2018
Sombululela Ekuguqukeni
eyoMqungu 2018


Ulutsha

Sombululela Ekuguqukeni

UMongameli Monson uchaza okokuba “uxanduva lwethu kukuvuka kwisiqhelo siye kwingqibelelo, kwiyantluleko siye kwimpumelelo. Umsebenzi wethu kukuba ngondoqo bethu.” Abantu abaninzi banikela inyanga yoMqungu ekwenzeni iminqweno kunye neenjongo zokuphucuka: ukuncuma ngakumbi, ukutya ngononophelo, okanye ukufunda isakhono esitsha. Xeshikweni ezinjongo zingakunceda ukuba utshintshele kokungcono, eyona ndlela engundoqo yokutshintsha ikwinguquko.

Nangona inguquko ingabanzima, yona isisipho! Njengoko sithembela kuYesu Krestu ngokuguquka ezonweni zethu, siyakwazi ukuba sikhule kwaye siqhubele phambili. UMongameli Monson wathi, “Okubalukileyo kwicebo [losindiso] nguMsindisi wethu, uYesu Krestu. Ngaphandle kwedini laKhe elihlawulelayo, konke kungalahleka. Ngenguquko, ungahlanjululwa ezonweni zakho kwaye uqhubekele ekubeni ufane naYe ngakumbi.

Cinga ngento mhlawumbi ekubambelelayo ekubeni ufane noMsindisi. Ingaba lulwimi lwakho? Ingaba ubaphatha kanjani abahlobo bakho okanye usapho lwakho? Emva kokucinga ngento ongayiphucula, thandaza kuBawo OseZulwini kwaye uvakalise umnqweno wakho wokutshintsha. Khumbula okokuba emandleni weNtlawulelo yaKhe, uYesu Krestu angakunceda ukuba woyise ubuthathaka bakho. Njengoko uMongameli Monson wafundisa, “Isipho senguquko, esisiphiwe nguMsindisi wethu, sisinceda ukuba silungise izicwangciso zethu.”

Shicilela