale, siyinikele, siyithandaze, siyibhake, siyicule, siyiwole, siyidlale, siyityale, okanye siyicoce. Yizame nje ngokulula.

Ukubonakalisa uthando kwabanye kusembindini ngqo wokulungiselela. UMongameli Jikelele woMbutho Wamanina uJean B. Bingham wathi: “Ukulungiselela kwenyaniso kuphunyezwa ngakunye ngakunye ngothando njengenkuthazo. … Ngothando luyinkuthazo, imimangaliso iyakukwenzeka, kwaye siyakufumana iindlela zokuzisa oodade nabazalwane ՙabalahlekileyo՚ ekukwangeni okuquka konke kwevangeli kaYesu Krestu.” 1

Ukwazisa abanye ukuba siyakhathala yinxalenye ebalulekileyo yokuphuhlisa ubudlelwane bobuqu. Kodwa abantu abahlukeneyo bafumana umyalezo ngeendlela ezahlukeneyo. Ngoko ke singalubonakalisa kakuhle kanjani uthando lwethu kwabanye ngeendlela abayakuthi baluqonde kwaye baluvuyele? Nazi ezinye iindlela zokunxibelelana ukuba siyakhathala, kwakunye neengcebiso ezimbalwa zokuqala ukuzicingela kwakho.

Yitsho

Ngamanye amaxesha akukho ndlela iyenye yokutsho ukuba uziva njani ngomnye umntu. Xeshikweni oku kungathetha ukuxelela abanye ukuba uyabathanda, kwaye kukwakuquka nokwabelana ngento oyithandayo ngabo okanye ukugqithisa isincomo esinyanisekileyo. Olu hlobo lobungqina lunceda ekomelezeni ubudlelwane. Bona Abase-Efese 4:29

  • Fumana ithuba lokwazisa umntu ukuba uwathanda kangakanani amanye wamandla akhe.

  • Mawukhe ungene, utsale umnxeba, okanye uthumele i-imeyili, umyalezo, okanye ikhadi uxelele umntu ukuba ucinga ngaye.

Ndwendwela

Ukuthatha ixesha lokuthetha okanye lokumamela omnye umntu yindlela enamandla yokubonakalisa ukuba umxabise kangakanani. Nokuba undwendwela ekhaya, ecaweni, okanye nokuba kuphi na, kunabantu abaninzi abadinga abantu abangathetha nabo. (Bona Mozaya 4:26; Iimfundiso Neminqophiso 20:47.)

  • Ngokweemfuno zomntu, yenza isicwangciso sokundwendwela. Thatha ixesha lokumamelisisa kwaye uqonde ngokwenene ngeemeko zakhe.

  • Apho kusenokwenzeka ukuba kubenzima ukundwendwela amakhaya ngenxa yomgama, izithethe zenkcubeko, okanye ezinye iimeko, cingisisa ngokufumana ixesha ndawonye emveni kwemihlangano yeBandla.

Nceda Ngenjongo

Zifake engqondweni izinto ezithi zidingwe ngumntu okanye lusapho. Ukubonelela ngenkonzo enentsingiselo kunxibelela ukuba uyakhathala. Oku kudibanisa izipho ezixabisekileyo zexesha kwakunye neenzame ezicingisisiweyo. “Izenzo ezilula zenkonzo zingabaneziphumo ezinzulu kwabanye,” watsho udade Bingham.2

  • Nikeza ngenkonzo ethi yomeleze abantu okanye iintsapho zabo, efana nokusala nabantwana ukuze abazali baye etempileni.

  • Funana neendlela zokwehlisa imithwalo xa ubomi bugubungela, ezifana nokucoca iingcango, ukuhambisa inja, okanye ukuncedisa eyadini.

Yenza Izinto Ndawonye

Kunabantu abangaqhagamishelaniyo neencoko ezinzulu. Kwabanye abantu, uqhagamshelwano lwenziwa ngokufumana imidla efanayo kwakunye nokuchitha ixesha ndawonye nisenza ezo zinto. INkosi yakhuthaza ukuba “size sibe kunye nathi size someleze” (Iimfundiso Neminqophiso 20:53) abazalwane noodade bethu.

  • Khanikhe nolule iinyawo, nenze isicwangciso somdlalo wangokuhlwa, okanye nibeke ixesha elinye lokuzilolonga ndawonye.

  • Ncedani kunye kwiprojekthi yasekuhlaleni okanye yeBandla.

