2023
Cinga Selestiyali!
EyeNkanga 2023


Umyalezo weNyanga Liyahona, EyeNkanga 2023

Cinga Selestiyali!

Izigqibo zakho zizakugqiba indawo oya kuhlala kuyo ngonaphakade, uhlobo lomzimba oya kuvuka nawo ekufeni, nabo uya kuphila nabo ngonaphakade.

Bazalwane noodade bam abathandekayo, ndinombulelo onzulu ukuthetha nani namhlanje. Kweyam iminyaka, usuku ngalunye olutsha luzisa izinto ezimangalisayo kwakunye nemiceli mngeni eyothusayo. Kwiiveki ezintathu ezidlulileyo, ndonzakalise izihlunu zomqolo wam. Ngoko, ngelixa ndinikezele iintshumayelo zenkomfa yajikelele ezingaphezulu kwe-100 ndimile, namhlanje bendicinga ukuba ndingenza njalo ndihleli. Ndiyathandaza ukuba uMoya uzokuthwala umyalezo wam ezintliziyweni zenu namhlanje.

Kutshanje ndibhiyozele usuku lwam lokuzalwa lwama-99 kwaye ke ndiqale unyaka wam we-100 wokuphila. Ndisoloko ndibuzwa imfihlelo yokuphila ixesha elide kangaka. Umbuzo ongcono unokuba “Ndifunde ntoni ekusondelele kwinkulungwane yokuphila?”

Ixesha namhlanje alindivumeli ukuba ndiphendule loo mbuzo ngokupheleleyo, kodwa ndabelana ngesinye sezona zifundo zibalulekileyo endizifundileyo.

Ndifundile ukuba icebo likaBawo oseZulwini elenzelwe thina liyamangalisa, ukuba into esiyenzayo kobu ubomi ngenene ibalulekile, kwaye iNtlawulelo yoMsindisi yiyo eyenza icebo likaBawo wethu lifezeke.1

Njengoko ndijijisene nentlungu eqatha ebangelwe kukwenzakala kwam kwamva nje, Ndive ixabiso elinzulu ngoYesu Krestu nesipho esingaqondakaliyo seNtlawulelo yaKhe. Yicinge! UMsindisi weva “iintlungu neembandezelo nezihendo zazo zonke iindidi”2 ukuze Yena akwazi ukusithuthuzela, asiphilise, asihlangule kumaxesha entswelo.3 UYesu Krestu wachaza amava aKhe eGetsemane naseKalvari: “Ukubulaleka okwenza isiqu sam, nkqu Thixo, onguyena mkhulu wabo bonke, angcangcazele ngenxa yentlungu, kwaye ophe kwiintunja zonke.”4 Ukwenzakala kwam kuye kwandenza ndacinga ngokuphindaphindiweyo “ubungangamsha bakhe oNgcwele kaSirayeli.”5 Ngexesha lokuphiliswa kwam, iNkosi iwabonakalisile amandla ayo angcwele ngeendlela ezinoxolo nezingaphazamiyo.

Umfanekiso
Part of a worldwide series of photographs taken in connection with General Conference. September 30 - October 1, 2023. Pictures were taken in Peru.

iPeru

Ngenxa yeNtlawulelo kaYesu Krestu engenasiphelo, icebo likaBawo wethu oseZulwini licebo eligqibeleleyo! Ukuqonda icebo likaThixo elimangalisayo kususa imfihlelo ebomini nokungaqiniseki kwikamva lethu. Ivumela ngamnye wethu ukuba azikhethele indlela aza kuphila ngayo apha emhlabeni nendawo esiza kuhlala kuyo ngonaphakade. Ingcamango engenasiseko yokuba “yidla, usele, kwaye uchwayite, kuba ngengomso siya kufa; kwaye kuya kuba kuhle kuthi.”6 bobunye bobona buxoki bungenangqondo kwindalo iphela.

