2013
Sinoxanduva Lokusindisa
Okthoba 2013


Umyalezo wesiMongameli Sokuqala, Okhthobha 2013

Uxanduva Lwethu Lokusindisa

Umfanekiso
UMongameli Thomas S. Monson.

Kwabangcwele Bemini Zokugqibela, imfuno yokusindisa abazalwane noodade bethu, abaye baphambuka ngesizathu eso okanye esinye, kwindlela yokungabi nenkuthalo eCaweni kubakho iziphumo ezinentsingiselo yangonaphakade. Siyabazi na abo abakhe balamkela ivangeli? Xa kunjalo, uxanduva lwethu lokubasindisa yintoni?

Cingisisa ngabo abalahlekileyo kwasebebadala, abahlolokazi, kwaye nabagulayo. Ngesiqhelo bafumaneka kwiindawo ezomileyo nakumahlathi aqeleleyo awodwa abizwa ngokuba ngumvadedwa. Xa abatsha behamba, impilo ibuthakathaka, namandla ephela, nokukhanya kwethemba kubamfiliba kancinci kancinci, bangomelezwa baphakamiswe sisandla esibancedayo nentliziyo ebaziyo ububele.

Bakhona ke, nyani nyani, abaswele ukusindiswa. Abanye babo balwisana nesono kwaye abanye bahamba ekoyikeni okanye ukungakhathaleli nto okanye ukungazi. Ngesizathu noba sesiphi, bazi susa bona ngokwabo kwinkuthalo yomsebenzi weCawa. Kwaye bazohlala belahlekile ngaphandle kokuba kuvuke ngaphakathi kwethu—abakhuthele eCaweni—unqweno lokusiza kanye nokusindisa.

Abanye babonisa indlela

Kwixeshana eladlulayo ndafumana incwadi eyayibhalwe yindoda eyayishiyayo iCawa. Ibonakalisa abaninzi bamalungu wethu. Emva kokuba eyichazile indlela awayiyeka ngayo iCawa, wabhala:

“Bendinokuninzi kodwa ngoku ndinokuncinci. Andonwabanga kwaye ndiziva ingathi ndiyoyisakala kuyo yonke into endiyenzayo. Ivangeli alizange liyishiye intliziyo yam, nangona liphumile ebomini bam. Ndicela imithandazo yenu.

“Ndicela ningasilibali thina esilapha ngaphandle —abalahlekileyo Babangcwele-Bemini Zokugqibela. Ndiyayazi ukuba iphi iCawa, kodwa ngamanye amaxesha ndidinga umtu ozandibonisa indlela, andikhuthaze, asuse ukoyika kwam, anikele ubungqina kum.”

Xa ndifunda lencwadi, iincinga zam zaya kwenye igalari enkulu yemizobo kwihlabathi endike ndayindwendwela—edumileyo iVictoria no Albert Muziyem eLandani, Engilandi. Apho, kuhonjiswe kakuhle, umzobo ohamba phambili owazotywa ngo1831 ngu Joseph William Turner. Lomzobo ubonisa amafu amakhulu amnyama kanye nolwandle olulwayo olubonisa ubungozi kanye nokufa. Ukukhanya okuphuma kumkhumbi okude ukhazimla kude le. Ngaphambili, ophoselwa phezulu ngamagagasi ezayo namanzi anogwebu, wumkhumbi wokusindisa. Amadoda adonsa kanzima izinduku zokuqhuba lomkhumbi xa uhamba kulolwandle oluthukuthele. Esantini kume umfazi nabantwana ababili, bamanzi yimvula kwaye badudulwa ngumoya. Bajonge ngomothuko elwandle. Kwiingqondo yam ndinqamle igama lalomzobo. Kum yaba Siyosindisa.1

Ngaphakathi kwesivunguvungu sobomi, ingozi iyazunguzula. amadoda nabafazi, amakhwenkwe namantombazane bazithola balahlekile kwaye bajongane nokubhujiswa. Ngubani oyakukhokhela imikhumbi yensindiso, eshiya ukufudumala kwekhaya kanye nosapho, ahambe eyobasindisa?