Nikela Ngesipho

Ngamanye amaxesha ixesha okanye amathuba wokusebenzisana aqingqiwe. Kwiinkcubeko ezininzi, ukunikela izipho luphawu lokukhathala kwakunye nokuvelana. Nkqu nesipho esithile, esilula singanxibelela umdla wakho wokwakha ubudlelwane obungcono. (Bona Imizekeliso 21:14.)

  • Bazisele izidlo abazithandayo.

  • Yabelana ngesicaphulo, isibhalo, okanye omnye umyalezo ova ukuba bangazuza kuwo.

Umsebenzi Wothando

Njengoko uza kukwazi abo ubalungiselelayo kwaye abo ubafunela impembelelo, uyakufunda luninzi ngokukodwa ukuba uqhagamshelane kanjani uthando lwakho kunye nenkathalo yakho kubo buqu.

UKimberly Seyboldt wase-Oregon, USA, uchaza ngebali lokufuna impembelelo nokunikela ngezipho zokubonakalisa uthando:

“Xa ndifumana ubomi bundiwisela phantsi, ndiye ndiphakame ndenze isonka sezucchini, izonka ezisibhozo njengesiqhelo. Isithako sam sokupheka esikhethekileyo ngumthandazo ozolileyo endiwenza xa ndibhaka ukwenzela ukwazi ukuba ngubani na oswele ezo zonka. Ndiye ndabazi ngcono abomakhelwane bam abandingqongileyo njengoko isonka esifudumeleyo sezucchini siye saba sisimemo sam ezindlwini zabo nasebomini babo.

“Ngenye imini efudumeleyo yehlobo, ndaye ndamisa ecaleni kosapho olwaluthengisa iitoti zamaqunube amnyama ecaleni kwendlela. Ndandingafuni maqunube angakumbi, kodwa inkwenkwana ebhityileyo eyayisetafuleni yayivuyele ukundibona, icinga okokuba ndandingumthengi wayo olandelayo. Ndaye ndawathenga amaqunube amnyama, kodwa ndandimphathele isipho nam. Ndaye ndapha inkwenkwana izonka ezimbini. Yaye yajikela kuyise ukuba ayivumele, yaze yathi, ՙJonga Tata, ngoku sinento esizakuyitya namhlanje՚. Ndaye ndazaliswa ngumbulelo ngelithuba lokubonisa uthando ngendlela elula nje.”

Umdala Jeffrey R. Holland weQumrhu LabaPostile Abalishumi Elinambini wabongoza “ngokuba yonke indoda nawo wonke umfazi- kwakunye nabafana abasele beqabukile namantombazana aqabukile — [baya] … kuzinikela nzulu ekukhathalelaneni okuvakala ezintliziyweni, bekhuthazwa qha luthando olumsulwa lukaKrestu ekwenzeni njalo. … Yanga singasebenzisana neNkosi yesidiliya, siphe uThixo uBawo wethu sonke isandla sokuncedisa kumsebenzi waKhe omangalisayo wokuphendula imithandazo, wokuzisa intuthuzelo, wokosula iinyembezi, kwakunye nowokomeleza amadolo abuthathaka.”3

UYesu Krestu Uyakhathala

Emveni kokuba uYesu wayevuse uLazaro ekufeni, “uYesu walila.

“Ayesithi ngoko amaYuda, Yabonani ke ukumthanda kwakhe!” Yohane 11:35–36

“Ndinemfesane ngani,” uKrestu watsho kumaNifayithi. Waye wabiza abagulayo nababandezelekileyo babo, iziqhwala neemfama, “wabaphilisa”(bona 3 Nifayi 17:7–9).

UMsindisi wasibonisa umzekelo wokuba naYe wayebakhathalela abanye. Yena wasifundisa:

“Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, kunye nangomphefumlo wakho uphela, kunye nangengqondo yakho iphela.

“Nguwo lowo wokuqala nomkhulu umthetho.

“Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako” (Mateyu 22:37–39).

Ngubani odinga inkathalo yakho? Ungababonisa kanjani ukuthi uyakhathala?

Izikhumbuzo

  1. Jean B. Bingham, “Ministering as the Savior Does,” Liahona, uCanzibe 2018, 106.

  2. Jean B. Bingham, “Ministering as the Savior Does,” 104

  3. Jeffrey R. Holland, “Be With and Strengthen Them,” Liyahona, uCanzibe 2018, 103.

Shicilela