2012
Ukwabelana ngeVangeli ngeNtliziyo yakho Udlulisele kwiNtliziyo yomnye umtu
Septemba 2012


Umyalezo wesiMongameli SokuQala, Septemba 2010

Ukwabelana ngeVangeli ngeNtliziyo yakho Udlulisele kwiNtliziyo yomnye umtu

Umfanekiso
NguMongameli Henry B. Eyring

uThixo uyakubeka abantu abalungiseleleyo endleleni yabakhonzi Bakhe abazilungiseleleyo ukwabelana ngevangeli. Kwenzekile ebomoni bakho oku. Ukuba kwenzeka kangakanani na kuxhomekeke kulungiselelo lwengqondo kanye nentliziyo yakho.

Ndinomhlobo othandaza ngazo zonke iintsuku ukuba adibane nomtu olungiselelweyo ukwamkela ivangeli. Uphatha ikophi yeNcwadi kaMormoni. Kubusuku obabundulela utyelelo olufutshane, wacinga ukungayiphathi lencwadi kodwa aphathe ikhadi- elinikwa abantu elinomyalezo wevangeli. Kodwa xa wayelungiselela ukuhamba, kwafika umvakalelo womoya kuye: “Thatha iNcwadi kaMormoni uhambe nayo.” Wayifaka kwibhegi yakhe.

Xa umfazi amaziyo wahlala ecaleni kwakhe kolo hambo, wazibuza ngokumangala, “Ingaba nguye lo?” Waphinda wahamba naye xa bebuya kutyelelo. Wacinga ukuba, “Ndingaqala ngaphi ukuthetha naye ngevangeli?”

Kodwa wasuka, lo mfazi wathi kuye, “Ingaba uyasibhatala na isishumi ecaweni yakho, okanye?” Wavuma wathi kunjalo. Wamxelela ukuba kwakufanelekile ukuba asibhatale isishumi ecaweni yakhe kodwa wayengayenzi lonto. Ze wambuza wathi, “Ungandixelela ntoni ngencwadi kaMomoni?”

Wamcacisela ukuba incwadi sisibhalo esingcwele, obunye ubungqina bukaYesu Krestu,obaguqulwa nguMprofeti uJoseph Smith. Wabonakala enomdla, ngoko ke wavula ibhegi yakhe wafaka isandla sakhe kuyo wathi kuye, “Ndiye ndanemvakalelo yokuba ndiphathe le ncwadi. Ndicinga ukuba yeyakho.”

Waqala wayifunda. Bathi xa behlukana wathi, “Mna nawe sizakuthetha sibenengxoxo neencoko ngalento.

Oku umhlobo wam ebengazokwazi—kodwa uThixo Yena wayeyazi—ukuba lo mama wayekhangela icawa. uThixo wayesazi ukuba wayemjongile umhlobo wam’ kwaye ezibuza ukuba kutheni icawa imenza onwabe kangaka. uThixo wayesazi ukuba uzakubuza ngencwadi kaMormoni kwaye uzakuba nomdla wokufundiswa ngabefundisi. Weyelungile. Kanye nomhlobo wami. Mna nawe singazilungiselela.

Ulungiselelo esiludingayo olwengqondo kanye nentliziyo. Lomfazi weva kwaye wakhumbula amazwi aphuma encwadini kaMormoni, iNkosi yayibuyise icawe,kanye nomyalelo wokukhipha okweshumi kuThixo. Kwaye wakuva ukuqala bobungqina benyaniso entliziyweni yakhe.

iNkosi yathi kuthi uyakuveza inyani ezingqondweni kanye nasezintliziyweni zethu ngoMoya OyiNgcwele (bona D&C 8:2). Abantu abaninzi odibana nabo banesiqalo sololulungiselelo. Sebevile okanye sebefundile ngoThixo kwakunye nelizwi Lakhe. Ukuba intliziyo yabo ithambile, sebevile, kodwa kancinci, ubungqina benyaniso.

Lomama wayesezilungiselele. Kanye nomhlobo wami, Ongcwele wezintsuku zokugqibela owayefunda incwadi kaMormoni. Owaye nobungqina ukuba eyenyaniso, kwake wanikezwa waboniswa nguMoya ukuba athathe ikhophi. Owayezilungiselele ngokwengqondo kanye nentliziyo.

uThixo ulungiselela abantu ukuba bamkele ububgqina bakho benyaniso ebuyisiwe. Ufuna ukholo kunye nezenzo zakho ukuze wabelane ngamandla oko kulibhongo kuwe nakwabo ubathandayo.

Zilungiselele ukwabelana ngokugcwalisa ingqondo yakho ngawo wonke amalanga ngenyaniso yevangeli. Xa uphila imiyalelo kwaye ugcina iminqophiso yakho, uzakuva ubungqina boMoya kwakunye nothando loMsindisi wakho nalabo ohlangana nabo.

Ukuba udlala eyakho indima,uyakwengezelela ubuka nokujabula ngokuhlangana nabanye abantu abazilungiselele ukuva ngobungqina benyaniso—obunikelwa ngintliziyo kuye kwenye intliziyo, eyakho neyabo.

Ukufundisa ngaloMyalezo

Cinga ngokufunda lomyalezo nosapho kwaye nixoxisane ngesiqephu sokugqibela, lapho uMongameli Erying ethetha ngezidlela zokuqinisa ubungqina bakho. Thetha nosapho lwakho ngokubaluleka kokuthethe ngobungqina bakho xa wabelana ngevangeli. Abantwana kusapho lakho bazokubona kuluncedo ukudlala-ngokubonisa ukuba unikeza kanjani ubungqina kubahlobo bakho.

Shicilela