Nazi iindaba ezinkulu zecebo likaThixo: izinto kanye eziza kwenza ubomi bakho basemhlabeni bu bengobona bubalaseleyo zezifana ngqo nezinto eziya kwenza ubomi bakho bonke ngonaphakade bu bengobona bu balaseleyo! Namhlanje, ukunceda ukuba ulungele iintsikelelo ezityebileyo uBawo oseZulwini anazo ngawe, ndiyakumema ukuba wamkele isiqhelo “sokucinga selestiyali”!7 Ukucinga selestiyali kuthetha ukuba nengqondo yomoya. Sifunda kwiNcwadi kaMormoni umprofeti uYakobi ukuba “ukucinga ngokomoya bubomi obungunaphakade.”8

Umfanekiso
Part of a worldwide series of photographs taken in connection with General Conference. September 30 - October 1, 2023. Pictures were taken in Utah.

I-United States

Ubomi basemhlabeni kuligumbi lokufundela eliphuzulu lokufunda ukukhetha izinto ezibaluleke kakhulu zanaphakade. Abaninzi kakhulu abantu baphila ngokungathi obu bomi bubo kuphela obukhoyo. Nangona kunjalo, izigqibo zakho namhlanje zizakugqiba izinto ezintathu: indawo oza kuhlala kuyo ngonaphakade, uhlobo lomzimba oyakuthi uvuswe nawo, nabo abo oyakuthi uphile nabo ngonaphakade. Ngoko cinga selestiyali.

Kumyalezo wam wokuqala njengoMongameli weBandla, ndanikhuthaza ukuba niqale ngesiphelo engqondweni. Oku kuthetha ukwenza ubukumkani beselestiyali injongo yakho yanaphakade kwaye ucinge ngononophelo apho isigqibo zakho ngasinye ngelixa ulapha emhlabeni siyakukubeka khona kwihlabathi elizayo.9

INkosi ifundise ngokucacileyo ukuba ngamadoda nabafazi kuphela abatywinwe njengamadoda nabafazi etempileni, nabagcina iminqophiso yabo, abaya kuba kunye kuwo onke amaphakade. Yena uthe, “Yonke iminqophiso, izivumelwano, iimbophelelo, izinyanzeliso, izifungo, izibhambathiso, izenzo, iziqhagamisheli, iimanyano, okanye izinto ezilindelekileyo, ezingenziwanga kwaye zangeniswa zaze zatywinwa ngoMoya oyiNgcwele wesithembiso … zinesiphelo xa abantu befile.”10

Ngaloo ndlela, ukuba ngokungenabulumko sikhetha ukuphila ngemithetho yethelestiyali ngoku, sikhetha ukuvuswa sinomzimba wethelestiyali. Sikhetha ukungahlali neentsapho zethu ngonaphakade.

Ngoko, bazalwana noodade bam abathandekayo, nifuna ukuphila njani phi yaye nabani ngonaphakade? Ufumana ukukhetha.11

Xa usenza ukhetho, ndikumema ukuba uthathe umbono omde—umbono wanaphakade. Beka uYesu Krestu kuqala, kuba ubomi bakho banaphakade buxhomekeke kukholo lwakho kuYe nakwiNtlawulo yaKhe.12 Bona kananjalo buxhomekeke ekuthobeleni kwakho imithetho yaKhe. Ukuthobela kuvulela indlela yobomi obonwabisayo namhlanje nomvuzo omkhulu, ongunaphakade ngomso.

Xa ujongene nengxaki, cinga selestiyali! Xa uvavanywa ngokuhendwa, cinga selestiyali! Xa ubomi okanye abantu obathandayo bekudanisa, cinga selestiyali! Xa umntu efa ngaphambi kwexesha, cinga selestiyali. Xa umntu ehlala nesifo esitshabalalisayo, cinga selestiyali. Xa iingcinezelo zobomi zixinene phezu kwakho, cinga selestiyali! Njengoko uchacha kwingozi okanye ukwenzakala, njengokuba ndisenza ngoku, cinga selestiyali!

