2011
Ukuba AsiThandabuzi
Okthoba 2011


Umyalezo wabaNdwendweli Makhaya, Okhthobha 2011

Ukuba Asithandabuzi

Julie B. Beck, umongameli wajikelele woMbutho woMama.

Funda lo myalezo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze odade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho.

Ukholo • Usapho • Uncedo

KwiNcwadi kaMormoni sifunda ngomzekelo wabafana abasebatsha ababekhaliphile kakhulu, benngamagokra, kwaye benamandla. “Ewe, babenga madoda enyaniso kunye nokuzimisela beqiqile, ngokuba babefundisiwe ukugcina imithetho kaThixo kwaye nokuhamba kakuhle phambili kwakhe” (Alma 53:21). Aba bafana banokholo banika oomama babo iwonga—imizekelo nootitshala babo.

Oomama bamaqhawe kaHelaman babephila ngamaxesha angafaniyo nala wethu. Iimeko zabo zazinzima kwaye ziyingozi, kwaye ulutsha lwalubizwa ukuba lukhusele inkululeko yabo yomoya neyomzimba. Namhlanje siphila kwilizwe apho singalwiyo nenyama negazi, kodwa silwa nemigaqo, namandla, nabaphathi bobumnyama balomhlaba, silwa nokungalunganga komoya kwindawo eziphezulu” (Abase Efese 6:12).

Amaxesha anzima akhalela afuna abazali abanamandla kwaye abayimizekelo nabafundisa inyaniso eyayisaziwa ngamaqhawe kaHelaman: “Ukuba babengathandabuzanga, uThixo wayeza kubakhulula” (Alma 56:47). Ukufundisa kunye nokuba ngumzekelo walenyaniso kufuna ukuzimisela nokumamela. Kodwa, akukho mfuneko yokoyika. Xa sizazi ukuba singobanina kwaye ngubani uThixo kwaye senza iminqophiso kunye Naye, siye—njengaba mama bamaqhawe—sibe nempembelelo yokulunga

Kunokwenzeka kakhulu, ukuba ngamnye kulamaqhawe ayi-2,060 babephenjelelwe bakhuthazwa ngoomama babo. Kodwa aba mama zange benze njalo bodwa. Kunye namadoda alungileyo nabafazi, aba mama inokuba bamanyanisa ukholo lwabo kunye nomzekelo ukufundisa amandla eminqophiso. Abantu abancinci banamhlanje bayayiqonda iminqophiso yabo eyenziwa ngabazali babo ukuba bangalwi. Kwaye nangona kwakungathi akwenzeki, uBawo wasezulwini onothando wavula indlela yokuba aba bazali bayigcine iminqophiso yabo—kwaye bagcine inkululeko yabo (bona Alma 56:5–9). Nathi njengabo kufanele ukuba siyiphe imbeko iminqophiso yethu ukuze abantwana nolutsha—abantwana bethu nabo baseziwadini zethu, emasebeni, nakubamelwane, kwaye nakwii ndawo esihlala kuzo—bayakuqonda kwaye baxhase ukugcina iminqophiso.

Xa sigcina iminqophiso yethu, uBawo waseZulwini uyakukusilungiselela indlela. Kufanele siphile iminqophiso yethu ngendlela elungileyo neyinyaniso. Singakwazi, umzekelo, ukulunga ekuthandazeni, ekufundeni izibhalo ezingcwele, ukuba nemvume yokuya etempileni, ekunxibeni kakuhle, kwaye nasekuhlonipheni iCawa. Xa sisenza njalo, nabantwana bethu bayakukwazi kwaye bakwazi ukuthi, “Asibathandabuzi oomama bethu ukuba babesazi” (Alma 56:48).

Abafazi abangcwele bentsuku zokugqibela abawaziyo amandla abo aphuma kwiNtlawulo yeNkosi abayekeleli xa kungamaxesha anzima, alingayo. Njengabagcini beminqophiso, siyatshatshela ekugcineni, ekongeni, kwaye nasekukhuseleni abantwana nolutsha ukuze ngenye imini singathi ngesi sizukulu sikhulayo, “Azange Ndibubone ubukhalipha obukhulu, hayi, phakathi kwabo bonke.” (Alma 56:45).

Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele

Alma 53; 56–58

Yintoni Endinokukwazi Ukuyenza?

  1. Ndingabanceda njani oodade Bam ukuba bakwazi ukubona kwaye benze ngokwamandla abanawo ukukhulisa nokukhuthaza isizukulu esikhulayo?

  2. Ngeyiphi impembelelo endingayifumana kwiNcwadi kaMormoni ukuphendula iinzima endijongana nazo namhlanje?

Shicilela