2013
Yizani, Nizimanye Nathi
Novemba 2013


Umyalezo WabaNdwendweli Makhaya, eyeNkanga 2013

Yizani, Nizimanye Nathi

Nokuba izimo zakho zinjani, imbali yakho, okanye ubumandla bobungqina bakho, kunegumbi lakho kuleCawa.

Kudala kwakunenye indoda eyaphupha ikwigumbi elikhulu apho zonke iinkolo zehlabathi zazihlangene khona. Yabona ukuba inkolo nganye yayinokukhulu okwakulangazeleka kwayo kunexabiso.

Yadibana nabanye abalingane ababemele iBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela kwaye yababuza, “Ingaba yintoni eniyidingayo kumalungu wenu?”

Asidingi kwanto,” batsho bephendula. “Kodwa iNkosi iyasicela ukuba sincedise ngako konke.”

Aba balingane baqhubeka bachaza ngamabizo eCaweni, undwendwelo makhaya nokufundiswa emakhaya, ubufundiso besigxina, imihlangano yangokuhlwa yentsapho rhoqo ngeveki, umsebenzi wasetempileni, iinkonzo zolondolozo nokuncedana, kwaye nezicelo zokufundisa.

“Ingaba niyababhatala abantu benu kulemisebenzi bayenzayo?” yabuza lo ndoda.

“Hayi khona,” batsho abalingane. “Banikela ngexesha labo mahala.”

“Kwaye,” baqhubeka abalingane bechaza, “qho emva kweenyanga ezintandathu amalungu weBandla lethu bachitha impelaveki bezimase okanye bebukele inkomfa kazwelonke yeyure ezilishumi.”

“Iiyure ezilishumi zabantu benikeza iintetho?” indoda yamangala.

“Kwenzekani malunga nenkonzo zenu zeveki ngeveki? Zinde kangakanani na?

“Iiyure ezintathu, rhoqo ngeCawe!”

“Oh, neh,” yatsho lo ndoda. “Ingaba amalungu webandla lenu ayazenza ngokwenene ezi zinto nizitshoyo?”

“Oko nokunye okuninzi. Asikabali imbali yosapho, ukuhamba kolutsha, iimvuselelo, ufundo lwezibhalo ezingcwele, ufundiso lobunkokheli, izimvo zolutsha, imihlangano yasekuseni yolutsha, ukugcina izakhiwo zeBandla, kwaye kukhona nomthetho wempilo weNkosi, ukuzila kwenyanga kokunceda abasweleyo, kwaye nesishumi.”

Le ndoda yathi, “Ngoku ndibhidekile. Umntu angazimanya kanjani nebandla elinjalo?

Abalingane bancuma bathi, “Besicinga ukuba awusokuze ubuze.”

Umntu angazimanya kanjani nebandla elinjalo?

Ngelixa amabandla amaninzi kwilizwe jikelele ebonakalisa ukwehla kumanani wamalungu wabo, iBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, nangona lilincinci ekuthelekisweni namanye lelinye elikhula ngokukhawuleza ehlabathini. Ukusukela kwinyanga yoMsintsi 2013 iBandla linamalungu awangapha kwezigidi ezilishumi elinesihlanu kwilizwe jikelele.

Kunezizathu ezininzi zoku, kodwa ndingathanda ukukunikeza ezimbalwa?

Ibandla loMsindisi

Okokuqala, eli Bandla labuyiswa kwezintsuku nguYesu Krestu buqu baKhe. Apha uzakufumana igunya lokusebenza egameni laKhe{}ukubhaptizela izono, ukupha isipho soMoya oyiNgcwele, kwaye nokuhlanganisa emhlabeni nasezulwini.1

Abo bazimanya neli Bandla bathanda uMsindisi uYesu Krestu kwaye banqwenela ukulandela Yena. Bayavuya kulwazi lokuba uThixo uyathetha noluntu futhi. Xa befumana iintsikelelo zobubingeleli ezingcwele kwaye benze neminqophiso noThixo, bayawava amandla waKhe ebomini babo.2 Xa bengena kwitempile engcwele, bayeva ukuba basendaweni yaKhe. Xa befunda izibhalo ezingcwele3 kwaye bephila iimfundiso zabaprofethi baKhe, bayasondela eNkosini abayithanda ngokumangalisayo.

Ukholo Oluphilayo

Esinye isizathu kukuba iBandla linikela ngamathuba okwenza okulungileyo.