Njengoko unikela ingqalelo ekucingeni selestiyali, lindela ukudibana nokuchaswa.13 Kumashumi eminyaka eyadlulayo, ugxa wam oqeqeshiweyo wandigxeka ngokuba “netempile eninzi” kum, kwaye ngaphezulu komphathi omnye wandohlwaya ngenxa yokholo lwam. Ndiqinisekile, kananjalo, ukucinga selestiyali kwaphucula umsebenzi wam.

Njengoko ucinga selestiyali, intliziyo yakho iza kutshintsha ngokuthe ngcembe. Uza kufuna ukuthandaza rhoqo nangokunyaniseka ngakumbi. Nceda ungavumeli imithandazo yakho ivakale njengoluhlu lokuthenga. Umbono weNkosi uyabodlula ubulumko bakho basemhlabeni. Impendulo yaKhe kwimithandazo yakho inako ukukothusa kwaye iyakunceda ucinge selestiyali.

Cinga ngempendulo yeNkosi kuJoseph Smith xa wayebongoza ukuba akhululeke kwintolongo yaseLibhathi. INkosi yamfundisa uMprofeti ukuba impatho yakhe engenabuntu iyakumnika amava kwaye ibe luncedo kuye.14 “Ukuba uzinyamezela kakuhle,” yathembisa iNkosi, “uThixo uya kukuphakamisela wena phezulu.”15 INkosi yayifundisa uYosefu ukuba acinge selestiyali kwaye abe nombono womvuzo wanaphakade kunokuba agxile kubunzima obumandundu bemini. Imithandazo yethu ingaba—kwaye kufuneka ibe—ziingxoxo eziphilayo kunye noBawo wethu oseZulwini.

Njengoko ucinga selestiyali, uya kuzifumana uphepha nantoni na ekuphanga igunya lakho lokukhetha. Nakuphi na ukukhotyokiswa—enoba kukudlala, ukungcakaza, ukugembhula, iziyobisi, utywala, umsindo, imifanekiso engamanyala, ukwabelana ngesondo, kwanokutya—kuyamcaphukisa uThixo. Ngoba? Ngenxa inkanuko yakho iba nguthixo wakho. Ujonga kuyo kunokuba ukhangele kuYe ukuze ufumane intuthuzelo. Ukuba unengxaki yokukhotyokiswa, funa uncedo lokomoya nolwengcali oludingayo. Nceda ungayeki inkanuko ikuhluthe inkululeko yakho yokulandela icebo likaThixo elimangalisayo.

Ukucinga selestiyali kuyakukunceda ukuba uthobele umthetho wobunyulu. Zimbalwa izinto eziya kubenza nzima ubomi bakho ngokukhawuleza kunokwaphula lo mthetho wobuthixo. Kwabo abenze iminqophiso noThixo, ukuziphatha kakubi yenye yeendlela ezikhawulezayo zokuphulukana nobungqina bakho.

Uninzi lwezilingo ezingapheliyo zotshaba zibandakanya ukwaphulwa kokuziphatha nyulu. Amandla okudala ubomi lelona lungelo lobuthixo uBawo oseZulwini avumela abantwana baKhe basemhlabeni ukuba balisebenzise. Ngaloo ndlela, uThixo wamisela ulwalathiso olucacileyo lokusetyenziswa kwala mandla aphilayo, obuthixo. Ukusondelelana ngokwasenyameni kokwendoda nomfazi abatshatileyo kuphela.

Uninzi lwehlabathi aluyikholelwa le nto, kodwa uluvo loluntu ayingomlali wenyaniso. INkosi ibhengeze ukuba akukho mntu ungacocekanga uya kuzuza ubukumkani beselestiyali. Ngoko xa usenza izigqibo ngokuziphatha, nceda ucinge selestiyali. Kwaye ukuba uye waziphatha kakubi, ndiyakubongoza ukuba uguquke. Yiza kuKrestu kwaye wamkele isithembiso saKhe soxolelo olupheleleyo njengoko uguquka ngokupheleleyo ezonweni zakho.16

