2013
Qaphela, Khumbula, kwaye, Unike Umbulelo
Agasti 2013


UMyalezo WesiMongameli Sokuqala SeCawa, Agasti 2013

Qaphela, Khumbula, kwaye, Unike Umbulelo

Umfanekiso
NguMongameli Henry B. Eyring

UThixo usicela ukuba sinike umbulelo Kuye ngazo naziphina iintsikelelo esizamkelayo ezivela Kuye. Kulula kuthi ukuba sivakale njengoo matshini kwimithandazo yethu yombulelo, kaninzi siphinda-phinda zwi elinye okoko kodwa sibe singenayo injongo yokunika umbulelo wethu kuThixo njengesipho sentliziyo. Kufuneka si “nike umbulelo … ngoMoya” (Imfundiso neMinqophiso 46:32) ukuze sikwazi ukuva umbulelo wenene ngalonto uThixo asiphe yona.

Singayikhumbula njani kwaye nentwana yayo yonke uThixo asenzele yona thina? Umpostile uYohane wabhala into uMsindisi asifundise yona ngesipho sokukwazi ukukhumbula esisiphathelwa ngoMoya oyiNgcwele: “Kodwa Umthuthuzeli, onguMoya oyiNgcwele, lowo UBawo uyakumthuma egameni lam, uyakunifundisa zonke izinto, kwaye anizisele konke ukuba nikukhumbule, nantoni na endiyithethileyo kuni” (Yohane 14:26).

Umoya oyingcwele uzisa imifanekiso yenkumbulo zoko uThixo asifundise kona thina. Kwaye enye yeendlela uThixo asifundisa ngazo thina, kungeentsikelelo Zakhe; kwaye ke, ukuba sikhetha ukusebenzisa ukholo, uMoya oyiNgcwele uyakuzisa ububele bukaThixo kwinkumbulo yethu.

Ungayivavanya lonto emthandazweni namhlanje. Ungalandela lo mthetho “Uyakubulela iNkosi uThixo wakho kuzo zonke izinto” (Imfundiso neMinqophiso 59:7).

UMongameli Ezra Taft Benson (1899–1994) wacebisa ukuba umthandazo uyalidala ixesha lokwenza lonto. Wathi: “Umprofeti Joseph ngelinye ixesha, ukuba enye yezono ezinkulu apho ungathi Abangcwele BeNtsuku Zokugqibela banokuba netyala laso sisono sokungabinawo umbulelo. Ndiyazigqibela ‘ba uninzi lwethu abacinganga ukuba esi sisono esikhulu. Kukho umkhuba omkhulu wethu wokuba thina kwimithandazo yethu nakwizicelo zethu neNkosi sicele ukwandiselwa iintsikelelo ngaphezulu. Kodwa ngamanye amaxesha Ndiva kufuneka ukuba sinikele kakhulu imithandazo yethu ngembonakaliso. zombulelo ngeentsikelelo esesizamkele kakade. Siyolela okuninzi.”1

Ungaba namava anjalo kunye nesipho soMoya oyiNgcwele namhlanje. Ungaqala umthandazo osemfihlakalweni yakho ngokubulela. Ungaqala ngokubala iintsikelelo zakho ze emva koko, ume kancinci okwethutyana. Ukuba usebenzisa ukholo, kunye nesipho sikaMoya oyiNgcwele, uyakufumanisa ukuba imifanekiso yokukhumbula iyakuphuphumala kwingcingo zengqondo yakho. Ukuba uqala ukubonakalisa umbulelo ngayo, nenye yazo, umthandazo wakho ungathatha ixesha elide kuna njengesiqhelo. Ukukhumbula kuya kuza, kunye nombulelo nawo.

Ungazama ukwenza lento inye xa ubhala kwijenali yakho. UMoya OyiNgcwele uncede abantu ngalonto ukusukela ekuqaleni kwexesha. Uyakhumbula ukuba incwadi kaMozisi ithi, “Kwaye incwadi yokukhumbula yayigciniwe, apho kwakubhalwe khona, ngolwimi luka-Adam, ngoba kwakuxhomekeke kuninzi olwalubiziwe nguThixo ukuba libhale ngoMoya wempembelelo” (Mozisi 6:5).

UMongameli Spencer W. Kimball (1895–1985) wachaza laa mbo yokubhala okuphenjelelweyo: “Abo abagcina incwadi yezikhumbuzo ngabo abangade bahlale bekhumbula Inkosi ebomini babo bomhla nezolo. Iijenali yindlela yokubala iintsikelelo zethu kwaye neyokushiya izibalo zabo zazo zonke iintsikelelo zenzalo yethu.”2

Njengokuba uqala ukubhala, ungazibuza, “Undisikelele njani uThixo kunye nabo Endibathandayo namhlanje?” Ukuba wenza lonto kaninzi ngokwaneleyo nangokholo, uyakuzifumana uzikhumbula iintsikelelo. Kwaye ngamanye amaxesha uyakuba nezipho ezifikayo kwiingcingo zengqondo yakho oye awakwazi tu ukuziqaphela ekuyeni kwemini kodwa ke uyakude uzazi ukuba ibikukukrwecwa sisandla sikaThixo ebomini bakho.

Ndiyathandaza ukuba singaqhubekeka ukwenza umzamo ngokholo ukukwazi ukuqaphela, ukukhumbula, kwaye nokunika umbulelo ngayo into uBawo waseZulwini noMsindisi abakwenzileyo nabakwenzayo ukuvula indlela egodukayo eya Kubo.

Izikhumbuzo

  1. Ezra Taft Benson, God, Family, Country: Our Three Great Loyalties (1974), 199.

  2. Spencer W. Kimball, “Listen to the Prophets,” Ensign, May 1978, 77.

Ukufundisa ngaloMyalezo

Kulo myalezo wakhe, uMongameli Eyring uyasimema ukuba sikhumbule ububele bukaBawo waseZulwini kwimithandazo yethu. Xoxani nabo nibafundisayo ukuba ukuthandaza ngombulelo kungasinceda njani siqwalasele isandla sikaThixo ebomini bethu. Cingisisa ngokuguqa uthandaze nabo ubafundisayo kwaye ucebise nakubani na ozakwenza lo mthandazo ukuba yena avakalise umbulelo qha.

Ungafunda ngokubaluleka kombulelo ngokufunda ezi zibhalo ngaphezu kwezi vesi uMongameli Eyring awazitshoyo: Indumiso 100; Mozaya 2:19–22; Alma 26:8; 34:38; Imfundiso neMinqophiso 59:21; 78:19; 136:28.

Shicilela