2011
Ngaphantsi koBubingeleli kwaye emva koko iPhatheni yoBubingeleli
Matshi 2011


UMyalezo waBaNdwendweli Makhaya, Matshi 2010

Ngaphantsi koBubingeleli kwaye emva koko iPhatheni yoBubingeleli

Funda lo myalezo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze odade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho.

Umfanekiso
Relief Society seal

Ukholo • Usapho • Uncedo

Boodade bam abathandekayo, uhlobo esisikeleleke ngalo! Asingamalungu nje qha eCawa, kodwa sikwangawo namalungu ooMbutho wooMama—“umbutho weNkosi wabafazi.”1 Umbutho wooMama bubungqina bothando uThixo analo lwamantombazana Wakhe.

Ingaba intliziyo yakho ayigcobi na xa icinga ngokuqala kwalo mbutho? NgoMatshi 17, 1842, UMprofeti Joseph Smith walungisa oodade “ngaphantsi kobubingeleli kwaye nasemva kwepatheni yobubingeleli.”2

Ukulungiswa “ngaphantsi kobubingeleli” kwanika oodade igunya kunye nendlela yokulandela. Eliza R. Snow, isekela lesibini kwisiMongameli soMbutho wooMama sajikelele, wafundisa ukuba uMbutho wooMama “awukwazi ukubakhona ngaphandle koBubingeleli, ngenxa yokuba ifumana lonke igunya lawo kunye nempembelelo yawo kuloo mveli.”3 UMdala Dallin H. Oaks weQumrhu LabaLishumi eLinesibini wacacisa,“Igunya emalisetyenziswe ngamagosa nootitshala booMbutho wooMama … yayiligunya elaliyakungcengcezelela kubo ngamandla okudibana kwabo kunye neCawa kaYesu Krestu Yentsuku Zokugqibela kwaye nangokumiselwa kwabo ngaphantsi kwezandla zenkokheli ezingababingeleli abababizileyo.”4

Ukulungiswa “emva kwepatheni yobubingeleli” kwanika oodade umsebenzi ongcwalisekileyo. Julie B. Beck, umongameli woMbutho wooMama wajikelele, wacacisa: “Sisebenza ngendlela yobubingeleli —lonto ithetha ukuba sikhangela, samkele, kwaye senze ngokwezityhilelo; sithathe izigqibo kwiintlanganiso; kwaye sithathele kuthi ukukhathalela abantu umntu ngamnye. Owethu yinjongo yobubingelelo wokuzilungiselela iintsikelelo zobomi banaphakade ngokwenza kwaye nangokugcina iminqophiso. Ke ngoko, njengabazalwane bethu abangababingeleli, owethu ngumsebenzi wentsindiso, wenkonzo, kwaye wokuba ngabantu bangcwele.”5

Barbara Thompson, isekela lesibini kwisiMongameli soMbutho wooMama sajikelele.

Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele

1 Abase Korinte 11:11; Imfundiso neMinqophiso 25:3; 121:36–46

Kuphuma Embalini Yethu

Ngoku kwakusakhiwa iTempile yaseNavvo, iqela loodade babelangazelela ukuzimisa ukuncedisa ulwakhiwo. Eliza R. Snow walungisa imithetho yeliqela litsha. Ngoku wayeyibonisa uMprofeti Joseph, waphendula: “Xelela oodade ukuba umnikelo wabo wamkelekile eNkosini, kwaye unokuhle afuna ukubapha kona. … Ndiyakumisa abafazi ngaphantsi kobubingeleli emva kwepatheni yobubingeleli.”6 Emva kwexesha elifutshane, uMprofeti waxelela UMbutho wooMama owayesandu ukumiswa: “ngoku Ndinika nina isitshixo egameni likaThixo, kwaye loMbutho uyakugcoba, kwaye ulwazi nobukleleklele buya kuhla ukususela ngeli xesha.”7 Oodade babelindelekile ukuba banyukele kwinqanaba elitsha lobungcwele kwaye balungiselele imimiselo yobubingeleli eyayizakwenziwa etempileni.

Izikhumbuzo

  1. Spencer W. Kimball, “Relief Society—Izathembiso kanye nokhono,” Ensign, Mar. 1976, 4.

  2. Joseph Smith, ecashunwa kwi Sarah Granger Kimball, “Ibali Lempilo Yomtu,” Woman’s Exponent, Sept. 1, 1883,.

  3. Eliza R. Snow, “Ubufazi Benhlangano Yomama,” Deseret News, Apr. 22, 1868, 81.

  4. Dallin H. Oaks, “Inhlangano Yomama kanye neCawa,” Ensign, May 1992, 36.

  5. Julie B. Beck, “Inhlangano Yomama: Ngumsebenzi Ongcwalisiweyo,” Liahona, Nov. 2009, 111.

  6. Joseph Smith, quoted in Kimball, “Ibala Lempilo yomtu,” 51.

  7. Iimfundiso zooMongameli beCawa: Joseph Smith (2007), 369.

Yintoni Endinokukwazi Ukuyenza?

  1. Ndingabanceda njani oodade endibandwendwelayo ukuba bonwabele iintsikelelo zomsebenzi ongcwalisekileyo zoMbutho wooMama?

  2. Ndizakwenza ntoni kule nyanga ukongeza ukwazi kwam ukufumana izityhilelo zam?

Shicilela