Ukukholelwa kuThixo kuhle, kodwa abantu abaninzi bafuna ukwenza okwedlula oko bakumamela kwindibano ezivuselelayo okanye bephupha ngeendawo zokuhlala phezulu. 4 Bafuna ukusebenzisa ukholo lwabo. Bafuna ukuqoshelisa iingalo zabo babe yinxalenye yalomsebenzi umkhulu kangaka.

Kwaye yilonto yenzekayo xa bezimanya nathi{}banamathuba amaninzi wokuguqulela izipho zabo, uthando lwabo, kwakunye nexesha labo zibe yimisebenzi emihle. Ngokuba asinabantu ababhatalwayo kumasebe wethu jikelele, amalungu wethu bayazenzela bona lemisebenzi. Bayabizwa ngokwempembelelo. Ngamanye amaxesha siyazifunela; ngamanye amaxeshe siyancedwa ekufuneni.” Sibona imisebenzi hayi njenge mbandezelo kodwa njenga mathuba wokufezekisa iminqophiso esayenzayo ngogcobo xa sisebenzela uThixo nabantwana baKhe.

lintsikelelo Ezixabisekileyo

Isizathu sesithathu ekutheni abantu bazimanya neli Bandla kukuba ukuhamba indlela yobufundi kukhokhelela kwiintsikelelo ezintle.

Sibona ubhapatizo njenge ndawo yokuqala yohambo lwethu lobufundi. Uhambo lwethu noYesu Krestu lemihla ngemihla kusikhokhelela kuxolo nenjongo kobu bomi kwaye nakulonwabo olumangalisayo nentsindiso yanaphakade kwilizwe elizayo.

Abo balandela le ndlela ngokunyanisekileyo bazikhusela kwimingxunya emininzi, iintlungu, kunye nokuzisola ebomini.

Abasweleyo emoyeni kwaye benyanisekile ezintliziyweni zabo bafumana ubunewunewu bolwazi apha.

Abo basokolayo okanye bakhalayo bafumana ukuphila apha.

Abo babandezelwe sisono bafumana uxolelo, inkululeko, kunye nokuphumla.

Kwabo bathi basishiye

Ukukhangelwa kwenyani kukhokhele izigidi ngezigidi zabantu kwiBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. Kodwa, kunabanye abantu abathi bayishiye leCawe babekhe bayithanda.

Omnye angabuza, “Ukuba ivangeli iyamangalisa, kutheni abanye behamba?

Ngamanye amaxesha siyazigqibela ukuba kungenxa yokuba baye bakhathazwa okanye bayonqena okanye bonile. Eneneni, ayikho lula ngalo ndlela. Eneneni, akukho sizathu esinye esingena kwizimo ezahlukeneyo.

Abanye bamalungu wethu awathandekayo bayasokola iminyaka nombuzo wokuba bazigubule bucala kweli Bandla.

Kweli Bandla lihlonipha ngamandla inkululeko yokuzikhethela, elalibuyiswe ngumfana omncinane owayebuze imibuzo wakhangelana nempundelo, siyabahlonipha abo bafunana nenyani ngokwenene. Iye isophule iintliziyo zethu xa uhambo lwabo lubasusa kwiBandla esilithandayo nakwinyani esiyifumeneyo kodwa siyalihlonipha ilungelo labo lokunqula uThixo uSomandla ngokwengqondo zabo, njengokuba nathi sizenzela njalo.5

Imibuzo engaphendulwanga

Abanye basokola nemibuzo engaphendulwanga malunga nezinto ezithe zenziwa okanye ezatshiwo kwixesha eladlulayo. Siyavuma ukuba eminyakeni ephantse ifike kumakhulu amabini yembali yeBandla {} kuquka nalomngcelele ongahlukananga weziganeko ezivuselelayo, ezihloniphekile, kwaye zingcwele{} kunezinye izinto ezenziweyo okanye ezitshiwo ezithe zabangela abantu ukuba babuze imibuzo.

Ngamanye amaxesha imibuzo iyavela kuba asinazinkcukacha zonke okanye sidinga nje umonde oluncinane. Xa inyani epheleleyo iyaziwa ekugqibeleni, izinto ebesingazi qondi kuthi ngaphambili ziyakusonjululwa ekwanelisekweni kwethu.

Ngamanye amaxesha kunomohluko wezimvo malunga nokuba “ubungqina” kutsho ukuthini eneneni. Umbuzo othi udale iintandabuzo kwabanye, emva kophando olunonophekileyo, lungokha ukholo kwabanye.

