2022
Iminqophiso Isiqhagamshelisana noThixo
EyoMdumba 2022


“Iminqophiso Isiqhagamshelisana noThixo,” Liyahona, EyoMdumba 2022

UMyalezo wangeNyanga weLiyahona, EyoMdumba 2022

Iminqophiso Isiqhagamshelisana noThixo

Ukwenza nokugcina iminqophiso kuzisa iintsikelelo.

Umnqophiso sisithembiso phakathi kukaThixo kunye nabantwana baKhe. Yena ubeka imiqathango yeminqophiso esiyenza naYe. Xa sisenza oko Yena akucelayo, siye sifumane iintsikelelo ezininzi. Kwaye asifumani nje iintsikelelo emhlabeni—xa sisenza kwaye sigcine iminqophiso, siya kubuyela siphile noThixo kunye neentsapho zethu ezulwini ngenye imini.

Umfanekiso
ubhaptizo

Iminqophiso kunye neMimiselo

Senza iminqophiso ngelixa lemimiselo ethile. Kufuneka sifumane loo mimiselo kwaye sithobele loo minqophiso khon’ ukuze sibuyele siphile noThixo. Imimiselo yenziwa ngegunya lobubingeleli. Loo mimiselo iquka ubhaptizo nokuqinisekiswa, ukufumana uBubingeleli bukaMelkitsedeke (emadodeni), nemimiselo esiyifumana etempileni. Ngelixa lomthendeleko, amalungu eBandla ahlaziya izithembiso awazenze kuThixo (bona IMfundiso neMinqophiso 20: 77, 79).

Umfanekiso
umthendeleko

Iminqophiso Isinceda Siphile Ngobulungisa

Ngelixa lobhaptizo, sithembisa ukulandela uYesu Krestu, nokusoloko simkhumbula Yena, nokugcina imithetho (bona IMfundiso neMinqophiso 20: 37). UThixo uthembisa ukuba uMoya oyiNgcwele uya kuhlala unathi.

Xa amadoda efumana ububingeleli, wona athembisa ukuphila ngokufanelekele amandla obubingeleli bukaThixo. UThixo uthembisa ukuwasikelela. (Bona IMfundiso neMinqophiso 84:33–40.)

Umfanekiso
ITempile yaseBrazil Recife

Imizobo yeTempile yaseBrazil Recife iziswa nguJames Porter

Iminqophiso Esiyenza eTempileni

Xa amalungu eBandla efumana isipho esisesawo etempileni, aye athembise ukuphila ngobulungisa kwakunye nokwenzela ivangeli idini. Aye athenjiswe amandla awavela kuThixo (bona IMfundiso neMinqophiso 38:32; 109:22).

Ngelixa lokutywinwa etempileni, umyeni nenkosikazi bayatshata ngonaphakade kwaye bathembise ukunyaniseka komnye nomnye nakuThixo. UThixo uthembisa ukuba bangabuyela kuYe kwaye baphile njengeentsapho ngonaphakade. (Bona IMfundiso neMinqophiso 132:19–20.)

Umfanekiso
abafundisi bevangeli

Thina Singabantu boMnqophiso

Abo bazibandakanya neBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela baye babengabantu bomnqophiso bakaThixo. Baye badle ilifa leentsikelelo noxanduva lomnqophiso ka-Abraham (bona AmaGalati 3:27–29). Ukuba yinxalenye yabantu bomnqophiso bakaThixo kuthetha ukuba siyancedana njengoko sisondela ngakumbi kuKrestu. Kukwathetha ukuba sisebenzela ukomeleza iBandla likaThixo emhlabeni. Xa sigcina iminqophiso yethu, singafumana amandla nolomelezo oluvela kuThixo.

Shicilela