Imiboniso Bhanya bhanya neMifanekiso
INcwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli


Ukusebenzisa Le Ncwadi

Lo msebenzi wobugcisa ukule ncwadi umiswe kakuhle ngokwahlulwa - hlulwa ube ngamacandelo asithandathu: iTestamente ENdala, iTestamente Entsha, iNcwadi kaMormoni, iMbali yeCawa, iVangeli Elenziwayo kunye nale- AbaProfeti beNtsuku zokuGqibela. Ungayisebenzisa le Mifanekiso xa ufunda naxa ufundisa ekhayeni okanye ecaweni. Olu luhlu lungezantsi lunika umfanekiso ngamnye intloko echazayo kunye nobhekiso kwizibhalo ezingcwele nezinye intsusela ezibangele lemifanekiso ezinokusetyenziswa ezifundweni nasezingxoxweni ngale mifanekiso. Ukufuna nokukhangela ezi zibhalo zingcwele zihamba nalemifanekiso nezizibhekiso kuya kukwenza ukuba uziqonde nzulu iziganeko kunye neemfundiso zevangeli eziboniswayo yile mifanekiso. Qwalasela ucinge ngalamanqaku alandelayo okusebenzisa le mifanekiso kunye nezibhekiso zayo:

  • Mema abantu ukuba bakhangele izibhalo ezingcwele okanye ezinye imvelaphi ezihamba naloo mfanekiso ukhethiweyo. Bacele ukuba bafunde okanye ukuba bashwankathele uphando lwabo lwezibhalo ezingcwele, nezinye imvelaphi xa bexoxa ngomfanekiso.

  • Cela usapho okanye abafundi eklasini ukuba bachaze ukuba yintoni abayibonayo emfanekisweni okanye ubacele bachaze ukuba loo mfanekiso ubenza ukuba bazive njani na ezintliziyweni zabo. Ingaba lo mfanekiso ufundisa owuphi umgaqo wevangeli? Ngeziphi izenzo ezinokwenziwa ebomini bethu namhlanje?

  • Mema abantu ukuba bajonge kule mifanekiso ngokwabo. Bangakhetha imifanekiso emibini ukuba bayithelekise kwaye bajonge umahluko. Ingqwalaselo yabo nemibuzo yabo ngako bakubonayo kungaba khokelela ekuncokoleni ngezibhalo ezingcwele kunye nangemigaqo yevangeli.

Shicilela