Umfanekiso
Three young children sit together and watch a session of conference together. Part of a worldwide series of photographs taken in connection with General Conference. September 30 - October 1, 2023. Pictures were taken in Denmark.

eDenmark

Njengoko ucinga selestiyali, uyakuzibona izilingo nenkcaso ngendlela entsha. Xa umntu omthandayo ehlasela inyaniso, cinga selestiyali, kwaye ungathandabuzi ubungqina bakho . UmPostile uPawulos waprofeta wathi “ngamaxesha amva inxenye iya kumka elukholweni, inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon.”17

Akukho siphelo kwiinkohliso zomchasi. Nceda uzilungiselele. Ungaze uthathe ngcebiso kwabo bangakholwayo. Funa isikhokelo kumazwi onokuwathemba—kubaprofeti, iimboni, nabatyhili nokusebeza koMoya oyiNgcwele, oya “kunixelela zonke izinto enimele ukuzenza.”18 Nceda yenza umsebenzi womoya ukwandisa amandla akho okufumana isityhilelo sakho sobuqu.19

Njengoko ucinga selestiyali, ukholo lwakho luya kwanda. Ngexesha ndingumphangeli omtsha oqeqeshelwa umsebenzi, umvuzo wam yayi-$15 ngenyanga. Ngobunye ubusuku, inkosikazi yam uDantzel yabuza ukuba ndandisihlawula na isishumi kuloo mvuzwana umncinane. Ndandingasihlawuli. Ndaguquka ngokukhawuleza ndaza ndaqalisa ukuhlawula $1.50 eyongezelelekileyo yesishumi senyanga.

Ingaba iBandla lalohlukile ngenxa yokuba sandise isishumi sethu? Akunjalongo noko. Nangona kunjalo, ukuba ngumntu ohlawula isishumi esipheleleyo kwanditshintsha mna. Kulapho ndafunda khona ukuba ukubhatala isishumi kumalunga nokholo, hayi imali. Ndathi ndakuba ngumbhatali wesishumi esipheleleyo, iingcango zezulu zaqala ukuvuleka kum. Ndiwanxibelelanisa alandelayo amathuba aliqela kwintlawulo yethu ethembekileyo yesishumi.20

Ukuhlawula isishumi kufuna ukholo, kwaye kananjalo kwakha ukholo kuThixo noNyana waKhe oyiNtanda.

Ukukhetha ukuphila ubomi obundilisekileyo kwihlabathi elihlaselwe ngokwesondo, nelineepolitiki kwakha ukholo.

Ukuchitha ixesha elininzi etempileni kwakha ukholo. Kwaye inkonzo yakho nonqulo lwakho etempileni luyakunceda ukuba ucinge selestiyali. Itempile yindawo yesityhilelo. Pha uyaboniswa indlela yokuqhubela phambili ukuya kubomi beselestiyali. Pha usondela ngakumbi kuMsindisi kwaye unikwe ukufikelela okukhulu kumandla aKhe. Pha ukhokelwa ekusombululeni iingxaki zobomi bakho, kwanezona ngxaki zinixakileyo.

Imimiselo neminqophiso yetempile inentsingiselo yanaphakade. Siyaqhubeleka nokwakha iitempile ezininzi ukwenza ezi zinto zinokwenzeka zingcwele zibe yinyani kubomi benu bonke. Sinombulelo ukwazisa ngezicwangciso zethu zokwakha itempile kwindawo nganye kwezingama-20 zilandelayo:

  • Savai’i, eSamoa

  • Cancún, eMexico

  • Piura, ePeru

  • Huancayo, ePeru

  • Viña del Mar, eChile

  • Goiânia, eBrazil

  • João Pessoa, eBrazil

  • Calabar, eNigeria

  • Cape Coast, eGhana

  • Luanda, eAngola

  • Mbuji-Mayi, eDemocratic Republic of the Congo

  • Laoag, ePhilippines

  • Osaka, eJapan

  • Kahului, Maui, eHawaii

  • Fairbanks, eAlaska

  • Vancouver, eWashington

  • Colorado Springs, eColorado

  • Tulsa, eOklahoma

  • Roanoke, eVirginia

  • Ulaanbaatar, eMongolia

INkosi iyasikhokela ukuba sakhe ezi tempile ukuze zisincede sicinge selestiyali. UThixo uyaphila! UYesu unguKrestu. IBandla laKhe libuyisiwe ukuba lisikelele bonke abantwana bakaThixo. Ndiyangqina ngokunjalo egameni elingcwele likaYesu Krestu, amen.

