Yizani, Nindilandele 2024
Iihlomelo C: EyaBantwana Abancinane—Imiyalelo yeXesha Lokucula noMboniso weNtlanganiso yoMthendeleko waBantwana


“Isihlomelo C: EyaBantwana Abancinane—Imiyalelo yeXesha Lokucula noMboniso weNtlanganiso yoMthendeleko waBantwana,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“Isihlomelo C,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024

Umfanekiso
abantwana nootitshala becula

Isihlomelo C

EyaBantwana Abancinane—Imiyalelo yeXesha Lokucula noMboniso weNtlanganiso yoMthendeleko waBantwana

Iingoma zabantwana abancinane zisisixhobo esinamandla sokunceda abantwana bafunde ngecebo likaBawo oseZulwini lolonwabo neenyaniso ezisisiseko zevangeli kaYesu Krestu. Njengokuba abantwana becula ngemigaqo yevangeli, uMoya oyiNgcwele uyakungqina ngobunyani babo. Amazwi nomculo uya kuhlala ezingqondweni nasezintliziyweni zabantwana ubomi babo bonke.

Funa uncedo loMoya njengoko ulungiselela ukufundisa ivangeli ngomculo. Yabelana ngobungqina bakho beenyaniso ocula ngazo. Nceda abantwana babone ukuba umculo unxulumana njani noko bakufundayo nabakuvayo ekhaya nakwiiklasi zaBantwana Abancinane.

Izikhokelo zoMboniso weNtlanganiso yoMthendeleko

Ngokukhokelwa ngubhishophu, umboniso wentlanganiso yomthendeleko wabantwana uqhele ukubanjwa kwikota yesine yonyaka. Njengobongameli baBantwana nenkokeli yomculo, sebenza kunye nomcebisi kubhishophu owongamela Abantwana Abancinane ukucwangcisa umboniso.

Umboniso kufuneka uvumele abantwana ukuba babonise oko bona neentsapho zabo bakufundileyo kwiNcwadi kaMormoni ekhaya nakwiklasi yaBantwana Abancinane, kuquka iingoma zaBantwana abazicule apha enyakeni. Njengoko ucwangcisa umboniso, cinga ngeendlela enokunceda ngayo ibandla ukuba ligxile kuMsindisi neemfundiso zaKhe.

Amabandla anamanani amancinane abantwana anokuqwalasela iindlela amalungu osapho anokuthi athathe inxaxheba ngayo kunye nabantwana babo. Ilungu lobubhishophu linokuqukumbela intlanganiso ngamazwi amafutshane.

Njengoko ulungiselela umboniso, khumbula ezi zikhokelo zilandelayo:

  • Uqheliselo akufuneki luthathe ixesha elingeyomfuneko kude neeklasi zaBantwana okanye kwiintsapho.

  • Izinto ezibonakayo, izinxibo, kunye nemiboniso yeendaba azifanelekanga kwintlanganiso yomthendeleko.

Bona General Handbook: Serving in The Church of Jesus Christ of Latter-day Saints12.2.1.2.

Imiyalelo Yexesha Lokucula

5 imizuzu (Ubongameli baBantwana Abancinane): Umthandazo wokuvula, isibhalo okanye isivumo sokholo, nentetho enye

20 imizuzu (inkokeli yomculo): Ixesha lokucula

Ubongameli baBantwana Abancinane nenkokeli yomculo bakhetha iingoma zenyanga nganye ukuqinisa imigaqo abantwana abayifunda kwiiklasi zabo nasekhaya. Uluhlu lweengoma ezibethelela le migaqo luqukiwe kwesi sikhokelo.

Njengokuba ufundisa abantwana iingoma, bameme ukuba babelane ngoko sele bekufundile ngamabali nemigaqo yeemfundiso ezifundiswa ngamaculo. Mema abantwana babelane ngeengcinga neemvakalelo zabo ngeenyaniso ezifumaneka kwiingoma.

Amaculo neeNgoma zaBantwana sisixhobo esisisiseko somculo waBantwana. Amaculo akwincwadi yamaculo kunye amaculo kwincwadi Umhlobo kananjalo afanelekile. Ukusetyenziswa kwawo nawuphi na omnye umculo kwiklasi yaBantwana kufuneka kuvunywe ngubhishophu (bona General Handbook12.3.4).

Umfanekiso
abantwana becula

Umculo weXesha Lokucula

EyoMqungu

  •   

  •   

  •  Khetha iculo elixhasa imfundiso efundiswa kule nyanga kuYizani, Nindilandele.

EyoMdumba

  •   

  •   

  •  Khetha iculo elixhasa imfundiso efundiswa kule nyanga kuYizani, Nindilandele.

EyoKwindla

  •   

  •   

  •  Khetha iculo elixhasa imfundiso efundiswa kule nyanga kuYizani, Nindilandele.

UTshazimpunzi

  •   

  •  Khetha iculo elixhasa imfundiso efundiswa kule nyanga kuYizani, Nindilandele.

