2011
Izithembiso Ezinexabiso Elihle zeNcwadi kaMormoni
Okthoba 2011


Umyalezo wesiMongameli Sokuqala, Okhthobha 2011

Izithembiso Ezinexabiso Elihle zeNcwadi kaMormoni

Kwiminyaka emininzi eyadlulayo Ndandime ecaleni kwebhedi yotata owayesemtsha xa wayeme phakathi kobomi nokufa. UNkosikazi wakhe owayeno nxunguphalo kunye nabantwana babo ababini babeme kufutshane. Wabamba isandla sam esandleni sakhe kwaye, endijonge ngamehlo acelayo, wathi, “Bishophu, Ndiyayazi ukuba sendizakufa. Ndixelele kwenzeka ntoni kumoya wam xa Ndiswelekile.”

Ndanikela ngomthandazo othuleyo ocela inkokhelo yezulu kwaye ndaqwalasela ukuba ecaleni kwebhedi yakhe kwakukho lamxube wencwadi ezintathu. Ndayithatha le ncwadi kwaye ndatyhila—tyhila amaphepha ayo. Ngokukhawuleza Ndafumanisa ukuba, Andizange ndisokole ekukhangeleni kwam, ndama kwisahluko 40 sikaAlma kwiNcwadi kaMormoni. Ndafumfundela la mazwi:

“Yabonani, ndazisiwe mna yingelosi, ukuba imimoya yabantu bonke, ngokukhawuleza xa beshiya umzimba wenyama, … bayathathwa basiwe ekhayeni kuThixo obanike ubomi.

“Kwaye …imimoya yabo abalungileyo iyamkelwa kwindawo yolonwabo, ebizwa ukuba yiparadesi, indawo nenqanaba lokuphumla, loxolo, apho baphumla khona kuzo zonke iinkathazo zabo, nakwizinto abazikhathaleleyo, kunye nonxunguphalo” (Alma 40:11–12).

Xa Ndandi qhubekeka ndifunda ngoVuko, ukukhanya noncumo kwafika ebusweni nasemlonyeni walo mfana. Emva kokugqiba, nasesiphelweni sondwendwelo lwam, Ndalubhabhayisa olusapho luhle.

Emva koko ndabona unkosikazi kunye nomntwana emngcwabeni. Xa ngokucinga ndibuyela koba busukuxa umfana wayeyizicelela inyaniso kwaye, impendulo yakhe wayiva iphuma eNcwadini kaMormoni.

KwiNcwadi kaMormoni kuphuma ezinye izithembiso ezixabisekileyo, kunye nesithembiso soxolo, senkululeko, kunye neentsikelelo esiyakukuzifumana xa ngoku khonza uThixo womhlaba nje qha, onguYesu Krestu” (Ether 2:12).

Emaphepheni wayo kuza isithembiso “solonwabo lwanaphakade olungapheliyo” kwabo “abagcina imithetho kaThixo. Yabonani, basikelelwe kuzo zonke izinto, “ngokomoya nangokomzimba wobomi bomhlaba” (Mozaya 2:41).

Emaphepheni wayo isithembiso “sovuyo olukhulukazi” kwabo baba zi[zi]xhobo ezandleni zikaThixo” ekukhululeni oonyana nabantwana abangamantobazana Bakhe (Alma 28:8; 29:9).

Emaphepheni wayo kuza isithembiso sokuba Amasirayeli athe saa ayakuqokelelwa—umsebenzi esithatha inxaxheba kuwo ehlabathini lonke ligabalele ngemizamo yabafundisi beminyaka emibini epheleleyo. (bona 3 Nefayi 16; 21–22).

Emaphepheni wayo kuphuma isithembiso sokuba xa sithandaza kuBawo egameni elingcwalisekileyo lika Yesu Krestu, amasapho wethu ayakusikelelwa (bona 3 Nefayi 18:21).

Esifundweni samaphepha ayo kuza ukuzaliseka kwesithembiso sokuba kuyakuza ebomini benu kwaye nasemakhayeni enu isilaniselo esongezelekileyo soMoya weNkosi, isisombululo nesigqibo esomeleziweyo sokuhamba entobelweni yemithetho Yakhe, kwaye nobungqina obunamandla benyaniso ephilayo nekhoyo ngoNyana kaThixo.”1

Kwaye emaphepheni ayo iNcwadi kaMormoni kuza isithembiso sikaMoronayi sokuba ngomthandazo, ngenjongo yokwenene, nokholo kuKrestu, singayazi inyaniso ngezi zithembiso “ngamandla woMoya oyiNgcwele” (bona Moronayi 10:4–5).

Kunye nabanye abaprofeti bentsuku zokugqibela, Ndiyangqina nganyaniso yokuba “le ncwadi ngeyona - yona inenyaniso kuzo zonke iincwadi ezisemhlabeni,”2 ewe kanye kanye iNcwadi kaMormoni, enye itestamente kaYesu Krestu. Umyalezo wayo ujikeleza umhlaba kwaye uphathela abafundi bayo ulwazi oluyi nyaniso. Bubungqina bam ukuba iNcwadi kaMormoni itshintsha ubomi. Yanga umntu ngamnye kuthi angayifunda kwaye aphinde ayifunde. Kwaye yanga singabelana ngovuyo nabanye abantu ngobungqina bethu bezithembiso ezixabisekileyo nakunye nabo bonke abantwana bakaThixo.

Izikhumbuzo

  1. Gordon B. Hinckley, “A Testimony Vibrant and True,” Liahona, Aug. 2005, 6.

  2. Iimfundiso zooMongameli beCawa: Joseph Smith (2007), 369

Ukufundisa ngaloMyalezo

In the scriptures “we find principles of truth that will resolve every confusion and every problem and every dilemma that will face the human family” (Teaching, No Greater Call [1999], 51). Xa usabelana ngalo myalezo kaMongameli Monson kunye nosapho, bameme ukuba bamamele ‘izithembiso ezinexabisekileyo” abazibonayo eNcwadini kaMormoni. Ungabelana ngesithembiso esisencwadini kaMormoni esiye sanento esiyithethayo kuwe.

Shicilela