2023
Ukuzimela Kuyasomeleza Thina
EyeThupha 2023


“Ukuzimela Kuyasomeleza Thina,” Liyhona, EyeThupha. 2023.

UMyalezo wangeNyanga weLiyahona, EyeThupha 2023

Ukuzimela Kuyasomeleza Thina

Umfanekiso
abantu ababini behlamba izitya

Ukuzimela kuthetha ukuba singakwazi ukukhathalela iintswelo zethu nezeentsapho zethu. Xa sizimela, singakwazi kanjalo ukukhonza ngcono iNkosi nokukhathalela abanye. Kodwa ukuzimela akuthethi ukuba kufuneka sijongane nemingeni yethu sodwa. Singacela uncedo kubahlobo, usapho, amalungu ewadi okanye amalungu esebe, neengcali xa silufuna.

Imigaqo yokuZimela

Ukuzimela kufuna imfundo, intobeko, nokusebenza nzima. Senza konke okusemandleni ethu ukuba sizikhathalele, kwaye sinokucela uncedo kwabanye xa lufuneka. Ukuze ube nokuzimela ngokwenene, nangona kunjalo, simele sifunde ukuba nokholo kuYesu Krestu. Emva koko njengoko sisebenzela ukuzinceda, Yena uya kusomeleza thina.

Umfanekiso
izandla ezimbini ezisongiweyo

Ukuzimela ngokoMoya

Singakha ukuzimela kwethu ngokwasemoyeni ngokusebenzela ukomeleza ubungqina bethu ngoYesu Krestu. Senza oku xa sithandaza, sifunda izibhalo , sisiya ecaweni, sithobela imiyalelo, kwaye sisenza ezinye izinto ezisisondeza kuKrestu. Ukwazi ukuba Yena ukulungele ukusinceda kuya kusinika ukholo ukuze sihlale somelele naxa ubomi bunzima.

Ukuzimela Kwexeshana

Ukuzimela okwexeshana kuquka ukukwazi ukukhathalela iintswelo zethu zenyama nezeentsapho zethu. Oku kuquka ukutya, indawo yokuhlala, impilo nezinye iimfuno. Oku sikwenza ngokufumana imfundo esemgangathweni, ngokufunda okanye ngokwandisa ubuchule obufunekayo, ukusebenza nzima, ukusebenzisa ixesha lethu ngobulumko nangokuyisebenzisa kakuhle imali yethu.

Umfanekiso
abafazi abathathu behamba kunye

Ukuzimela ngokweeMvakalelo

Ukuzimela ngokweeMvakalelo kukukwazi ukuziqhelanisa nemingeni yeemvakalelo ngenkalipho nangokholo. Sonke sinemicelimngeni nezinto ezisilelayo. Enkosi kwivangeli, siyazi ukuba singakhetha ukuba siphendule njani kuyo. Ukuphendula ngokholo eNkosini kwandisa amandla ethu okujongana nobunye ubunzima ngethemba elingakumbi.

Imfundo

Kufuneka sihlale sifunda. UThixo ufuna ukuba sifundise iingqondo zethu kwaye siphucule ubuchule bethu kobu bomi nakobuzayo. Ngakumbi sifunda, kungakumbi sinokuba yimpembelelo elunge ngakumbi kwaye sinyamekele thina, iintsapho zethu nabo basweleyo.

Umfanekiso
umfana omncinane ephethe ibhegi

Iintsikelelo ZokuZimela

Abaprofeti bafundise ukuba njengokuba siphucula ukuzimela kwethu, siyakusikelelwa ngethemba elikhulu noxolo. Siya kukwazi ukunceda iintsapho zethu nabanye abasweleyo. Yaye siya kusikelelwa ngamathuba angakumbi nokukwazi ukuqhubeka sisenza inkqubela.

Izixhobo zeBandla

Isteyki sakho sinokubonelela ngamaqela okuzimela. Anga anokufundisa imigaqo yokuzimela nezakhono ezifana nokulawula imali yakho okanye ukufumana umsebenzi ongcono. Unokufumana izinto eziyeleleneyo kwiThala leeNcwadi zeVangeli. Khetha “Iincwadi neZifundo” uze emva koko “Ukuzimela.”

Shicilela