2016
Isiseko Sobungqina Bam
Februwari 2016


Ulutsha

Isiseko Sobungqina Bam

Umbhali uhlala e-Idaho, USA

Xa ndandine minyaka eli 16, umhlobo wafika nabafundisi-lizwi kwikhaya lam. Ngenyanga nje yeengxoxo zokuqala, yonke imibuzo yam yaphendulwa ngokucacileyo. Ndawuva uMoya Oyingcwele ungqina ngobunyani bemiyalezo malunga noBuyiso lwevangeli. Yayingafani tu nento endakhe ndayiva, kwaye ndandisazi ukuba konke kwakuyi nyaniso.

Nto nje, ndaye ndaba namava wokulahlwa angakumbi kunye nenkcaso kunangaphambili. Ndaziva ndindedwa, ndidiniwe, kwaye ndixakiwe. Ukuba ndandisenza into elungileyo, kwakungani na ndihlangana nobubi obuninzi kangaka? Ndandingakwazi ukuqonda ukuba iimbandezelo zam zazindilungele kanjani. Abafundisi-lizwi bandifundisa ukuba ndizile ukutya kwaye ndithandaze, nkqu nangosuku lwesikolo. Xa izinto zazinganyamezeleki ndandityanda intliziyo yam kwaye ngokukhawuleza ndandisiva intuthuzelo yoMoya.

Iveki yobhaptizo lwam yayigcwele iimbandezelo. Umphathi wam wagrogrisa ngokundigxotha ukuba ndandingayekelanga ubhaptizo lwam ndibambele omnye umntu emsebenzini, ndaphelela esibhedle nesifo samatye wezintso, kwaye nabazali bam bandicela ukuba ndihambe ekhaya. Ngeezinto ezininzi ezingalawulekiyo, into endandingayenza kuphela yayi kukuguqukela kwiNkosi.

Enye nganye yezoombandezelo yaguquka yaba yinzuzo kum. Zandinceda ukuba ndifunde ngeemfundiso zevangeli, ezathi zandinikeza isiseko kubungqina bam.

Shicilela