2018
Ukulungiselela ukuva ilizwi likaThixo
eyoKwindla 2018


Ulutsha

Ukulungiselela ukuva ilizwi likaThixo

uMongameli Uchtdorf ucacisa ukuba kwakunjani okokuba into yokuqala uThixo awayenzayo emva kokudala indoda nomfazi yayikukuthetha nabo kwaye abanike inkcukacha exabisekileyo kunye nemiyalelo. Thina sifumana intsikelelo efanayo noko ngoTshazimpunzi kunye neDwarha ngexesha lenkomfa jikelele, xa iinkokheli zeBandla zithetha kuthi kwaye zisinike ingcebiso iNkosi efuna ukuba siyazi.

Wena wakhe waliva ilizwi likaThixo kwizicaka zaKhe ngexesha lenkomfa jikelele? Wakhe weva ngathi umyalezo othile ukunike impendulo obuyikhangela? Kwijenali, ungabhala phantsi loo mava nendlela athi akunceda ngayo. Emva koko lungiselela ukuva ilizwi leNkosi kulenkomfa izayo ngokuthi ubhale phantsi imibuzo onayo kwaye uyifundisise ngexesha lakho lokufunda izibhalo. Thandaza kuBawo oseZulwini, ucela ukufumana iimpendulo kunye neempembelelo ngexesha lenkomfa. Njengoko umamele izicaka zeNkosi, gqalisela kwimpembelelo nganye. Ufunde ntoni wena? Uzive uchukumiseke kanjani ukuba utshintshe? Bhala phantsi ezimpembelelo ngoba nguMoya lowo uthetha nawe.

Soloko ukhumbula ukuba uBawo oseZulwini uyakuthanda kwaye uyakukunqwanqwadela kwicala elilungileyo. Njengoko uzama ukuva ilizwi laKhe kwizicaka zaKhe, uyakukusikelela kwaye uyakuchukumiseka.

Shicilela