2021
UYesu Krestu Wasisindisa Esonweni kunye naseKufeni
Tshazimpunzi 2021


“UYesu Krestu Wasisindisa Esonweni kunye naseKufeni,” Liyahona, Tshazimpunzi 2021

UMyalezo wangeNyanga weLiyahona, Tshazimpunzi 2021

UYesu Krestu Wasisindisa Esonweni kunye naseKufeni

Ngenxa yedini laKhe, sonke sinethuba lokufumana uxolo lwanaphakade kunye novuyo.

Umfanekiso
ISidlo SaNgokuhlwa SokuGqibela

Christ Creating the Earth (UKrestu Edala Ihlabathi), nguRobert T. Barrett

Sibhekisa kuYesu Krestu njengoMsindisi wethu. Kungokuba Yena wahlawula ixabiso lezono zethu kwaye woyisa amandla okufa. Yena wasisindisa! Idini laKhe alenzele thina, elibizwa iNtlawulelo, sesona siganeko sibalulekileyo sakhe senzeka. Ngenxa yaKhe, ukufa ayisosiphelo. Ngenxa yaKhe, singaxolelwa izono zethu, sicoceke kwakhona, kwaye sikhule sibengcono umhla ngamnye.

UYesu Krestu wayeliZibulo.

Phambi kokuza emhlabeni, sasihlala nabazali bethu basezulwini. NjengeZibulo, uYesu Krestu wancedisa ukudala eli hlabathi lihle. Yena wakhethwa ukuba abe nguMsindisi wethu kwaye wavuma ukuzalwa emhlabeni ukwenzela ukuba Yena akwazi ukuseka umzekelo ogqibeleleyo, afundise ivangeli yaKhe, kwaye asigqibele iNtlawulelo.

Umfanekiso
UYesu Krestu ethandaza eGetsemane

O My Father, (Awu Bawo Wam) nguSimon Dewey

UYesu Krestu Wahlawulela Izono Zethu

Wathi wokwazi ukuba Yena wayeza kufa kungekudala, waya kumyezo obizwa iGetsemane eyokuthandaza. Ngexesha laloo mthandazo, Yena waqalisa ukuhlawula ixabiso lezono zethu. Yena wabandezeleka ngokuzithandela ukuze kungabikho mfuneko yokuba senjenjalo—ukuba siyaguquka. Njengoko sifulathela izono zethu kwaye silandele uMsindisi endaweni yoko, singafumana uxolelo kunye nempiliso. Ngenxa yoko Yena athe wakuva eGetsemane, uYesu ukuqonda ngqo ukuba kunjani ukuba njengathi. Waziva zonke iintsizi, nezigulo, kunye neentlungu zethu. Le yinxalenye yokuqala yeNtlawulelo.

Umfanekiso
umngcwabo kaKrestu

The Burial of Christ, (Umngcwabo kaKrestu) nguCarl Heinrich Bloch

UYesu Krestu Wakoyisa Ukufa

Emveni komthandazo waKhe eGetsemane, uYesu wangcatshwa, wabanjwa, kwaye wagwetyelwa ukufa ngokubethelelwa emnqamlezweni. Nangona Yena wayenamandla onke, uYesu wazivumela ukuba Yena buqu afe emnqamlezweni. Abalandeli baKhe ngothando bawubeka umzimba waKhe engcwabeni. Abazange baqonde ukuba nangona umzimba waKhe wawufile, umphefumlo waKhe wawusaphila elizweni lemimoya. Emveni kweentsuku ezintathu, uYesu waphila kwakhona kwaye wabatyelela, engqina ukuba Yena wayengakoyisa ukufa. Oku kwagqibelela iNtlawulelo. Ngenxa yokuba uYesu wavuka ekufeni, omnye nomnye wethu uya kuze aphinde aphile emveni kokuba sifile.

Umfanekiso
UKrestu kunye noMariya engcwabeni

He Lives, (Yena Uyaphila) nguSimon Dewey

Intsingiselo yeKrisimesi kunye nePasika

Uninzi lwehlabathi lubhiyozela iiholide ezimbini ezisinceda ukuba sikhumbule iNtlawulelo kaYesu Krestu. NgeKrisimesi, sikhumbula ngombulelo ukuba uYesu wavuma ukwamkela umsebenzi waKhe wokuza emhlabeni, nangona oko kwakuquka ukubandezeleka kunye nokusifela. IPasika ibhiyozela uloyiso loMsindisi ngaphaya kwesono nokufa, okusinika ithemba lekamva elingunaphakade lovuyo.

Umfanekiso
UYesu ubiza uPetros noAndreya

Christ Calling Peter and Andrew, (UYesu Ubiza uPetros noAndreya) nguJames Taylor Harwood

Ingaba Zithini IziBhalo Ezingcwele malunga neNtlawulelo yoMsindisi?

Kuba uYesu esazi ngokugqibeleleyo, Yena uyakwazi “ukusinceda,” okanye ukunceda, thina (bona Alma 7:11–12).

UMsindisi uyaziqonda iintsizi kunye neentlungu zethu (bona Isaya 53:2–5).

UThixo wathumela uYesu ukuba azokusisindisa kuba uThixo esithanda ngamnye namnye (bona Yohane 3:16–17).

UYesu wabathandazela abalandeli baKhe, kuquka nathi, ukuba sikhuseleke ebubini kwanokuthi sibebanye naYe kunye noBawo Wethu Osezulwini (bona Yohane 17).

UMsindisi wethu usimemela ukuba simlandele Yena kwaye sibuyele kubukho baKhe (bona IMfundiso neMinqophiso 19:16–19, 23–24; 132:23).

Shicilela