2016
Isiprofetho kunye Nesityhilelo Somntu Ngamnye
Epreli 2016


UMyalezo woBongameli Bokuqala, Tshazimpunzi 2016

Isiprofetho kunye nesityhilelo somntu ngamnye

IBandla likaYesu Krestu eliyinyani libuyisiwe kwaye likhona emhlabeni namhlanje. IBandla likaYesu Krestu labaNgcwele BeMihla YokuGqibela soloko lakhokelwa ngabaprofethi kunye nabapostile, abathi bafumane ukhokhelo rhoqo oluvela ezulwini.

Loo ndlela yobuthixo yayikwayinyani kwakudala. Siyafunda kwiBhayibhile: “Inene, ayikhe yenze into iNkosi uYehova, ingathanga iluhlakaze ucweyo lwayo kubakhonzi bayo abaprofeti. ” (Amos 3:7).

UThixo uthethile futhi kwilixa lethu, kuMprofethi Joseph Smith. Yena utyhilele uMprofethi uJoseph ivangeli kaYesu Kretu ngokupheleleyo. Yena ubuyisele ububingeleli baKhe obungcwele kunye nezitshixo zabo kunye namalungelo onke wabo, namandla, kunye nemisebenzi yamandla angcwele wobubingeleli.

Kumhla wethu, abaprofethi abaphilayo kunye nabapostile bagunyazisiwe ukuba bathethe, bafundise, kwaye bakhombe indlela ngegunya elivela kuThixo uBawo kunye neNkosi uYesu Krestu. UMsindisi wathi kuMprofethi, “Oko mna iNkosi endikuthethileyo, ndikuthethile, kwaye andizikubeka siqu sam tyala kwaye nangona amazulu nomhlaba angadlula, ilizwi lam alisayikudlula, kodwa liyakuzaliseka nokokuba kungelizwi lam okanye ilizwi lezicaka zam, oko kuyafana.” (Iimfundiso & Neminqophiso 1:38).

Kwinkomfa yajikelele kabini ngonyaka, thina sisikelelwa ngethuba lokuva ilizwi leNkosi kwizicaka zaYo. Elo lilungelo elikhethekileyo elingaphaya kwexabiso. Kodwa ixabiso lelothuba lixhomekeke ekubeni mhlawumbi sifumana amazwi ngaphantsi kwempembelelo yoMoya ofanayo nalo athe anikezwa ngawo kwezo zicaka. (bona Iimfundiso & Neminqophiso 50:19–22). Njengoko befumana umkhomba-ndlela ovela ezulwini, nakuthi kufuneka njalo. Kwaye oko kudinga kuthi inzame yasemoyeni efanayo.

“Yenza Umsebenzi Wakho Wasekhaya”

Eminyakeni egqithileyo elinye lamalungu weQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini landicela ukuba ndifunde intetho yenkomfa elaliyilungiselele inkomfa yajikelele. Ndandililungu elincinci lequmrhu. Ndazukiswa kukuzithemba kwalo lokuba ndingalinceda ukuba lifumane amazwi iNkosi ebingathnda ukuba liwathethe. Lona lathi kum ngoncumo, “Awu, olu luluhlu lwesicwangciso lwama 22 lwentetho.”

Ndaye ndakhumbula ingcebiso uMongameli othandayo nonobubele Harold B. Lee (1899–1973) awayendinike yona ngaphambili enesigxininiso esikhulu: “Hal, ukuba ufuna ukufumana isityhilelo, yenza umsebenzi wakho wasekhaya.”

Ndaye ndafunda, ndacingisisa, kwaye ndathandaza ngoolo luhlu lwesicwangciso lwama 22. Ndalufundisisa kangangoko ndandinako ngaphantsi kwempembelelo yoMoya oyiNgcwele. Ngexesha elo lungu lequmrhu lalinikeza ngentetho yalo, ndandisele ndiwenzile umsebenzi wam wasekhaya. Andiqinisekanga ukuba ndanceda, kodwa ndiyazi ukuba ndaguqulwa xa ndandisiva intetho inikezwa. Imiyalezo yaza kum engaphaya kwamazwi endandiwafundile kwaye elilawathethile. Amazwi ayenentsingiselo enkulu kunalawo ndandiwafunde kuluhlu locwangciso. Kwaye nomyalezo wawubonakala ubhekise kum, ufanele izidingo zam.

Izicaka zikaThixo ziyazila kwaye zithandaze ukuba zifumane umyalezo Yena aziphathele wona ukuba ziwunike abo badinga isityhilelo kunye nempembelelo. Into endayifundayo koloo luvo, kunye namanye awanjalo, yeyokuba ukuzuza iinzuzo ezinkulu ezifumaneka ekuveni abaprofethi abaphilayo kunye nabapostile, kufuneka sihlawule ixabiso thina buqu lokufumana isityhilelo.

INkosi ithanda wonke umntu ongeva umyalezo waYo, kwaye Yona iyazazi iintliziyo kunye neemeko zomntu ngamnye. Yona iyazi ukuba sisilungiso sini, yinkuthazo ni, kwaye yinyaniso ni yevangeli eyakunceda ngokufaneleyo umntu ngamnye ukuba akhethe indlela yakhe kwindlela eya kubomi obungunaphakade.

Thina sithi simamele kwaye sibukele imiyalezo yenkomfa yajikelele ngamanye amaxesha sicinga emva kwayo, “Yintoni endiyikhumbula ngcono?” Ithemba leNkosi kuthi kuye ngamnye wethu lelokuba impendulo yethu iya kuba: “Andisokuze ndilibale amaxa apho ndiye ndeva isandi soMoya engqondweni yam nasentliziyweni yam sindixelela into endingayenza ukuba ndonwabise uBawo wam osezulwini kunye noMsindisi.”

Singasifumana eso sityhilelo somntu ngamnye xa sisiva abaprofethi kunye nabapostile kwaye njengoko sisebenza ngokholo ukusifumana, njengoko uMongameli Lee watsho ukuba singanako. Ndiyazi oko kuyinyani evela ngokwamava kunye nangobungqina boMoya.

Ukufundisa Ngalo Myalezo

Cingisisa ngokufunda ngokukhwaza ibali likaMongameli Eyring elimalunga nokufunda uluhlu lwesicwangciso lwentetho yenkomfa yelungu lequmrhu lakhe. Mhlawumbi ungabuza, “Lithini ixabiso lokufumana isityhilelo?” Emva kwengxoxo yenu, ungamema abo ubandwendweleyo ukuba bacingisise kwaye basebenzise icebo lokufumana imiyalezo yenkomfa yajikelele elandelayo “ngaphantsi kwempembelelo yoMoya ofanayo nalowo eyanikezwa ngayo kwizicaka [zikaThixo].”

Shicilela