2022
UkuNceda amaHlwempu kwa nabaNxungupheleyo—Izicatshulwa
EyeNkanga 2022


Umyalezo weNyanga LiyahonaEyeNkanga 2022

UkuNceda amaHlwempu kwa nabaNxungupheleyo

Izicatshulwa

Umfanekiso
Umfanekiso wocaphulo luka Oaks

Uninzi lwenkonzo zentlalo-ntle kwa nezobuntu kubantu bethu ziyafundiswa kwaye ziqheliswa kwiBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela kwaye zifundiswa sithi njengamalungu ayo. Umzekelo, siyazila ukudla kwicawa yokuqala kwinyanga nganye kwaye sinikezele ubuncinane ngemali enokulingana nezo zidlo zingatyiwanga ukunceda abo banezidingo kumabandla ethu. IBandla kananjalo linegalelo elikhulu elilenzayo kuluntu nakwezinye iinkonzo kulo lonke ilizwe.

Nakuko konke iBandla lethu elikwenzayo ngokuthe ngqo, uninzi lweenkonzo zoluntu kubantwana bakaThixo kwilizwe ngokubanzi lwenziwa ngabantu kwa nemibutho bengenaluqhagamshelwano neBandla lethu.

IBandla likaYesu Krestu lizibophelele eku- khonzeni abo banezidingo, kwaye kananjalo lizibophelele kuku- sebenzisana nabanye kule migudu.…

Izityhilelo zale mihla zifundisa ukuba uMsindisi wethu, u “lukhanyiso lwenene olukhanyisela bonke abantu abeza ehlabathini” [Imfundiso nemiNqophiso 93:2]. Ngale, bonke abantwana bakaThixo baya khanyiselwa ukuhonza Yena kwa omnye nomnye kangangoko benolwazi nezakhono. …

Uninzi lwethu lumele ukukuqaphela okuhle okwenziwa ngabanye kwaye bakuxhase njengoko sinalo ixesha kwa nendlela yokwenza oko.

Ndiyangqina ngoYesu Krestu, okukhanya kwa noMoya wakhe okhokela bonke abantwana bakaThixo ekuncedeni amahlwempu nabanxungupheleyo kwihlabathi liphela.

Shicilela