Yizani, Nindilandele 2024
EyoMqungu 1–5: “Ndiya Kuhamba Ndizenze.” 1 Nifayi 1–5


“EyoMqungu 8–14: ‘Ndiya Kuhamba Ndizenze.’ 1 Nifayi 1–5,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“EyoMqungu 8–14. 1 Nifayi 1–5,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
Usapho lukaLihayi luhamba entlango

Lehi Traveling Near the Red Sea [ULihayi uhamba Kufuphi noLwandle oluBomvu], nguGary Smith

EyoMqungu 8–14: “Ndiya Kuhamba Ndizenze”

1 Nifayi 1–5

INcwadi kaMormoni iqala ngengxelo yosapho lokwenyani olufumana ubunzima bokwenyani. Yenzeka ngo-600 BC, kodwa kukho izinto malunga nale ngxelo ezinokuvakala ziqhelekile kwiintsapho namhlanje. Olu sapho lwaluphila kwihlabathi lwenkohlakalo, kodwa iNkosi yabathembisa ukuba babenokulandela Yena, Yena wayeya kubakhokelela kukhuseleko. Endleleni baba namaxesha obumnandi namaxesha amabi, bafumana iintsikelelo ezinkulu nemimangaliso, kodwa kananjalo babe neengxoxo neengxabano. Kunqabile esibhalweni ukuba kubekho ingxelo enenkcukacha enjalo yosapho oluzama ukuphila ivangeli: abazali besokola ukukhuthaza ukholo kusapho lwabo kwaye bexhalabele ukhuseleko lwabo, abantwana besenza isigqibo sokuba baya kukholelwa na kubazali babo, nabantakwe abajamelene nomona neengxabano—yaye maxa wambi bexolelana. Lilonke, kukho amandla kule mizekelo yokholo yolu sapho olungafezekanga.

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

1 Nifayi 1–5

Ilizwi likaThixo “lilixabiso elikhulu” kum.

Omnye umyalezo obalulekileyo kwiNcwadi kaMormoni “[li]xabiso elikhulu” lelizwi likaThixo (1 Nifayi 5:21). Njengoko ufunda 1 Nifayi 1–5, khangela iindlela ilizwi likaThixo elasikelela ngokuthe ngqo okanye ngokungathanga ngqo usapho lukaLihayi (ngokomzekelo, bona 1:11–15; 3:19–20; 5:10–22). Zikufundisa ntoni ezi zahluko ngelizwi likaThixo? Yintoni oyifumanayo ekuphembelela ukuba uphengulule izibhalo?

 

1 Nifayi 2

Ndingazuza kwaye ndomeleze ubungqina bam njengokuba ndiguqukela eNkosini.

UNifayi waziwa ngokholo lwakhe olunamandla eNkosini, kodwa kwafuneka asebenze ukuze azuze ubungqina bakhe—njengokuba sisenza sonke. Ufunda ntoni ku 1 Nifayi 2 ebonisa ukuba kutheni uNifayi waba nako ukufumana ubungqina bokuba amazwi kayise ayeyinyani? Kwakutheni uLeymeni noLemuweli bangabuzuzi obu bungqina? (Bona kananjalo 3 Nifayi 15:2–11). Wakhe wayiva nini iNkosi iyithambisa intliziyo yakho?

 

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

1 Nifayi 3–4

UThixo uyakundilungiselela indlela yokwenza intando yaKhe.

Xa iNkosi yayalela oonyana bakaLihayi ukuba bawafumane amacwecwe obhedu, Yona ayizange inike imiyalelo ethile malunga nendlela yokukwenza. Oku kuhlala kuyinyani kulwalathiso esilufumana kuThixo, kwaye kunokuvakala ngathi Yena ufuna “into enzima” (1 Nifayi 3:5). Yintoni ekuphembelelayo malunga nempendulo kaNifayi kumyalelo weNkosi, ku 1 Nifayi 3:7, 15–16?

Njengoko ufunda 1 Nifayi 3–4, khangela iindidi ezahlukeneyo zobunzima uNifayi awadibana nabo. INkosi “yayilungiselela njani indlela” yokuba uNifayi “ayifezekise into [awayeyiyalele]”? Kutheni kubalulekile kuwe ukwazi ukuba iNkosi yamenzela ntoni uNifayi?

Enye indlela enamandla uThixo asilungiselele ngayo ukuba sigcine imithetho yaKhe kukuthumela uYesu Krestu ukuba abe nguMsindisi wethu. Cinga ngokufunda umyalezo kaMongameli Dallin H. Oaks “Yintoni uMsindisi Wethu Asenzele Yona?(Liyahona,, UCanzibe 2021, 75–77). UYesu Krestu uyilungiselele njani indlela yethu umntu ngamnye? Usazi ukuba Yena woyisile zonke izinto wena, yintoni oziva uchukumusekile ukuba “uhambe uyokuyenza”?

Sebenzisa amabali nemizekelo ukufundisa imigaqo yevangeli. Njengoko ulungiselela ukufundisa, cinga ngamava obuqu anokongeza ubungqina besibini kwiingxelo ezikwizibhalo. Ngokomzekelo, iNkosi ikulungiselele nini wena indlela yokwenza intando yaYo?