Iimpazamo zabantu abangafezekanga

Kwaye, ebunyanini, kuye kwaba namaxesha apho amalungu okanye iinkokheli eBandleni zithe zenza iimpazamo ezimsulwa. Kunezinye izinto ezitshiweyo okanye ezenziweyo ezingahambelani nezimvo, nemigaqo, okanye nemfundiso zethu.

Ndiyaqonda iBandla lingafezeka xa bekunokwenzeka ukuba liphathwe ngabantu abafezekileyo. UThixo ufezekile, kwaye imfundiso yaKhe imsulwa. Kodwa usebenza ngathi thina {} bantwana baKhe abangafezekanga, nabantu bakhe abangafezekanga abenza iimpazamo.

Kwiphepha lokuqala leNcwadi kaMormoni siyafunda, “Kwaye ngoku, ukuba kukho iziphosiso ziimpazamo zabantu, ngoko ke, musa ukugweba izinto zikaThixo, ukuze ufumaneke ungenachaphaza phambi kwesihlalo sokugweba sikaKrestu.6

Le yeyona ndlela ekudala iyiyo kwaye iyakubanjalo kude kube ngosuku olufezekileyo xa uKrestu ephethe kulo mhlaba Yena buqu.

Kulilishwa ukuba abanye abantu baye bakhubeka ngenxa yeempazamo zabanye. Kodwa nangona kunjalo, inyani yangonaphakade yevangeli ebuyisiweyo efumaneka kwiBandla likeYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela ayingcolisekanga, ayichaphazelekanga, okanye ayitshabalali.

Njengo Mpostile weNkosi uYesu Krestu kwaye njengomnye othe wazibonela imisebenzi nengcebo zeli Bandla, ndinika ubungqina obumsulwa ukuba akunasigqibo esichaphazela eliBandla okanye amalungu walo esithathwa ngaphandle kokufuna ngokunyanisekileyo impembelelo, inkokhelo kaBawo wethu ongunaPhakade. Eli liBandla likaYesu Krestu eliyinyaniso. UThixo soze avumele iBandla laKhe ukuba likreqe okanye lingafikeleli kwindlela ayisekileyo.

Kune Gumbi laKho

Kwabo bathe bazikhethela bucala eBandleni, ndithi kuni, bahlobo bam abathandekayo, kusene ndawo yenu apha.

Yizani nongeze izipho zenu, nenkuthalo zenu kwezethu. Sonke sizobangcono ngempumo.

Omnye angabuza,”Ingaba kuyakwenzekani kodwa malunga neentandabuzo zam?”

Kuyindalo ukubanemibuzo {} ingcambu yombuzo onyanisekileyo isoloko imila kwaye ikhule ude ibengumthi omkhulu wokuqonda. Kunamalungu ambalwa weBandla athe, ekuhambeni kwexesha, angazange alwe nemibuzo evisa iintlungu. Enye yeenjongo zeBandla kukondla nokutyala imbewu yokholo {} ngamanye amaxesha ngakumbi kumhlaba wentlabathi weentandabuzo okanye kwabangaqinisekanga. Ukholo kukuthembela kwizinto ezingabonwayo kodwa eziyinyani. 7

Ngoko ke, bazalwana nabodade bam abathandekayo{} bangane bam {} ndiyanicela, niqale nithandabuze iintandabuzo zenu phambili kokuba nithandabuze ukholo lwenu.8 Singaze sivumele iintandabuzo ukuba zisivalele njengamabanjwa eluthandweni, nasexolweni, nakwizipho eziza ngokholo kwiNkosi uYesu Krestu.

Abanye bangathi, “Andilungi kuni bantu kweli Bandla.

Ukuba ubungabona ezintliziyweni zethu, mhlawumbi ubungazifumana ulunga ngcono kuna lento uyicingayo. Ungamangala ukufumanisa ukuba nathi sinemizwa nezinto ezisihluphayo kunye namathemba awafana nawakho. Imvelaphi yakho okanye indlela okhule ngayo ingabonakala ngathi ihlukile kweyabaNgcwele beMihla yokuGqibela, kodwa kungenzeka kube yintsikelelo. Bazalwana nabodade, bahlobo bam, sidinga izipho zenu ezikhethekileyo kunye neembono zenu. Ukwehluka kwabantu kumhlaba jikelele yeyona nto ingamandla kweli Bandla.

