2023
UMlingane Wethu Warhoqo
EyeNkanga 2023


UMyalezo weNyanga weLiyahona Canzibe 2023

UMlingane Wethu Warhoqo

Izicatshulwa

Umfanekiso
alt text

Sidinga, kwaye nawe uzakudinga, umlingane warhoqo woMoya oyiNgcwele. Ngoku, siyawunqwenela, kodwa siyazi kumava ukuba akukho lula ukumzuza. Sonke sicinga, kwaye sithetha kwaye senza izinto ebomini bethu bemihla ngemihla ezinokucaphukisa uMoya.

Xa oko kusenzeka, njengoko kwenjenjalo, sisenokuziva singavunywanga yiNkosi. Kwaye sisenokuhendeka ukuba sizive sisodwa. …

Ukuba uzifumana unobunzima ukuva uMoya oyiNgcwele, unokucingisisa ukuba ingaba ikhona na into onokuthi uguquke kuyo kwaye ufumane uxolelo. Ungathandaza ngokholo ukuyazi into omawuyenze ukuze uhlanjululwe kwaye ngokunjalo ufaneleke ngakumbi lo mlingane warhoqo woMoya oyiNgcwele.

Ukuba ufuna ukufumana umlingane warhoqo woMoya oyiNgcwele, kufuneka umfunele izizathu ezilungileyo. Iinjongo zakho kufuneka zibe zinjongo zeNkosi. Ukuba iinjongo zakho zinokuzingca okugqithiseleyo, uzakufumana kunzima ukwamkela kwaye uve iimpembelelo zoMoya.

Isitshixo kum nakuwe kukufuna le nto ifunwa nguMsindisi. Iinjongo zethu zidinga ukuqhutywa luthando olunyulu lukaKrestu. …

…UMoya oyiNgcwele uthunyelwa kumalungu athembekileyo omnqophiso weBandla likaYesu Krestu. Ngoku, amava akho azakuba wodwa, kwaye uMoya uzakukhokela ngendlela efanele ukholo lwakho namandla okufumana isityhilelo sakho nabo ubathandayo kwaye ubakhonzayo. Ndithandaza ngentliziyo yam yonke ukuba ukuzithemba kwakho kuza kukhula.

Shicilela