Canzibe

  •   

  •   

  •  Khetha iculo elixhasa imfundiso efundiswa kule nyanga kuYizani, Nindilandele.

EyeSilimela

  •   

  •   

  •  Khetha iculo elixhasa imfundiso efundiswa kule nyanga kuYizani, Nindilandele.

EyeKhala

  •   

  •  

  •  Khetha iculo elixhasa imfundiso efundiswa kule nyanga kuYizani, Nindilandele.

EyeThupha

  •   

  •  Khetha iculo elixhasa imfundiso efundiswa kule nyanga kuYizani, Nindilandele.

EyoMsintsi

  •   

  •   

  •  Khetha iculo elixhasa imfundiso efundiswa kule nyanga kuYizani, Nindilandele.

EyeDwarha

  •   

  •  Khetha iculo elixhasa imfundiso efundiswa kule nyanga kuYizani, Nindilandele.

EyeNkanga

  •   

  •  Khetha iculo elixhasa imfundiso efundiswa kule nyanga kuYizani, Nindilandele.

EyoMnga

  •   

  •   

  •  Khetha iculo elixhasa imfundiso efundiswa kule nyanga kuYizani, Nindilandele.

Ukusebenzisa Umculo ukuFundisa iMfundiso

Ixesha lokucula lenzelwe ukunceda abantwana bafunde iinyaniso zevangeli. Izimvo ezilandelayo zingakukhuthaza njengoko uceba iindlela zokufundisa imigaqo yevangeli efumaneka kumaculo neengoma zaBantwana Abancinane.

Funda izibhalo ezinxulumeneyo.    Nceda abantwana bafunde ezinye zezi zicatshulwa, kwaye bathethe ngendlela izibhalo ezihambelana ngayo nengoma. Ungadwelisa kananjalo iimbekiselo zezibhalo ezimbalwa ebhodini kwaye umeme abantwana ukuba batshatise imbekiselo nganye yengoma okanye umqolo wengoma.

Gcwalisa isikhewu. Bhala umqolo wengoma ebhodini unamagama angundoqo aliqela angekhoyo. Emva koko cela abantwana ukuba bacule ingoma, bemamele amagama avala izikhewu. Njengokuba bezalisa isikhewu ngasinye, xoxa ukuba yeyiphi imigaqo yevangeli oyifundayo kumagama angekhoyo.

Umfanekiso
ixesha lokucula lenkokeli

Ngqina. Nikela ngobungqina obufutshane ebantwaneni beenyaniso zevangeli ezifumaneka kwingoma yaBantwana. Nceda abantwana baqonde ukuba ukucula yenye yendlela abanokunika ngayo ubungqina kwaye bawuve uMoya.

Yima njengengqina Mema abantwana ukuba batshintshisane bemile kwaye besabelana ngoko bakufundayo kwingoma abayiculayo okanye indlela abaziva ngayo ngeenyaniso ezifundiswa engomeni. Babuze ukuba baziva njani xa becula ingoma, kwaye ubancede bachonge impembelelo yoMoya oyiNgcwele.

Sebenzisa imifanekiso. Cela abantwana bakuncede ufumane okanye wenze imifanekiso ehamba namagama abalulekileyo okanye amabinzana engomeni. Bameme ukuba babelane ngendlela imifanekiso enxulumana ngayo nengoma kwaye nento efundiswa yile ngoma.    Cela abantwana ukuba baqokelele imifanekiso kwaye bayiphakamise ngokulandelelana kwayo njengoko nicula ingoma kunye.

Yabelana ngesifundo sento Unokusebenzisa into ukukhuthaza ingxoxo malunga nengoma.  Ngokomzekelo; ungacula kunye nabantwana ingoma yokholo. Usenokubonisa abantwana imbewu uze uthethe ngendlela esibonisa ngayo ukholo xa sityala imbewu; oku kunokukhokelela kwingxoxo ngeendlela esibonisa ngazo ukholo kuYesu Krestu, njengoko kuchazwe kwingoma.

Mema ukwabelana ngamava obuqu. Nceda abantwana banxulumanise imigaqo efundiswa engomeni kunye namava abanawo nale migaqo.  Ngokomzekelo, ngaphambili kokuba nicule ingoma ngeetempile, ungabuza abantwana ukuba baphakamise izandla zabo ukuba bakhe bayibona itempile. Bameme, njengoko becula, ukuba bacinge ngendlela abaziva ngayo xa bebona itempile.

Buza imibuzo. Mininzi imibuzo onokuyibuza njengoko nicula iingoma. Ngokomzekelo, unokubuza abantwana ukuba bafunda ntoni kumqolo ngamnye wengoma. Unokubacela kananjalo ukuba bacinge ngemibuzo ephendulwa yingoma. Oku kunokukhokelela kwingxoxo yeenyaniso ezifundiswa kwingoma.

Sebenzisa izenzo ezilula zezandla. Mema abantwana ukuba bacinge ngezenzo zezandla ezilula ukubanceda bakhumbule amagama nemiyalezo yengoma.     

Shicilela