Amanqaku

  1. Bona Yohane 6:38

  2. Alma 7:11.

  3. Bona Alma 7:12.

  4. IMfundiso neMinqophiso 19:18

  5. 2 Nifayi 9:40.

  6. 2 Nifayi 28:7.

  7. Kusenokubonakala kulula ukuguquka nokwenza inkqubela ngokomoya apha, ngelixa umoya wethu umanyene nomzimba wethu, kuna kwihlabathi elizayo phakathi kwexesha lokufa novuko lwethu. Njengoko u-Amyuleki wafundisa amaZoramayithi awexukileyo, “Obu bomi lilixa lokuba… bazilungiselele ukuhlangana noThixo” (bona Alma 34:32–35).

  8. 2 Nifayi 9:39.

  9. Bona Mozaya 4:30, apho uKumkani uBhenjamin ayala abantu bakhe, “ukuba anizilumkeli, neengcinga zenu, namazwi enu, nezenzo zenu, kwaye niqwalasele ukuyigcina imiyalelo kaThixo, kwaye niqhubeke elukholweni… , kwakufuneka nitshabalale.”

  10. IMfundiso neMinqophiso 132:7; ugxininiso longezelelwe.

  11. Ngokuqinisekileyo, ilungelo lakho lokuzikhethela alikwazi cima ilungelo lomnye neziphumo ezilindelekileyo. Ndandingxamele ukuba nditywinwe kubazali bam. Nangona kunjalo, kwafuneka ndilinde de bona bakhethe ukufumana isipho esisesabo, xa babengaphezu kweminyaka engama-80 ubudala. Bandula ke batywinwa njengendoda nomfazi, saza thina bantwana satywinwa kubo.

  12. Izibhalo zingqina ngokuphindaphindiweyo ukuba isipho sobomi obungunaphakade sinokwenzeka kuphela kuko ukulunga, inceba, nobabalo loMsindisi uYesu Krestu.(bona, umzekelo, Moronayi 7:41; bona kananjalo 2 Nifayi 2:6–8, 27).

  13. Bona 2 Nifayi 2:11

  14. Bona IMfundiso neMinqophiso 122:7

  15. IMfundiso neMinqophiso 121:8

  16. Bona Isaya 1:16–18; IMfundiso neMinqophiso 58:42–43.

  17. Timoti I 4:1 Umqolo olandelayo uyaqhubekeka, “Bathetha ubuxoki; betshiswe isazela sabo ngentsimbi” (umqolo 2). Kwakhona uPawulos wavakalisa ukuba bonke abo “[ba]hlala ngokuhlonela uThixo kuKrestu Yesu baya kutshutshiswa” (Timoti II 3:12).

  18. 2 Nifayi 32:5; ugxininiso longezelelwe. Ukuba siya kucela, siya “kufumana isityhilelo phezu kwesityhilelo, ulwazi phezu kolwazi” (IMfundiso neMinqophiso 42:61).

  19. Bona Russell M. Nelson, “Isityhilelo seBandla Isityhilelo Sobomi Bethu,” Ensign or Liyahona, UCanzibe 2018, 96.

  20. Oku akuthethi ukuba kukho ubudlelwane besizathu nesiphumo. Abanye abangasihlawuliyo isishumi bafumana amathuba omsebenzi, ngelixa abanye abahlawula isishumi bengawafumani. Isithembiso sesokuba iingcango zezulu ziya kuvulelwa umhlawuli wesishumi. Isimo seentsikelelo ziya kwahluka.

Shicilela