Umsebenzi wethu mkhulu gqithi. Sithunywe yiNkosi kulomsebenzi; siyakulufumana uncedo Lwakhe

Ngexesha lentshumayelo yeNkosi, Wabiza abadobi bentlanzi baseGaleli ukuba bashiye inethi zabo kwaye baMlandele, Esithi, “Ndizakunenza abadobi babantu.”2 Masibe ngamalungu wabadobi bamadoda kanye nabafazi, ukuba sikwazi ukuba sinikele ngoncedo esinalo.

Owethu umsebenzi wokuba sisondeze abo abasukileyo kukhuselo lwenkuthalo, ukuba abo basondezwe kwitafule yeNkosi ukuba bazokudla izwi Lakhe, bazokuzwa ubumnandi bobudlelwane boMoya Wakhe, kwaye ukuba “bangabi abantu esingabaziyo okanye abantu abahambi abavela kwamanye amazwe, kodwa babengamalunga omphakathi nabangcwele, kanye nabaseNdlini kaThixo.”3

Umgaqo woThando

Ndifumane ukuba zimbili izizathu ezixabisekileyo ezingasiza ekubabuyiseni kwinkuthalo kanye nokuguquka kwisimo sabo, izinto abaqhele ukuzenza kanye nezenzo. Okokuqala, umntu nomntu ubuya ngoba kunomntu ombonise okungenzeka kuye phakade kwaye amncede ukuba akhethe ukuwakuqwalasela. Abangakhuthalanga abakwazi ukuphumla bajabulele okujwayelekile xa sebebonile ukuba kunokuxabisekileyo ngaphambi kwabo abangakuthola.

Okwesibini,abanye babuya ngokuba ababathandayo okanye “abanye babangcwele” balandele incebiso yoMsindisi, bathanda oomelwane babo njengoba bezithanda,4 kwaye banceda abanye bafezekise amaphupho wabo kanye nezifiso zabo ukuba zifezeke.

Okuletha umahluko kulendlela yokwenzayo ukuba kwakukhona—kwaye kuzakubakhona—umgaqo wothando.

Ngokwenyaniso, abobantu balahlekile kweso sivunguvungu-esithukuthelisa ulwandle kumzobo kaTurner bafana nabaninzi balobo bethu abangasezi-ngenkuthalo bamalungu ecawa abalindele abo bazobasindisa ngemikhumbi yokusindisa ubomi. Intliziyo zabo ziyalufuna uncedo. Omama noTata bathandazela amadodana kwakunye namantomabazane abo. Abafazi balilela ezulwini ukuba amadoda wabo angafinyelelwa. Ngamanye amaxesha abantwana bathandazela abazali babo.

Mgumthandazo wam ukuba singathola intsiseko yokusindisa abangasezi ngenkuthalo ecaweni kwaye sibabuyise kulonwabo lwevangeli lika Yesu Krestu, ukuba bazokuthola kunye nathi konke ubudlelwane obupheleleyo obungasinikeza kona.

Ingathi singalula isandla sethu kulabo abalahlekileyo abaseduzane nathi: abagugile, abahlolokazi, abagulayo, abobakhubazekileyo, kanye nabo bangasezi ngenkuthalo ecaweni, kunye nabo abangayilandeli imiyalelo kaThixo. Ingathi singalula isandla esiluncedo kubo esibasizayo kwaye nentliziyo enobubele. Ngokwenza njalo, sizakuletha uvuyo ezintlizweni, kwaye sizakubanoyolo olunzulu oluza kuthi xa sinceda omnye akwazi ukuhamba kulendlela eya kubomi baphakade.

Ukufundisa ngaloMyalezo

Cinga ngokubuza abantu obandendwelayo ukuba akakho umtu abamaziyo obuthakathaka ekuzeni kwakhe ecaweni. Ungakhetha umtu oyedwa kwaye uthethe ngezindlela ongabonisa ngazo uthando kuye, njengo kummema umfazi okanye indoda ukuba azekwinjikangelanga okanye eze ukuzokutya naye.

Shicilela