2016
Umtshato umiselwe nguThixo
Februwari 2016


UMyalezo waBaNdwendweli Makhaya, kweyoMthupha 2016

Umtshato umiselwe nguThixo

Funda ngokuthandaza ezi zinto kwaye uphande ukuba yintoni na onokuyaba. Ukuqonda kabanzi “USapho: ISibhengezo kulo iHlabathi” siza kulwandisa njani ukholo lwakho kuThixo kwaye sibasikelele kanjani abo ubagadisiweyo ngokubafundisa ngokubandwendwela? Ngenkcukacha ethe vetshe, yiya ku reliefsociety.lds.org.

Ukholo, Usapho, Uncedo

Abaprofethi, abapostile, kunye neenkokheli bayaqhubeka “bebhengeza ngokusulungekileyo ukuba umtshato phakathi kwendoda nomfazi umiswe nguThixo kwaye usapho lukumbindi kwicebo loMdali.”1

UMdala D. Todd Christofferson weQumrhu LwabaPostile Abalishumi Elinambini wathi: “Usapho olwakhelwe emtshatweni wendoda nomfazi lunikezela ngesona siseko sihamba phambili sokuba icebo likaThixo liphuhle kakuhle. …

“… Akukho namnye wethu okanye omnye umntu wakulomhlaba ongaguqula isimo somtshato.”2

UBonnie L. Oscarson, umongameli jikelele waManina Aselula, wathi: “Wonke umntu, nokuba ubudlelwane bemeko yomtshato wabo okanye inani labantwana babo iyini na, bangaba ngabakhuseli becebo leNkosi elichazwa kwisibhengezo sosapho. Ukuba kulicebo leNkosi, kumele kube licebo lethu nathi.”3

UMdala Christofferson waqhubeka: “Abanye benu bavinjwa intsikelelo yomtshato ngenxa yezizathu eziquka ukunqaba kwabantu abalungele ukutshata, umtsalane kwisini esifanayo, ukhubazeko lomzimba okanye lwengqondo, okanye ngokulula uloyiko lokwahluleka. …Okanye kunokwenzeka ukuba ukhe watshata, kodwa loo mtshato waphela. … Abanye benu abatshatileyo abafumani abantwana. …

“Nokuba kunjalo,… wonke umntu angaba negalelo ekucombululweni kwecebo lobuthixo eliqhubekayo kwisizukulwana ngasinye.”4

IziBhalo Ezongezelelweyo

Genesis 2:18–24; 1 Abasekorinte 11:11; Iimfundiso Neminqophiso 49:15–17

Amabali Aphilayo

Umzalwane Larry M. Gibson, owayesakuba ngumcebisi wokuqala kubongameli jikelele baBafana Abancinane, waye wakhumbula xa uShirley, ongunkosikazi wakhe ngoku, wathi:

“‘Ndiyakuthanda kuba ndiyazi ukuba uthanda iNkosi ngaphezulu kokuba uthanda mna.’ …

“Loo mpendulo yakhwankqisa intliziyo yam. …

“… [Kwaye] ndandifuna ukuba asoloko esiva ukuba ndandithanda iNkosi okwedlula konke okunye. ”5

UMdala David A. Bednar weQumrhu LabaPostile Abalishumi Elinambini wafundisa: “INkosi Yesu Krestu uyindawo engumbindi kubudlelwane bomnqophiso womtshato. …[Khawucinge ngoko] uMsindisi ubekwe kwincam [ka] nxantathu, nomfazi kwindawo ephantsi kwikona enye kunye nendoda kwindawo ephantsi kwenye ikona. Ngoku cingisisa ngento eyenzeka kubudlelwane phakathi kwendoda nomfazi njengoko ngokokwabo kwaye ngokuqinileyo ‘[besiza] kuKrestu’ kwaye bezama ngamandla ‘bagqibelele kuYe’ (Moronayi 10:32). Ngenxa kunye nangoMsindisi, indoda nomfazi baya besondelelana.”6

Izikhumbuzo

  1. “Usapho: Isibhengezo kulo iHlabathi,” Liyahona, Nkanga 2010, 129.

  2. D. Todd Christofferson, “Why Marriage, Why Family,” Liyahona, Canzibe 2015, 52.

  3. Bonnie L. Oscarson, “Defenders of the Family Proclamation,” Liyahona, Canzibe 2015, 15.

  4. D. Todd Christofferson, “Why Marriage, Why Family,” 52.

  5. Larry M. Gibson, “Fulfilling Our Eternal Destiny,” Ensign, Mdumbe. 2015, 21–22.

  6. David A. Bednar, “Marriage Is Essential to His Eternal Plan,” Liyahona, Silimela 2006, 54.

Cingisisa Ngoku

Ingaba mna buqu ndizama ngokuqina kanjani “[ukuza] kuKrestu”?

Shicilela