“Oodade bakwa-Rollins Bahlangula Usuku!” Umhlobo, EyeSilimela 2021
UMyalezo wangeNyanga Umhlobo, EyeSilimela 2021
Oodade bakwa-Rollins Bahlangula Usuku!
Imizobo ngu–Apryl Stott
UYesu Krestu waxelela uJoseph Smith izinto ezininzi ezibalulekileyo ezinokusinceda. IBandla lenza umatshini wokushicelela amazwi kaYesu. Ngaloo ndlela abantu babeza kwazi ukuwafunda.
Ngenye imini, iqela lamadoda anomsindo leza. Awutshabalalisa umatshini woshicelelo. Alahla amaphepha ezibhalo ezingcwele ngaphandle esitalatweni.
Oodade ababini amagama anguMary Elizabeth kunye noCaroline Rollins akubona okwenzekayo. Babaleka kwaye baqokelela amaphepha ezingalweni zabo.
Amantombazana azimela kwintsimi yombona ade amadoda ahamba. Ayezihlangule izibhalo ezingcwele! Ezo zibhalo zingcwele kamva zaba yinxalenye yeMfundiso neMinqophiso.
Ndiyakwazi ukufunda izibhalo ezingcwele. Ndinganenkalipho kwaye ndimele oko ndikukholelwayo.
Iphepha lokufakela Imibala
Ndinganenkalipho
Yintoni ekunceda ubenenkalipho?
© 2021 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe e-USA. Isivumelo sesiNgesi: 6/19. Isivumelo senguqulelo: 6/19. Inguqulelo yeMonthly Friend Message, June 2021. Xhosa.17470 774