Umhlobo
Iminqophiso noXanduva
UCanzibe 2024


UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, UCanzibe 2024

Iminqophiso noXanduva

Izicatshulwa

Umfanekiso
alt text

EPhilippines

Umnqophiso sisibophelelo sokufezekisa uxanduva oluthile. Izibophelelo zobuqu zibalulekile kulawulo lobomi bethu ngabanye nasekusebenzeni koluntu. …

Lathi lakufika ixesha lokuBuyiselwa kokuzaliseka kwevangeli kaYesu Krestu, uThixo wabiza umprofeti, uJoseph Smith. … [INcwadi kaMormoni] ngowona mthombo woBuyiselo olukhulu lokukuzaliseka kwevangeli, kuquka icebo likaThixo labantwana baKhe, neNcwadi kaMormoni izaliswe ngokubhekisele kwiminqophiso. …

Iminqophiso yayisisiseko kuBuyiselo lwevangeli. Oku kubonakala kumanyathelo okuqala iNkosi eyawayalela uMprofeti ukuba awathabathe ekumiseleni iBandla laYo. …

Ibandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela liBandla lakha iitempile kwihlabathi jikelele. Injongo yabo kukusikelela abantwana bomnqophiso bakaThixo ngonqulo lwasetempileni kunye noxanduva olungcwele namandla neentsikelelo ezikhethekileyo zokubotshelelwa kuKrestu abazifumana ngomnqophiso.

IBandla likaYesu Krestu laziwa njengebandla eligxininisa ukwenza iminqophiso noThixo. Iminqophiso yimvelo yemimiselo nganye yosindiso kunye nokuphakanyiswa kwabaphathi beBandla elibuyisiweyo. Ummiselo wobhaptizo neminqophiso enxulumene nawo yimfuneko yokungena kubukumkani beselestiyali. Imimiselo neminqophiso enxulumene netempile iyimfuneko yokuphakanyiselwa kubukumkani beselestiyali, obubomi obungunaphakade, “esona sipho sikhulu sazo zonke izipho zikaThixo” [IMfundiso neMinqophiso 14:7]. Leyo yingqwalasela yeBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela.

Shicilela