2023
UKholo kuYesu Krestu
Tshazimpunzi 2023


“UKholo kuYesu Krestu,” Liyahona, Tshazimpunzi 2023.

UMyalezo weNyanga weLiyahona, Tshazimpunzi 2023

UKholo kuYesu Krestu

Umfanekiso
isishwankathelo ngobomi bukaYesu

Jesus Christ [UYesu Krestu], nguHarry Anderson

Ukuba nokholo kuYesu Krestu ngumgaqo wokuqala wevangeli (bona IziVumo zoKholo 1:4). Ukholo lwethu luyakusinceda ukuba senze ukhetho oluya kusikhokelela emva kuBawo wethu oseZulwini. Singasebenza ukomeleza ukholo lwethu ubomi bethu bonke.

Umfanekiso
Abantwana nolutsha lungqunge incwadi

Yintoni Ukholo?

Ukholo yinkolelo ezinzileyo okanye ithemba kwinto ethile. Ukubanokholo kubandakanya ukuthembela kunye nokukholelwa kwizinto eziyinyani, nangona singaziboni okanye singaziqondi ngokupheleleyo (bona AmaHebhere 11:1; Alma 32:21).

Umfanekiso
umfanekiso kaYesu Krestu

Inkcukacha ivela ku Christ and the Rich Young Ruler[UKrestu neNkokheli eNcinci Esisityebi], nguHeinrich Hofmann

Ukholo Olugxile kuYesu Krestu

Ukuze lukhokele kusindiso, ukholo lwethu kunyanzelekile lugxile kuYesu Krestu njengoMsindisi noMhlanguli wethu. Ukuba nokholo kuKrestu kuthetha ukuthembela kuYe. Kuthetha ukuthembela ngokupheleleyo kuYe—ukuthembela kumandla, ubulumko, nothando lwaKhe. Kubandakanya kananjalo ukukholelwa nokulandela iimfundiso zaKhe.

Umfanekiso
usapho lufunda izibhalo

Ukwandisa Ukholo Lwethu

Ukholo lusisipho esivela kuThixo, kodwa sinyanzelekile silufune kwaye sisebenze ukuligcina lomelele. Singalwandisa ukholo lwethu ngokuthandaza nokufunda izibhalo neemfundiso zabaprofeti bemihla yokugqibela. Silomeleza kananjalo ukholo lwethu njengoko siphila ngobulungisa kwaye sigcina iminqophiso yethu.

Ukuphila ngoKholo

Ukholo lukhulu ngakumbi kunenkolelo nje. Lubandakanya ukwenza ngalo nkolelo. Sibonisa ukholo lwethu kwindlela esiphila ngayo. Ukholo kuYesu Krestu lusikhuthaza silandele umzekelo waKhe ogqibeleleyo. Ukholo lwethu lusikhokela sithobele imiyalelo, siguquke ezonweni zethu, kwaye senze kwaye sigcine iminqophiso.

Umfanekiso
UKrestu ephilisa indoda engaboniyo

Ukholo Lungakhokelela kwiMimangaliso

Ukholo lokwenene luzisa imimangaliso, enokubandakanya imibono, amaphupha, ukuphilisa, nezinye iziphiwo ezivela kuThixo. Izibhalo ziqulathe amabali amaninzi abantu abafumana imimangaliso kwiNkosi ngenxa yokholo lwabo kuYe. Bona “Mmangaliso” kwisiKhokelo kwiZibhalo ngeminye imizekelo.

Ukholo Lungazisa Uxolo

Ukubanokholo kuThixo necebo losindiso laKhe lungasomeleza ngexesha lemiceli mngeni yethu. Ukholo lungasinika amandla okufunzela phambili kwaye sijongane nobunzima bethu ngenkalipho. Naxa ikamva likhangeleka lingaqondakali, ukholo lwethu kuMsindisi lungasinika uxolo.

Umfanekiso
Utata ebambe umntwana wakhe njengoko bejonge umzobo kaYesu

Ukholo kuYesu Krestu Lokhokelela kuSindiso

Ukusebenzisa ukholo kuYesu Krestu kuzakukhokela kusindiso lwethu. UKrestu uyilungiselele indlela yethu yokufumana ubomi obungunaphakade. Njengoko siphila ngokholo lwethu kuYe, singaxolelwa izono zethu kwaye sibuyele uyokuphila noThixo kwakhona.

Shicilela