2018
Xhulumelana Naye Nangaliphi Ixesha, Naphi Na, Nakanjani Na
eyoMqungu 2018


Imigaqo Yemfundiso Yondwendwelo, EyoMqungu 2018

Xhulumelana Naye Nangaliphi Ixesha, Naphi Na, Nakanjani Na

Imfundiso yondwendwelo imalunga nokulungiselela. UYesu wayelungiselela nangeliphi na ixesha kwakunye naphi na. Nathi singenza okufana noko.

“Ukulungiselela” kukunikela inkonzo, inkathalo, okanye uhlangulo oluthi longezelele kwintuthuzelo okanye kulonwabo lomnye. Imfundiso yondwendwelo imalunga nokufumanisa ngeendlela zokulungiselela kwabo ubandwendwelayo. UYesu Krestu wayelungiselela uwonke-wonke—nangeliphi na ixesha kwakunye naphi na. Yena waye wondla ama 5,000, wathuthuzela uMariya noMarta ekubhubheni komntakwabo, kwaye wafundisa ivangeli yaKhe kumfazi owayesequleni. Yena wayesenza oko ngenxa yothando lwaKhe lokwenene.

Ekulandeleni umzekelo waKhe, thina njengabafundisi bokundwendwela singafikela ekwazini nasekuthandeni omnye nomnye udade esithi simndwendwele, sikhumbule ukuba uthando lusisiseko sako konke esikwenzayo. Xa sithandazela impembelelo yokukwazi ukuba singamnceda kanjani kwaye simncede ukuba omeleze ukholo lwakhe, “iingelosi azinakuthintelwa ekubeni zibengamaqabane [wethu].”1

Ukusukela kucwangciso loMbutho Wamanina ngo 1942 ukufikela kunamhlanje, ulungiselelo lwamanina solusikelele ubomi obuninzi. Ngokomzekelo, uJoan Johnson, umhlolokazi oneminyaka engama 82, kunye neqabane lakhe lemfundiso yokundwendwela bathi bandwendwele umakhelwane wakhe oneminyaka engama 89 kwaye onenyumoniya. Bona babebona ukuba umakhelwane wabo wayengabadingi kanye qha ngenyanga, ngoko ke baye baqalisa ukuyomhlola rhoqo ngeveki yena buqu bakhe okanye ngocingo.

Kwabanye abafundisi bondwendwelo, ukuthumela umyalezo okanye unxulumelwano baphana ngenkuthazo kungaba yeyona nto ingundoqo abanokuyenzela unomdade kuloo nyanga. Ukwenza uqhagamshelo ngobuqu kwakunye nokumamela ngoluvo lothando nguwona mnombo wemfundiso yondwendwelo. Ubugcisa banamhlanje kwakunye nondwendwelo lokubonana ngobuso ngobuso bexesha elihloniphekileyo businceda okokuba siyenze nangaliphi na ixesha, naphi na, kwakunye nangeendlela ezininzi.2 Oko kukulungiselela njengoko uYesu wenjenjalo.

Izikhumbuzo

  1. Iimfundiso zaBongameli beCawa: Joseph Smith (2007), 454.

  2. Bona Handbook 2: Administering the Church (2010), 9.51.

Shicilela