Umfanekiso
ULihayi noSaraya bebulisa uNifayi nabantakwabo

Their Joy Was Full [Uvuyo Lwabo Lwalugcwele], nguWalter Rane

1 Nephi 4:1–3; 5:1–8

Ukukhumbula imisebenzi kaThixo kungandinika ukholo lokuthobela imithetho yaKhe.

Xa uLeymeni noLemuweli babeziva befuna ukumbombozela, nokuba noNifayi noLihayi kufutshane ukuba babakhuthaze kwaye babalumkise.Xa uLeymeni noLemuweli babeziva befuna ukumbombozela okanye ukukhalaza, babedla nokuba noNifayi noLihayi kufutshane ukuba babakhuthaze kwaye babaxhase. Xa uziva ngathi uymbombozela, kunokukunceda ukufunda amazwi kaNifayi noLihayi. UNifayi noLihayi bazama njani ukunceda abanye bakhe ukholo kuThixo? (bona 1 Nifayi 4:1–3; 5:1–8; bona kananjalo 1 Nifayi 7:6–21). Yintoni oyifundayo enokukunceda xa ulingwa ukuba umbombozele okanye ukhalaze?

1 Nifayi 4:5–18

“Ndakhokelwa nguMoya.”

Ku 1 Nifayi 4:5–18, yintoni ekuchukumisayo malunga nesakhono sikaNifayi ukuqaphela nokulandela uMoya?  

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Izimvo zokuFundisa Abantwana

1 Nifayi 2:16

Ndinganabo obam ubungqina.

  • Wazi njani uNifayi ukuba into eyafundiswa nguyise yayiyinyani? Nceda abantwana bakho bafumane iimpendulo kulo mbuzo ku 1 Nifayi 2:16, 19. Basenokukonwabela kananjalo ukubhala izenzo zikaNifayi kwiibloko okanye kwezinye izinto kwaye emva koko bakhe into ngezinto. Oku kunokukhokelela kwincoko malunga nendlela ezi zenzo ezisinceda ngayo sakhe ubungqina.

  • Ungabonisa abantwana bakho imifanekiso okanye izinto ezimele izinto abanokuthi bafune ubungqina bazo, ezinje ngekopi yeNcwadi kaMormoni okanye umfanekiso kaYesu Krestu, itempile, okanye umprofeti ophilayo. Bameme ukuba bakhethe enye kwaye babelane ngobungqina babo baloo nto. Ungabaxelela kananjalo abantwana bakho ukuba ubufumene njani ubungqina bakho. Kutheni sibudinga obethu nje ubungqina?

1 Nifayi 3–4

UThixo uya kundinceda ukuba ndigcine imithetho yaKhe.

  • Cinga ngokusebenzisa enye okanye ngaphezulu kwezi zixhobo ukunceda abantwana bakho baxoxe malunga nendlela uThixo awamnceda ngayo uNifayi ukuba afumane amacwecwe obhedu: 1 Nifayi 3–4; iphepha lomsebenzi wale veki; “Nephi’s Courage (Ubugorha buka Nifayi).”

  • Wena nabantwana bakho ningakonwabela ukudlala indima ethile 1 Nifayi 3:2–7. Mhlalwumbi ungazenza uLihayi kwaye ucele abantwana bakho ukuba babuyele eYerusalem ukuya kuthatha amacwecwe obhedu. Bameme ukuba baphendule ngawabo amazwi ngokungathi babenguLeymeni noLemuweli okanye uNifayi. Zeziphi ezinye zezinto uThixo asiyalele ukuba sizenze? (bona imifanekiso 103–15 kuyo Incwadi yoBugcisa beVangeli okanye ku Mozaya 18:8–10 ngezimvo). Singafana njani noNifayi?

1 Nifayi 3:19–21; 5:19–22

Izibhalo zibubutyebi obukhulu.

  • Izibhalo zazibaluleke kakhulu kusapho lukaLihayi. Ukubonisa oku, unokumema abantwana bakho ukuba bakuncede ubalise okanye ulinganise into eyenziwa nguNifayi nabantakwabo ukuze bafumane amacwecwe obhedu: bahamba umgama omde, bancama igolide nesilivere yabo, baza bazimela emqolombeni ukuze basindise ubomi babo. Emva koko ningafunda 1 Nifayi 5:21 kwaye nithethe ngokuba kwakutheni ukuba izibhalo zixabiseke kangaka kusapho lukaLihayi. Kutheni zixabisekile kuthi? Sinokuziphatha njani izibhalo njengobutyebi?

Umfanekiso
UNifayi nosapho lwakhe befunda amacwecwe

UNifayi nosapho lwakhe babezixabisile izibhalo.

1 Nifayi 4:6

UMoya oyiNgcwele uya kundikhokela njengoko ndifuna ukwenza intando yeNkosi.

  • Emva kokuphonononga kunye ku 1 Nifayi 3 indlela uNifayi nabantakwabo abazama ukufumana amacwecwe obhedu, funda nabantwana bakho 1 Nifayi 4:6 ukufamanisa ukuba uNifayi wenza ntoni na eyamvumela ukuba aphumelele ekugqibeleni. Emva koko abantwana bakho banokwenza uluhlu lwezinto uThixo afuna bazenze. UMoya oyiNgcwele unokusinceda njani kwezi meko?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UNifayi emi ecaleni kukaLabhan onxilileyo

I Did Obey the Voice of the Spirit [Ndathobela Izwi loMoya], nguWalter Rane

Shicilela