2013
Usapho nabaHlobo Ngonaphakade
Disemba 2013


UMyalezo wesiMongameli SokuQala, Disemba 2013

Usapho nabaHlobo Ngonaphakade

Umfanekiso
NguMongameli Henry B. Eyring

Apho uhlala khona, unabahlobo abakhangela ulonwabo olungaphezulu olufumene kwivangeli ngokuphila ivangeli elibuyisiweyo like Yesu Krestu. Abakwazi ukuluchaza olonwabo ngamagama, kodwa bayaliqaphela xa belubona ebomini bakho. Bayakuvuyela ukufunda intsusa yolo lonwabo, ingakumbi xa bebona ukuba nawe umelana nezilingo njengabo.

Sowulivile ulonwabo xa ugcina imiyalelo kaThixo. Oko sisiqhamo esithenjisiweyo xa uphila ivangeli (bona Mozaya 2:41). Akufuneki ukuba ugcine imiyalelo kaThixo ukuba ude ubonwe ngabantu, kodwa abo ababona ulonwabo onalo balungiselelwa yiNkosi ukuba bezwe iindaba ezimnandi zoBuyiso lweVangeli.

Iintsikelelo osowuzinikiwe zikulethele uxanduva kanye namathuba amahle. Njengomfundi kaYesu Krestu womnqophiso, uxanduva lwakho ukuba unikeze abanye ithuba lokuthola lolonwabo lukhulu, ikakhulukazi abangani kanye namalunga osapho lwakho.

Inkosi ibone ithuba lakho kwaye yathetha ngalo kulomyalelo: “Kwenzeka kuwowonke umntu olumkisiweyo ukuba alumkise ummelwane wakhe” (D&C 88:81).

Inkosi iyenza ukuba kubelula ukugcina lomyalelo ngoku tshintsa intliziyo yakho njengoba wamkela kwaye uphila ivangeli likaYesu Krestu. Njengomphumela, ukuthanda abanye abantu kuyakhula kuwe, kanye nomnqweno wakho wokuba bathole lolonwabo oluvile ngaphakathi kuwe.

Umzekelo waloloshintsho ukuba wamkela kanjani ithuba lokunceda kumsebenzi wobufundisi weNkosi. Abefundisi Bexesha-Elipheleleyo eliyiminyaka emibini bafunda masinyane ukuthola kumtu oguquke ngokwenyaniso impendulo efudumele yokusiza ngokubanikeza umntu abangathetha naye ngevangeli. Oguqukileyo unqwenela ukuba abahlobo kunye nosapho bangaba nobudlelwane kulonwabo lwabo.

Xa umkhokheli wobufundisi ebandleni okanye abefundusi bacela amagama womntu abangamfundisa, yinto encomekayo leyo ngawe. Bayakwazi ukuba abahlobo bakho abalubonileyo uvuyo lwakho kwaye, ngalondlela, abobahlobo balungiselelwe ukuba beve kwaye bakhethe ukulamkela ivangeli. Kwaye bathembele kuwe ukuba uzakuba ngumhlobo wabo abamdingayo xa besiza ebukumkanini.

Ungoyiki ukuba uzakulahlekelwa ngabahlobo ngokumema abefundisi ukuba badibane nabo. Ndinabahlobo abangazange bamkele abefundisi kodwa bandibulela eminyakeni emininzi elandelayongokunikez into ababeyazi ukuba ixabisekile kum. Ungakwazi ukwenza abahlobo banaphakade ngokubanika ivangeli, abayibona iyinto ekuzisela ulonwabo. Ungalahlekelwa lithuba lokumema umhlobo okanye ikakhulukazi ilungu losapho ukuba likhethe ukulandela icebo lolonwabo.

Alikho elikhulu ukwedlula ithuba lokumema ngaphandle kweetempile zeCawa. Apho iNkosi ingakunika imimiselo yentsindiso kwiizinyanya zethu ezingakwazanga ukuzifumana kulobubomi. Bajonga phantsi kuwe ngothando kanye nethemba. Inkosi ithembise ukuba bazakulithola ithuba lokuza ngaphakathi kwikumkani Lakhe (bona D&C 137:7–8), kwaye utyale uthando lwabo etliziyweni yakho.

Abaninzi benu baluvile uvuyo lokunikeza iminqophiso yetempile yabanye, njengoba usenza xa unikeza amagama abantu kubafundisi ukuba badibane nabo. Sowulivile uyolo olungaphaya ngokwenza imimiselo yezinyanya zakho. Kutyhiliwe kuMprofeti uJoseph Smith ukuba ulonwabo lwethu lwanaphakade luyakwazi ukwenzeka ukuba qha sinikela loo ndlela yaloo ntsikelelo kwizinyanya zethu ngokubenzela imimiselo yasetempileni. (bona Imfundiso neMinqophiso 128:18).

Ixesha leKrismesi liphendulela kuMsindisi izintliziyo zethu kanye novuyo olulethwe yiVangeli Lakhe Sibonisa ukubonga Kuye kakhulu xa sinikeza olu vuyo kwabanye. Ukubonga kuguquka uvuyo xa sinikeza amagama kubafundisi kwaye sithatha amagama wezinyanya zethu kwitempeli. Lobufakazi bokubonga kungenza abahlobo kanye nosapho kubekhona ngokubekezela phakade.

Ukufundisa ngaloMyalezo

uMongameli Erying ucacisa ukuba singabonisa umbulelo kuMsindisi ngokwabelana ngevangeli nabanye. Ungathetha naboo ubafundisayo ukuba isipho sevangeli sibusikelele njani ebomini babo. Cinga ngokubamema ukuba ngomthandazo babone abo abanqwenela ukwabelana nabo isipho sevangeli kwaye nokuba bazokwenza njani oko.

Shicilela