2018
Thandazela uDade Ngamnye ngeGama
eyoKwindla 2018


Imigaqo yokundwendwela ngokufundisa, EyoKwindla 2018

Thandazela uDade Ngamnye ngeGama

Uthando lwethu kubo kunye nempembelelo ngokuqhagamshelene nabo sibandwendwela sibafundisa luyakwanda xa sithandezela udade ngamnye ngegama ngokuzithoba.

Ukholo, Usapho, Uncedo

Umfanekiso
Istempu soMbutho wamaNina

Izibhalo zaba ngemizekelo emininzi yamadoda kunye nabafazi abathandazela abanye ngegama. Phakathi kweyona ibaxekileyo ngutata ka-Alma Omncinci. Ingelosi yathetha kuAlma Omncinci, imxelela ukuba utata wakhe “[wayethandaze] ngokholo olukhulu malunga nawe … ; ngako oko, kungesi sizathu ndizile ukuza kuqinisekisa ngamandla kwanegunya likaThixo ukuze imithandazo yabakhonzi bakhe ibe nokuphendulwa ngokokholo lwabo (Mozaya 27:14).

Ukuthandazelana kuvula iintliziyo zethu ukuba zifumane iintsikelelo iNkosi enqwenela ukusinika zona. “Injongo yomthandazo ayikokutshintsha intando kaThixo, kodwa kukufumanela iziqu zethu kunye nabanye iintsikelelo uThixo asele enqwenela ukunikeza ngazo, kodwa ekumele ukuba zizicele ukuze sizifumane.”1

Omnye udade wabalisa ukuba ngexesha elinzima kubomi bakhe, umnxeba, umyalezo othunyelwe ngefowuni wawusoloko usuka kwabo babemfundisa bemndwendwela ngazo “ngakumbi ezimnyama iintsuku.” Babekhangeleka besazi nqo xa edinga ukuphakanyiswa. Yena wayesazi ukuba babemthandazele, ngexesha lotyelelo lwabo kunye naxa bebodwa.

“Cinga ngamandla adityanisiweyo ukuba udade wonke ebenomthandazo wokwenene yonke intsasa nobusuku okanye, nangcono kunoko, bathandaze ngokungapheziyo njengoko iNkosi yayiyalele,” watsho uJulie B. Beck, owayesakuba nguMongameli Jikelele woMbutho waManina. 2 Ukuthandazela abo sibafundisa ngokubatyelela komeleza thina njengabantu nanjengamakhosazana babaNgcwele beMihla yokugqibela.

uMongameli Henry B. Eyring, uMcebisi wokuQala kuBongameli bokuQala, wathi: “thandazela indlela yokuba uzazi iintliziyo zabo. … Uyakudinga ukwazi ukuba uThixo angathanda ukuba wenze ntoni na ukuba ubancede 3

Izikhumbuzo

  1. Guide to the Scriptures, “Prayer”98

  2. Julie B. Beck, “Oko Abafazi babaNgcwele beMihla yokuGqibela Bakwenza Ngcono: ungaGungqi”Liyahona, Nkanga 2007, 110.

  3. Henry B. Eyring, ubuBingeleli kunye noMthandazo,” Liyahona, Canzibe 2015, 85.

Shicilela