2011
Icala Elihle LokuLunywa YiNja.
Matshi 2011


ulutsha

Icala Elihle LokuLunywa YiNja

Ngehlobo lango2009, Ndalunywa yinja yetshomi yam ebusweni bam. Ngelishwa, inyeke yam yakrazuka phakathi, kwaye kwafuneka ukuba ndithungwe.

Emva kwengozi, ngandihle intliziyo. Ndavumela ubunzima bulawule iingcinga zam, kwaye Ndandisiva ingathi ubomi bam babumoshakele. Ndandi zigadile ngomlebe wam kwaye ndingafuni ukuphuma ndibe ngaphandle nowonke - wonke. Ezingcingeni zam amacebo am okudlala ipiyano, ivolliball, necawa, nokuqubha, kwaye nesikolo zazitshatyalaliswe kukwenzakala kwam.

Kodwa nanini na xa Ndithandaza, ndifumana iitsikelelo zobubingeleli, ndincokola nabazali bam, okanye ndindwendwela lusapho lwam neetshomi zam, imimoya yam yayinyuka kwaye ndandisiva ulonwabo ngexesha lonxunguphalo. Ndakhawuleza ndaqonda ukuba abantu babecinga ngokwenzakala kwam, babesiva imfesane.

Esi senzo nalamava andinceda ukuba ndakhe intlobo yomntu endiyiyo, kwaye ndafunda ukungakhathazeki kakhulu ngento abantu abayicingayo ngam. Ndandisikelelwe futhi ngokuba ukwenzakala kwam kwandinceda ukuba ndibone ukuba kufanele ukuba ndicingele abanye abantu. Umoya wam womelezwa ngelixesha.

Ndafunda ukuba ubunzima yinxenye yecebo uBawo waseZulwini analo ngathi. Ukuba sikhangele okulungileyo kwaye hayi okungalunganga, singoyisa ubunzima, sibengabantu ababhetele, kwaye sivumele amava omeleze ubungqina bethu.

Shicilela