ulutsha
Yazi ukuba uzakuthetha ntoni
Ukuba uziva ngathi awazi ngokwaneleyo ngevangeli ukuze wabelane nabanye, fumana ukuthuthuzeleka kwizithembiso ezivela kwiziibhalo.
Phakamisani amazwi wenu kwaba bantu; thethani iigcinga endizaku zifaka ezintliziyweni zenu,anisayi kubopheka phambi kwabantu;
“Uzakunikezwa ngaleloxesha, ewe, kuloyomzuzu, ukuba uzakuthini” (D&C 100:5–6).
Umthuthuzeli, onguMoya oyiNgcwele, uyakuthumelwa nguBawo ngegama lam, uyakuk’fundisa yonke into,uyakunikhumbuza zonke izinto, konke endikutshilo kuwe” (u Yohane 14:26).
Ezi zithembiso zinkulu, ukuba sizifumane, kufaneka sidlale indima yethu. Kulomyalezo,uMongameli Erying wasifundisa ukuba sizifumana kanjani: ”Zilungiselele ukwabelana [ivangeli] ngokugcwalisa ingqondo yakho mihla yonke ngenyaniso yevangeli.” Ungenza ntoni ukuba ugcwalise ingqondo yakho ngenyaniso yevangeli?