2018
Ilizwi likaThixo kuBantwana baKhe
eyoKwindla 2018


UMyalezo woBongameli Bokuqala, EyoKwindla 2018

Ilizwi likaThixo kuBantwana baKhe

Izibhalo zisixelela ukuba into yokuqala uThixo awayenzayo emveni kokudala indoda nomfazi yaba kukuthetha nabo.1 Yena wayenenkcukacha ezibalulekileyo kunye nemiyalelo exabisekileyo awayeza kubanika yona. Iinjongo zakhe yayingeko kubathwalisa ubunzima okanye ukubaxhalabisa kodwa yayikukubakhokelela kulonwabo kunye nozuko olungunaphakade.

Kwaye oko kwakusisiqalo kuphela. Ukususela ngolwasuku ukuzokutsho kolu, uThixo uye waqhubekeka ukuqhagamshelana nabantwana baKhe. AwaKhe amazwi aye agcinwa, aphathwa okwendyebo, kwaye afundwa ngabafundi baso sonke isizukulwana. Wona axatyisiwe ngabo bafuna ukwazi intando kaThixo, kwaye anika ubungqina kwinyaniso yokuba “Inene ayikhe yenze nto iNkosi, ingathanga iluhlakaze ucweyo lwayo kubakhonzi bayo abaprofethi.”2

Oku kubeyindlela ukususela ekuqalekeni kwexesha, kwaye lendlela iyaqhubekeka namhla. Ayilobali limnandi leBhayibhile kuphela; yindlela uThixo ayisekileyo yokuchaza imiyalezo ebalulekileyo kubantwana baKhe. Yena uvusa abantu abaphakathi kwethu, ababizele ukuba babe ngabaprofethi, aze abanike amazwi amabawathethe, esithi simenywe ukuba si“wamkeleni, ngokungathi aphuma [kowaKhe] umlomo.”3 Yena ubhengezile, “Nokuba ingelizwi lam okanye ilizwi lezicaka zam, kuyafana.”4

Lona ngomnye weyona izuke ngakumbi, ikhuthazayo, kwaye nenethemba imiyalezo yeMbuyekezo—uThixo akathulanga! Yena uyabathanda abantwana baKhe. Yena akasishiyanga ukuba sizulazule ebumnyameni.

Kabini nyaka ngamnye, ngoTshazimpunzi nangeDwarha, thina sinethuba lokuva ilizwi leNkosi ngezicaka zaKhe kwinkomfa jikelele yethu engummangaliso.

Mna ndikunika ubungqina bam bokuba ixesha elide phambi kokuba isithethi kwinkomfa yajikelele senze ihambo ende ukuya kwisikhungo, sona sube senze eyona nzame ibanzi, umthandazo, kunye nokufunda njengempendulo kumsebenzi wokuthetha. Wonke umyalezo wenkomfa umela iyure ezingabalekiyo zokuzilungiselela kunye nesicelo esivakalelisa intliziyo ukuba iqiqele oko iNkosi inqwenela abaNgcwele baYo bakuve.

Yintoni enokwenzeka ukuba thina njengabaphulaphuli besinokungqamanisa ukuzilungiselela kwezithethi kunye nokwethu? Ibingohluka njani indlela esiyibona ngayo inkomfa yajikelele ukuba besiyibona njengethuba lokufumana imiyalezo esuka kwiNkosi Ubuqu? Ngawo amazwi kunye nomculo wenkomfa jikelele, thina singalindela ukufumana iimpendulo ezenzelwe thina kuyo nayiphi na imibuzo okanye iingxaki esijongene nazo.

Ukuba ukhe uthandabuze ukuba uBawo oseZulwini uzakuthetha nawe ngokwenene, ndingakukhumbuza ngalula kodwa enzulu amazwi aculwa ngabantwana abaselula basecaweni: “[Wena unguye] umntwana kaThixo, kwaye uthumele [wena] apha.” EyaKhe injongo kukunceda ukuba ubuyele “ekuhlaleni naye ngenye imini.”

Ukuba uya kuBawo oseZulwini njengomntwana waKhe, wena ungamcela ngentliziyo enyanisekileyo, “ndikhokele, ndinqwanqwade, hamba ecaleni kwam, ndincede ndiyifumane indlela. Ndifundise konke emandikwenze.” Yena uyakuthetha nawe ngoMoya waKhe oyiNgcwele, kwaye kuyakuxhomekeka kuwe emvakoko “ukwenza intando yakhe.” Mna ndiyakuthembisa okokuba ukuba wenza oko, “iintsikelelo ezibubutyebi zikuvimba.”5

Ukunqwanqwadwa yiNkosi kuyadingeka namhla kangangoko kukhe kwadingeka ngako kwimbali yehlabathi. Njengoko silungiselela ukuva ilizwi leNkosi, yanga singawukhangela ngenyameko uMoya wenyani ukuze ithi iNkosi xa ithetha ngezicaka zaYo, sibe singaqiqa, singachukumiseka, kwaye singavuya kunye.6

Mna ndiyangqina “ukuba ngokwenza ezi zinto amasango esihogo akayi koyisa ngokuchasene [nathi]; ewe, neNkosi uThixo uya kuwachithachitha amandla obumnyama ngaphambi [kwethu], kwaye enze amazulu ashukumele ukulunga [kwethu], nangozuko lwegama lakhe.”7

Shicilela