2011
Ukukhangela OkuLungileyo
Matshi 2011


Umyalezo wesiMongameli Sokuqala, Matshi 2011

Ukukhangela OkuLungileyo

Xa sasikhangela ikhaya elitsha, amaqabane atshatileyo aNgcwele eNtsuku Zokugqibela awayesematsha ayethetha nababenokuba ngabamelwane babo ngentlalo yakuloo ngingqi kwaye nangezikolo ezazilapho kuloo ngingqi.

Omnye umfazi ababethetha naye wathi ngesikolo abantwana bakhe ababefunda kuso: “Le yeyona ndawo emangaza kakhulu kuyo! Inqununu yindoda elungileyo kakhulu; ootitshala bawenza kakuhle kakhulu umsebenzi wabo, banobubele, kwaye banobuhlobo. Kuyandonelisa ukuba abantwana bethu bahamba kwesisikolo singumangaliso omhle. Uzakuthanda apha!”

Omnye umfazi yena wathi ngesikolo sabantwana bakhe: “Yindawo embi lena. Inqununu yalapha kayikhathaleli mtu; ootitshala abanalo igunya lokufundisa, bakrwada, kwaye abanabuhlobo. Ukuba bendikwazi ukuhamba kulengingqi, bendiza kwenza lonto ngawo lo mzuzu!”

Into enikisa umdla kukuba bobabini ababafazi babethetha ngenqununu enye, nootitshala abanye, kwaye ngesikolo esifanayo.

Ukhe waqaphela ukuba abantu bayakwazi ukufumana nantoni na abayifunayo? Jonga kakhulu ngokwaneleyo, kwaye uyakubona ukuba ungabona okuhle nokubi phantse kumntu nakwi nto yonke. Abantu benze into efanayo ngeCawa kaYesu Krestu yeNtsuku ZokuGqibela ukusukela ekuqaleni kwayo. Abo abakhangela okuhle bayakufumana abantu abanobubele nabanemfesane—abantu abathanda iNkosi kwaye abalangazelela ukuMkhonza kwaye basikelele ubomi babantu abaphila nabo emhlabeni. Kodwa yinyaniso nokuba abo abakhangela okubi bayakufumana ngokuqinisekileyo izinto ezingathanga ncam ukuba ntle.

Ngelishwa, ngamanye amaxesha oku kuyenzeka nangaphakathi eCaweni. Akukho siphelo endalweni, ebuklelekleleni, nasekuzimiseleni kwabo bakhangela izizathu zokugxeka. Abakwazi ukuhlukana nokubamba inqala. Bayahleba kwaye bafumane iimpazamo kwabanye. Banesana namanxeba amashumi eminyaka, bathathe lonke ithuba ukutshabalalisa kwaye banyelise abanye. Oku akuyanelisi iNkosi, “ngokuba apho kukho umona nomlo, kukho ukudideka kwaye nawo wonke umsebenzi ongcolileyo” (EkaYakobi 3:16).

UMongameli George Q. Cannon (1827–1901) wayesazi uMongameli Brigham Young (1801–77) kakuhle, esebenza kufutshane naye iminyaka emininzi, elilungu kwaye leQumrhu Labapostile LabaLishumi kwaye ekwalilo nesekela lakhe kwisiMongameli sokuQala. Emva kokubhubha kuka Mongameli Young, uMongameli Cannon wabhala kwijenali yakhe: “Azange Ndamgxeka okanye ndifumane mpazamo kwizenzo zika [Brigham Young], kwingcebiso yakhe okanye kwimfundiso yakhe nangeliphi na ixesha entliziyweni yam, ingakumbi emazwini nakwizenzo zam. Oku kumnandi kum ngoku. Ingcinga eyayisoloko ikunye nam yayikukuba: Ukuba ndiyamgxeka okanye ndifumane impazamo naye, okanye ndimgwebe uMzalwane Brigham, ndandizakuya kude kangakanani; ukuba ndiyaqala, ndiyeke phi? Azange ndiqale ukuzithemba kwindlela enjalo. Ndandisazi ukumka kwinkolelo nemigaqo yecawa kwakusoloko kulethwa ngukuhlala kumoya wokugxeka nowokufumana impazamo. Abanye, abomelele kakhulu, nabanobulumko kwaye namava kunam, bangenza izinto ezininzi kwaye baphucuke kwiziphumo ezingcolileyo mna andisoze ndide ndizifake nokuzifaka apho nakancinci nje.”1

Ingcebiso kaMongameli Cannon enamandla yinto thina malungu eCawa ekufanele sicingisise ngayo ngenkathalo enkulu. Ilizwi likaThixo liqeqesha abalandeli bakaKrestu ukuba babe “nyulu, … babenoxolo, bathambe, kwaye babelula ukulungiseka, bazale yinceba kwaye neziqhamo ezilungileyo, ngokupheleleyo, nokuhanahanisa.” Ngokuba abo abenza uxolo, “iziqhamo zobulungisa zityalwa exolweni” (Eka Yakobi 3:17, 18).

Ngokuba siyakwazi ukukhetha. Singakwazi ukufumana okungalunganga kwabanye Okanye singenza uxolo kwaye sisebenze siphe nabanye ukuqonda, ubulungisa, nokuxolela esikulangazelelayo nathi. Kusemandleni ethu ukuba sikhethe, ngokuba nantoni na esiyifunayo, ngokuqiniseka siyakuyifumana.

Izikhumbuzo

  1. George Q. Cannon, Journal, Jan. 17, 1878; spelling modernized.

Ukufundisa ngaloMyalezo

“Ungaziva ingathi awuqondi kakuhle umgaqo othile olungiselela ukufundisa ngawo,” izikhumbuzo Teaching, No Greater Call ([1999], 19). “Kodwa njengokuba, uthandaza uyifundisisa, zama ukuwuphila, lungiselela ukuwufundisa, emva koko wabelane ngawo nabanye, ubungqina bakho buyakomelezwa benziwe nzulu.”

Njengokuba ukhangela okulungileyo ebomini kwaye nakwabanye kule nyanga, uzakulungela kakhulu ukufundisa lo myalezo kwaye nokungqina ngenyaniso yawo.

Shicilela