Abanye bangathi, “Andicingi ukuba ndingakwazi ukufikelela kwimigaqo yenu.

Sesona sizathu sokuba uze! IBandla lidalelwe ukuba londle abo bangafezekanga, abahluphekayo, nabatyhafileyo. Ligcwele abantu abanqwenela okwangoku zabo zonke ukugcina imithetho,nokuba abakayenzi okwangoku.

Abanye bangathi, “Ndiyalazi ilungu leBandla lenu elingumkhohlisi.Andinokwazi ukuzimanya nebandla elinabantu abafana naye.

Ukuba ujonga intsingiselo yomkhohlisi njengomntu ohlulekayo ukufikelela ngokupheleleyo kwinto akholelwa kuyo, ngoko ke sonke singabakhohlisi. Akukho namnye wethu ofana nqwa noKrestu ngendlela esiyaziyo ukuba simele sibeyiyo. Kodwa siyanqwena ngokwenene ukuba soyise iziphosiso zethu nemikhuba yethu yesono. Ngeentliziyo zethu nangemiphefumlo yethu siyalangazelela ukuba sibengcono ngoncedo lweDini likaYesu Krestu.

Ukuba ezi zinto ziyiminqweno yenu, ngoko ke nokuba izimo zakho, imbali yakho, okanye amandla wobungqina bakho, kune gumbi lakho kweli Bandla. Yizani, nizimanye nathi!

Yizani, Nizimanye Nathi!

Nokuba kunabantu abangafezekanga, ndiqinisekile ukuba uyakufuma phakathi kumalungu weli Bandla kunemiphefumlo emihle emininzi elihlabathi enalo. IBandla likaYesu Krestu libonakala litsala abantu abanobubele kunye nabakhathalayo, abanenyani kwaye abaziphuculayo.

Ukuba ulindele ukufumana abantu abafezekileyo apha, uyakuphoxakala. Kodwa ukuba ufuna imfundiso emsulwa kaKrestu, ilizwi likaThixo “eliphilisa umphefumlo owonzakeleyo,”9 kunye nempembelelo engcwalisayo yoMoya oyiNgcwele, ngoko ke uyakuzifumana apha. Kweli lixa lokholo ulubuthakathaka {} kweli lixa xa abaninzi beziva bekude emfuthweni wezulu{} apha uzakufamana abantu abalangazelela ukwazi kunye nokuzisondeza kuMsindisi wabo ngokusebenzela uThixo kunye nabantwana bakhe, abafana nawe. Yizani, nizimanye nathi!

Nani Nifuna Ukumka, Yini Na?

Ndikhumbula ixesha apho ebomini boMsindisi xa abaninzi bamshiya Yena.10 UYesu wabuza abafundi baKhe abalishumi elinababini:

Nani Nifuna Ukumka, Yini Na?

“Wamphendula ngoko uSimon Petros wathi, Nkosi, sosuka siye kubani na? nguwe onamazwi obomi obungunaphakade.”11

Kunamaxesha apho kumele siphendule lombuzo umnye nathi. Nathi sifuna ukumka, yini na? Okanye ingaba, njengo Petros , sizobambelela kumazwi obomi obungunaphakade?

Ukuba ufunisa ngenyani, ukuthi, kunye nendlela yokuguqula ukholo lwakho lube yizenzo; ukuba ufuna indawo ongaziva usekhaya: Yiza, uzimanye nathi!

Ukuba ukhe walushiya olukholo wawukhe waluthanda: Buyelani kulo. Zimanye nathi!

Ukuba uyahendeka ekunikezeleni: Khawuhlale ithutyana. Kune gumbi lakho apha.

Ndiyanicela nonke nindivayo okanye nifunda la mazwi: Yizani, nizimanye nathi. Yiza umamele ubizo lukaKrestu oluhle. Thabatha umnqamlezo wakho umlandele.12

Yiza, uzimanye nathi! Apha uzakufumana izinto ezintle ezingenakuthelekiswa ngaxabiso.

Ndiyangqina ukuba uyakufumana amazwi obomi obungunaphakade, isithembiso sentsindiso esikelelekileyo, kunye nendlela eya eluxolweni nakulonwabo.

Ndiyathandaza ngokwenene ukuba ufuno lwakho lwenyaniso luzakushiya entliziyweni yakho umnqweno wokuza uzozimanya nathi. Egameni elingcwele likaYesu Krestu, amen.

Shicilela