2016
Ukwehla Ngokukhuselekileyo Kwisaqhwithi
Februwari 2016


Umyalezo woBongameli Bokuqala, kweyoMthupha 2016

Ukwehla Ngokukhuselekileyo Kwisaqhwithi

Umfanekiso
UMongameli Dieter F. Uchtdorf

Kwithutyana elingephi eligqithileyo unkosikazi wam, uHariet, kunye nam sasikwisikhululo seenqwelo-moya sibukele iinqwelo-moya zisihla. Kwakungumhla owawuno moya, kwaye umoya onamandla wesiquphe wabetha inqwelo-moya eyayisehla, ubangela ukuba enye nganye iphulukane nendlela kwaye ingcangcazele xa yayisehla.

Njengoko sasiqwalasele le ngxabano phakathi kwendalo kunye nomatshini, ingqondo yam yabuyela mva kolwam uvavanyo lokubhabhisa kwaye nemithetho-siseko endayifunda apho—kwaze kamva ndayifundisa abanye abaqhubi beenqwelo-moya eluvavanyweni.

“Musa ukulwisa izilawuli ngelixa lobunzima,” ndandidla ngokubaxelela. “Hlala upholile; ungaziphenduleli ngokunyanzela. Gcina amehlo akho kumgca osembindini wendlela yokuntinga. Ukuba uyasuka kwindlela yakho oyinqwenelayo yokwehlela, yenza ngokukhawuleza izilungiso ezilinganiselweyo. Themba amandla wenqwelo-moya yakho. Qhubela ubunzima ngaphandle.”

Abaqhubi beenqwelo-moya abanamava bayaqonda ukuba abanaku soloko belawula izinto ezenzekayo ezibarhangqileyo. Abanakuvele bawucime umoya onamandla. Abanakukwenza imvula okanye ikhephu ukuba linyamalale. Abanakubangela umoya ukuba uyeke ukubhudla okanye utshintshe indlela yawo.

Kodwa bayaqonda futhi ukuba kuyimpazamo ukuba boyike imimoya emandla—kwaye ngokungakumbi ukuba bakhubazwe yiyo. Indlela yokwehla ngokukhuselekileyo xa iimeko zingaphantsi kokwanelisayo kukuhlala kumzila olungileyo kunye nakwindlela emthebelele ngokugqibeleleyo kangangoko unako.

Njengoko ndandibukele inqwelo-moya nganye emva kwenye isenza ukwehla kwayo kokugqibela kwaye ndakhumbula imthetho-siseko endayifunda kwiminyaka yam njengo mqhubi wenqwelo-moya, ndacinga ukuba kwakungena sifundo koku sobomi bemihla yethu.

Asinaku soloko silawula izaqhwithi ebuthi ubomi buzibeke endleleni yethu. Ngamanye amaxesha izinto azivele nje zihambe ngendlela yethu. Singaziva sishukunyiswa kwaye siphephethekiswa bubunzima bokudana, bentandabuzo, boloyiko, bokungonwabi, okanye bobunzima bengqondo.

Ngaloo maxesha, kulula ukubambeka kwinto yonke engahambi kakuhle kunye nokwenza iingxaki zethu zibe ngumbindi weengcinga zethu. Isihendo sikukuqwalasela kwiimvamvanyo esijongene nazo endaweni yoMsindisi kunye nobungqina bethu benyaniso.

Kodwa oko akuyiyo indlela ehamba phambili yokuhamba-hamba kwimicelingeni yethu ebomini.

Njengoko umqhubi wenqwelo-moya onamava egcina ingqwalasela yakhe hayi kwisaqhwithi kodwa kumbindi wendlela yokuntinga kunye nendawo yokwehlela phantsi, ngokunjalo nathi kumele sigcine ingqwalaselo yethu kumbindi wokholo lwethu—uMsindisi wethu, ivangeli yaKhe, kunye necebo likaBawo wethu Osezulwini—kunye nakwisicwangciso sethu esikhulu—ukubuyela ngokukhuselekileyo kwindawo yezulu. Kumele sithembe uThixo kwaye senze ukuhlala kumzila wobufundi kube yingqwalasela yeenzame zethu. Kumele sigcine amehlo wethu, intliziyo, kunye nengqondo ziqwalasele kukuphila ngendlela esazi ukuba simele siphile ngayo.

Ukubonisa ukholo lwethu kunye nethemba kuBawo Osezulwini ngokugcina imithetho ngemvuyo kuya kusizisela ulonwabo kunye nozuko. Kwaye ukuba sihlala endleleni, siya koyisa nasiphi na isaqhwithi—nokuba singavela siqine kangakanani na—kwaye sibuyele kwikhaya lethu lasezulwini.

Nokuba izibhakabhaka ezisingqongileyo zicacile okanye zigcwele ngamafu agrogrisayo, njenga bafundi bakaYesu Krestu, thina sifuna ubukumkani bukaThixo kuqala kunye nobulungisa baKhe, siyazi ukuba senza kanjalo, yonke into esiyidingayo siyakuyinikwa ekugqibeleni (Mateyu 6:33).

Esinjani sona ukubaluleka isifundo sobomi!

Njengoko sigcwalisa ngakumbi iingqondo zethu ngobunzima bethu, iintsokolo zethu, iintandabuzo zethu, kunye noloyiko lwethu, izinto zibanzima kakhulu ngakumbi. Kodwa xa siqwalasela kakhulu kwindawo yasezulwini yethu yokugqibela kunye nakuvuyo lwethu lokulandela ekhondweni lobufundi—ukuthanda uThixo, ukunceda ummelwane wethu—ngakumbi kakhulu siyakuhamba-hamba ngempumelelo kumaxesha weentsokolo kunye nezaqhwithi.

Bahlobo ababekekileyo, nokuba imimoya yokuphila kwethu kulo mhlaba umagad’ ahlabayo ingaba nobungozi obungakanani na igquma isingqongile, ivangeli kaYesu Krestu iya kusoloko isipha eyona ndlela ehamba phambili eya ekwehleni okukhuselekileyo kubukumkani bukaBawo wethu Osezulwini.

Ukufundisa Ngalo Myalezo

UMongameli Uchtdorf usicebisa ukuba “sithembe uThixo kwaye senze ukuhlala kumzila wobufundi ukuba kube ngundoqo weenzame zethu.” Cingisisa ngokubuza abo ubafundisayo ukuba baye bahlale kanjani beqwalasele “kwindawo yokugqibela yethu yezulu kunye nakuvuyo lokulandela ekhondweni lobufundi” ngamaxesha abathi bajongana neembandezelo ngawo. Ungabamema ukuba bacinge ngeendlela abangaqwalasela kubungqina babo kunye nakuKrestu ngamaxesha anzima kunye nokwenza izigqibo ngokuthandaza ukuba bazokusebenzisa kanjani ingcinga enye okanye nangaphezulu kubomi babo.

Shicilela