2023
Iintsapho Zingunaphakade
EyoMqungu 2023


“Iintsapho Zingunaphakade,” Liyahona, EyoMqungu 2023.

Umyalezo weNyanga Liyahona EyoMqungu 2023.

Iintsapho Zingunaphakade

Umfanekiso
usapho oluncumileyo

Usapho siseko soluntu kunye neBandla. Amalungu eBandla labaNgcwele beMihla yokuGqibela akholelwa ekubeni iintsapho zinga ngunaphakade. Sisebenzela ukomeleza iintsapho zethu emhlabeni. Sikwano ukholo lokuba singafumana intsikelelo yosapho lwanaphakade.

USapho lukaThixo

Bonke abantu bangoonyana okanye iintombi zomoya zabazali basezulwini. Sonke siyinxalenye yosapho lukaThixo. Sonke sinendalo yobuthixo nesiphelo. Ukuba sihlala ngobulungisa, singabuyela ekuhlaleni noBawo wethu oseZulwini njenge nxalenye yosapho lwaKhe ngonaphakade.

Umfanekiso
isibini esisandula ukutshata ngaphandle kwetempile

Ifoto yomtshato ngu Joseph Kaluba

Iintsapho zanaPhakade

Xa indoda nomfazi betshata etempileni kwaye begcina iminqophiso yabo, umtshato wabo uya kuhlala ngonaphakade. Lo mmiselo wetempile ubizwa ngokuba lutywino. Abantwana abazelwe emva kokuba abazali babo betywiniwe bazalelwa kuloo mnqophiso. Abantwana abazelwe phambi kokuba abazali babo batywinwe banokutywinwa kubo etempileni ukuze babe lusapho ngonaphakade. Amalungu eBandla enza imbali yosapho kunye nomsebenzi wetempile ukuze batywine iintsapho zabo kunye kuzo zonke izizukulwana. Intsikelelo yosapho lwanaphakade yenziwa yabakho ngenxa kaYesu Krestu kunye neNtlawulo yaKhe.

Umtshato

Umtshato phakathi kwendoda kunye nomfazi umiselwe nguThixo. Ivangeli kaYesu Krestu ifundisa amadoda nabafazi ukuba banyaniseke omnye komnye kwaye bathembeke kwiminqophiso yomtshato wabo. Bafenele ukuba banyaniseke kwingcinga, kumazwi, nezenzo. Umtshato lubambiswano olulinganayo, kwaye umyeni nenkosikazi kufanele bakhuthazane, bathuthuzelane, kwaye bancedane.

Umfanekiso
abazali nosana

Abazali naBantwana

UThixo wayalela uAdam noEva ukuba babe nabantwana. Iinkokeli zeBandla zifundisile ukuba lo mthetho usasebenza. Oomama nootata basebenza kunye ukukhulisa abatwana babo eluthandweni nasebulungiseni (bona IMfundiso neMinqophiso 68: 25– 28). Abantwana bafundiswa ukuhlonipha nokuthobela abazali babo (bona Eksodus 20:12).

Ukufundisa nokuFunda

Abazali bafundisa abatwana babo ukuthanda uThixo nokuthobela imiyalelo yaKhe. Ubomi bosapho businika amathuba okuva uvuyo kwaye sifunde umonde nokungazingci. Ezi mpawu zisinceda sifane noThixo ngakumbi kwaye zisilungiselele ukuba siphile ngolonwabo njengeentsapho ngonaphakade.

Ukomeleza iiNtsapho

Kuthatha umsebenzi, ukuzinikela, kwaye nomonde ukwakha usapho oluphumelelayo. Imigaqo yeVangeli enje ngokholo, umthandazo, uxolelo, uthando, umsebenzi, nolonwabo oluphilileyo lungasinceda sifumane uvuyo kubomi bosapho. Singakwazi kananjalo ukufumana isityhilelo sobuqu ukwazi ukuba singazomeleza njani na iintsapho zethu.

Umfanekiso
umfanekiso kaYesu Krestu

Umfanekisa kaKrestu, ngu Heinrich Hofmann

Iintsikelelo Ziyafumaneka kuMntu Wonke

Asinguye wonke onethuba lokuba yinxalenye yosapho olufanelekileyo apha emhlabeni. Kodwa uThixo uthembisile ukuba nabanina ogcina imiyalelo yaKhe uyakufumana zonke iintsikelelo zosapho lwanaphakade. Singathembela kuYe kwaye sikholwe kwixesha laKhe.

Shicilela