2012
Uncedo olunikezelwe kanye neentswelo ezikhethekileyo
Septemba 2012


Umyalezo wabaNdwendweli Makhaya, Septemba 2010

Uncedo olunikelweyo kanye neentswelo ezikhethekileyo

Funda lo myalezo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze odade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho.

Umfanekiso
Ibheji YoMbutho Woomama

Ukholo, Usapho, Uncedo

Iintswelo zabanye zisoloko zibonakala, “kwatsho uMongameli uThomas S. Monson, “sonke singathatha inxaxheba ekwenzeni into eluncedo komnye umtu. … Xa singazifaka emsebenzini wokuba noncedo kwabanye, kuncinci okukhoyo esikuphilelayo okunenjongo ebomini bethu.”1

Njengaba ndwendweli bamakhaya singakwazi ukwazana kwaye nokuthanda udade ngamnye esibandwendwelayo Ukuba luncedo kwabo esibandwendwelayo kuzoza lula ngothando esinalo (bona uYohane 13:34–35)

Singazazi njani iintswelo zomoya kwakunye nezenyama zoodade bethu ukuba sinikela ngoncedo xa luyimfuneko? Njenga bandwendweli makhaya, sinegunya lokuthola intshingiselo xa sithandazela abo sibandwendwelayo.

Ukuhlala sinxulumana nabo oodade kubalulekile. Undwendwelo, ukuthetha efonini, incwadi yokubagqugquzela, i-imeyili, ukuhlala naye, ukumncoma, ukumamkela ecaweni, ukumnceda ngexesha lokugula kwakunye nelezinswelo, okanye ezinye izenzo eziluncedo lunceda ekujongeni nasekwakheni omnye nomye.2

Abandwendweli makhaya bacelwa ukuba bazise ingxelo ngentlalontle, nangeentswelo zoodade, okanye uncedo amabalunike bona. Ezi ngxelo kwakunye noncedo esilunikeza oodade bethu kubonisa ukuba singamakholwa.3

Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele

Yohane 10:14–16; 3 Nifayi 17:7, 9; Moronayi 6:3–4

Kuphuma Embalini Yethu

Ukuncedana yeyona into engaphakathi kwentliziyo yokufundisa ngokundwendwela amakhaya. Ngokuqhubeka sincedane ubuhlobo kanye nobubele buyandiseka ngaphezulu kondwendwelo lwangenyanga. Ukukhathalela abantu okubalulekileyo.

Umnqweno endiwulangazelelayo mna kukuncenga oodade bethu ukuba bangakhathazeki ngokufona okanye undwendwelo lwangenyanga yesine Wasicela ukuba “sibhekane nabantu abangaqinanga.”4

uMongameli Spencer W. Kimball (1895–1985) wafundisa, “Kubalulekile ukuba sibeluncedo kwabanye abantu kwikumkani.” Kodwa wabona ukuba uncedo lwethu alufuneki ukuba zibengezobuqhawe. “Ngamanye amaxesha, izenzo zethu eziluncedo zine nkuthazo okanye ukunikela … nokunceda ngezinto ezijwayelekile,” Esesho, “Kodwa iziphumo ezinendumiso zingeza … kwizenzo ezincane kodwa ezinhle.”5

Izikhumbuzo

  1. Thomas S. Monson, “Ingaba Ndimenzele Ntoni Omnye Umntu Namhlanje?” Liahona, Novemba 2009, 85.

  2. Bona Handbook 2: Administering the Church (2010), 9.4.2.

  3. Bona Handbook 2, 9.5.4.

  4. Mary Ellen Smoot, Zintombi ezikubukumkani Bam: Imvelaphi kanye nomsebenzi wenhlangano yenkululeko (2011), 117.

  5. Iimfundiso zooMongameli beCawa: Spencer W. Kimball (2006), 82.

Yintoni Endinokukwazi Ukuyenza?

  1. Ingabe ndiyayifuna intsingiselo yokukwazi ukunikeza uncedo kwizidingo zomoya nezenyama zodade bam endinikezwe ukuba ndibagade?

  2. Ingabe bazinjani odade endibajongileyo ukuba ndibakhathalele nentsapho zabo?

Shicilela