2013
Iimfundiso zeXesha Lethu
Novemba 2013


Iimfundiso zeXesha Lethu

Izifundo zaBabingeleli beMelkhizidekhi kunye noMbutho woDade ngeeCawa zesine zizakunikelwa kwi “Iimfundiso zeXesha Lethu.” Isifundo ngasinye singalungiswa ngokuba sithathwe kwenye okanye ezinye iintetho zeenkomfa zajikelele ezisanda ukubanjwa. (Bona umfanekiso ongaphantsi). OoMongameli beengingqi bangakhetha ukuba kusetyenziswe eziphi na iintetho, okanye bathume oobhishophu nabongameli bamasebe ukuba bawenze lo msebenzi. Iinkokheli kufuneka zigxininise ixabiso lokuba abazalwane abanobuBingeleli bukaMelkhizedekhi kwakunye noodade boMbutho woMama bafunde iintetho ezifanayo ngamasuku angeCawa afanayo.

Abo abaya kwizifundo zeCawa yesine bayakhuthazwa ukuba bafunde kwaye baze eklasini nemagazini yakamva yenkomfa yajikelele.

Iingcebiso zokuLungiselela Isifundo esiphuma kwiiNtetho

Thandaza ukuba uMoya OyiNgcwele ube kunye nawe xa ufunda kwaye ufundisa ezi(ii) ntetho. Ungahendeka ukuba ulungiselele isifundo ngokusebenzisa ezinye izixhobo, kodwa iintetho zenkomfa zizo ezivumelekileyo ukuba zifundiswe kucwangciso lwezifundo zonyaka. Umsebenzi wakho kukuba uncede abanye ukuba bafunde kwaye baphile ivangeli njengokuba ifundiswa kwinkomfa yajikelele yeCawa esandu ukubanjwa.

Hlola (i) intetho, ukhangele imigaqo kunye neemfundiso ezihlangabezana neemfuno zamalungu eklasi yakho. Kwaye ngaphezulu koko khangela amabali, izibhekiso zezibhalo ezingcwele, kunye neencazelo (kwii) kwintetho ezizakunceda ukuba ufundise ezinyaniso.

Yenza ucwangciso lwendlela yokufundisa imigaqo kunye neemfundiso. Cinga ngokufaka imibuzo engabaluncedo kumalungu weklasi:

  • Khangela imigaqo kunye neemfundiso (kwii) intetho.

  • Cinga ngentsingiselo yazo.

  • Yabelana ngokuqonda, ngamacebo, ngamava, kunye nangobungqina.

  • Ukuba baphile lemigaqo kunye neemfundiso ebomini babo.

Izifundo Zeenyanga ziyafundiswa

Izixhobo zeSifundo seCawa Yesine

EyeDwarha 2013–uTshazimpunzi 2014

Iintetho ezinikwe kwinkomfa yajikelele kweyeDwarha 2013*

uTshazimpunzi 2014 – eyeDwarha 2014

Iintetho ezinikiweyo kwinkomfa yajikelele kuTshazimpunzi 2014*

  • Iimfundo zemini zeCawa zeveki yesine kuTshazimpunzi nakweyeDwarha, intetho (ii) zingakhethwa kwiinkomfa ezadlulileyo okanye kwinkomfa esandula ukubanjwa. Ezi ntetho ziyafumaneka (ngamalwimi amaninzi) e kwiiconference.lds.orgconference.lds.org.

Shicilela