2016
UBawo Osezulwini Wathetha Nam Ngenthetho Yenkomfa
Epreli 2016


Ulutsha

UBawo Osezulwini Wathetha Nam Ngenthetho Yenkomfa

Umbhali uhlala eSergipe, kwelaseBrazil.

Ndandineentandabuzo malunga nento ekwakumele ndiyifunde edyunivesithi. Abantu abaninzi babethetha kakubi malunga nezifundo endandifuna ukuzithatha, ngoko ke ndathandaza eNkosini ukuba ndibone ukuba yayivumelana nesigqibo sam.

Impendulo yam yeza ngemini elandelayo xa ndandifunda intetho yenkomfa yajikelele kwiLiyahona. Ndeva ngathi uBawo Osezulwini wayendixelela ukuba Yena wayengenakundikhethela—esi yayisisigqibo ekwakufuneka ndisenze ndedwa. Ndandisazi ukuba nokuba ndandikhetha ntoni na, kwakuzokufuneka ndisebenze kanzima ukuba ndiphumelele.

Ndiyazi ukuba umthandazo wam waphendulwa. Isiqinisekiso soMoya oyiNgcwele sandinceda ukuba ndenze isigqibo. Ndiye ndafunda ukunikela ngeenzame zam ezigqwesileyo kwaye ndiyazi ukuba uBawo Osezulwini uya kundinceda.

Shicilela