2016
Iintombi zikaBawo Wethu Ongunaphakade
Epreli 2016


UMyalezo waBaNdwendweli Makhaya, Tshazimpunzi 2016

Iintombi zikaBawo Wethu Ongunaphakade

Funda ngokuthandaza ezi zinto kwaye ucele ukwazi ukuba yintoni onokuyaba. Ukuqonda kabanzi “Usapho: Isibhengezo Kulo Ihlabathi” kuza kulukhulisa kanjani ukholo lwakho KuYe kwaye kuza kubasikelela kanjani abo ubagadisiweyo ngokubafundisa ngokubandwendwela? Ngenkcukacha ethe vetshe, yiya ku www.reliefsociety.lds.org.

Umfanekiso
Istempu soMbutho wamaNina

Ukholo, Usapho, Uncedo

Izibhalo zisifundisa ukuba “Siyinzala kaThixo” (Izenzo 17:29). UThixo wabhekisa ku-Emma Smith, inkosikazi yoMprofethi Joseph Smith, njenge “ntombi yam” (Iimfundiso & Neminqophiso 25:1). Isibhengezo sosapho sisifundisa ukuba omnye nomnye wethu “ngumoya oyintanda… intombi yabazali basezulwini.”1

“Kwindawo yangaphambili kobu bomi, thina safunda malunga nesazisi esingunaphakade sobubhinqa,” watsho u Carole M. Stephens, umcebisi wokuqala kubongameli bajikelele boMbutho Wamanina.

“Uhambo lwethu lwakeli limagad’ ahlabayo alwatshintsha ezo nyaniso.”2

“UBawo wakho Osezulwini uyalazi igama lakho kunye nemeko yakho,” watsho uMdala Jeffrey R. Holland weQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini. “Yena uyayiva imithandazo yakho. Uyawazi amathemba namaphupha wakho, kuquka noloyiko lwakho kunye nezikudidayo.”3

“Omnye nomnye wethu ngowosapho kwaye uyadingeka kusapho lukaThixo,” watsho uDade Stephens. “Iintsapho zasemhlabeni zonke zikhangeleka zahlukile. Kwaye njengoko sisenza konke esinako ukudala iintsapho zokusesikweni ezomeleleyo, ukuba lilungu kusapho lukaThixo akuxhomekekanga nakweliphi ihlobo lesimo—isimo somtshato, isimo sobuzali, isimo sezezimali, isimo eluntwini, okanye nkqu nohlobo lesimo esilibeka kwiqonga lonxubelelwano.”4

IziBhalo Ezongezelelweyo

Yeremiya 1:5; AbaseRoma 8:16; Iimfundiso Neminqophiso 76:23–24

Okuphuma Kwimbali Yethu

Kwingxelo yakhe yoMbono WokuQala,5 uMprofethi Joseph Smith uqinisekisa iinyaniso ezininzi—eziquka eyokuba uBawo wethu Osezulwini uyawazi amagama wethu.

UJoseph omncinane wayexakekile ukwazi ukuba azimanye neliphi ibandla kwaye wafumana inkokhelo kuYakobi 1:5. UJoseph wagqiba kwelokuba uyakubuza uThixo.

Kwintsasa enye yentwasahlobo ngo1820, yena waya ehlathini eyokuthandaza kodwa wanqandwa ngoko nangoko ngamanye amandla obumnyama. Ngoku wabhala:

“Kanye ngeli lixa loloyiko olukhulu, ndaye ndabona intsika yokukhanya ngqo phezulu kwentloko yam, okwakungaphezulu kokukhanya kwelanga, okwathi kwehla kancinane kwade kwawela phezulu kwam.

“Kwathi kungekudala ndazifumana ndihlanguliwe kolutshaba olwalundibophile. Xa ukukhanya lwaluphumle phezulu kwam ndaye ndabona abantu ababini, abakukhanya kunye nozuko olwalungaphaya kwayo yonke inkcazelo, beme ngaphezulu kunam emoyeni. Omnye wabo wathetha nam, endibiza ngegama kwaye wathi, ekhombe komnye—Lo nguNyana Wam Oyintanda. Mve Yena!” (Joseph Smith—Imbali 1:16–17).

Izikhumbuzo

  1. “Usapho: Isibhengezo kulo iHlabathi,” Liyahona, Nkanga 2010, 129.

  2. Carole M. Stephens “The Family Is of God” Liyahona, Canzibe 2015, 11.

  3. Jeffrey R. Holland, “To Young Women,” Liyahona, EyeNkanga 2005, 28.

  4. Carole M. Stephens, “The Family Is of God,” 11.

  5. Bona Izihloko zeVangeli, “Iingxelo Zombono Wokuqala,” topics.lds.org.

Cingisisa Ngoku

Ingaba ukwazi ukuba uyintombi kaThixo kungazichaphazela kanjani izigqibo zakho?

Shicilela