2021
Yintoni iNtloko yobuThixo?
EyeSilimela 2021


“Yintoni iNtloko yobuThixo?,” Liyahona, EyeSilimela 2021

UMyalezo wangeNyanga weLiyahona, EyeSilimela 2021

Yintoni iNtloko yobuThixo?

UBawo Osezulwini, uYesu Krestu, kunye noMoya OyiNgcwele ngabantu abathathu abohlukeneyo abenenjongo enye.

Umfanekiso
Umbono wokuQala

Inkcukacha isuka kwi-First Vision (Umbono wokuQala), nguJon McNaughton

Umhleli wephephanda wakhe wabuza uJoseph Smith ukuba yintoni amalungu eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela aweyikholelwa. Ukuphendula, umProfeti wabhala iingxelo zenkolo ezi-13 esizibiza Izivumo zoKholo. Ingxelo yokuqala ithi, “Sikholelwa kuThixo, uBawo wanaPhakade, nakuNyana Wakhe, uYesu Krestu, nakuMoya oyiNgcwele” (Izivumo zoKholo 1:1). Aba bathathu babumba oko sikubiza iNtloko yobuThixo.

UThixo, uBawo wanaPhakade

UThixo unomzimba ovukileyo wenyama namathambo. UnguBawo wemimoya yethu. Uthanda bonke abantwana baKhe ngokugqibeleleyo. UThixo ugqibelelekile, unamandla onke, kwaye wazi zonke izinto. Unobulungisa, nenceba, kunye nobubele. Sasiphila njengemimoya kunye noThixo phambi kokuba sizalwe. Wasithumela emhlabeni ukuze sifunde kwaye sikhule. Umqweno omkhulu kaThixo kukuba ngamnye ebantwaneni baKhe abuyele ayokuphila naYe kwakhona emveni kokuba sifile. UThixo usifundisa ukuba kufuneka silandele uYesu Krestu ukuze sibuye kubukho baKhe.

Umfanekiso
UYesu Krestu Eshumayela kwiLizwe leMimoya

Christ Preaching in the Spirit World (UYesu Krestu Eshumayela kwiLizwe leMimoya), nguRobert T. Barrett

UYesu Krestu

UYesu Krestu naye unomzimba ovukileyo wenyama namathambo. UnguNyana kaThixo olizibulo. Phambi kokuba sizalwe, uThixo wamchonga ukuba abenguMsindisi wethu. Oku kuthetha ukuba uYesu weza emhlabeni ukuzo kuba ngumzekelo wethu, asifundise ivangeli yaKhe, ahlawulele izono zethu, kwaye asihlangule ekufeni. Ngenxa kaYesu Krestu, singaxolelwa izono zethu xa siguquka. UYesu Krestu waye wabandazeleka kwizinto ezinzi ukuze Yena akwazi ukusiqonda kwaye asincede. UYesu Krestu wafa kwaye waza waphila kwakhona, esenza kwenzeke kuye wonke umntu aphile kwakhona.

Umfanekiso
umngcwabo kaKrestu

Umfanekiso uphuma kwi-Getty Images

UMoya OyiNgcwele

UMoya oyiNgcwele lilungu elinye leNtloko yobuThixo elingenawo umzimba wenyama. Yena ungumoya. UMoya OyiNgcwele uyakwazi ukunxibelelana ngqo nemimoya yethu. Uyangqina kuthi ukuba uThixo uyinyani kwaye uYesu Krestu unguMsindisi wethu. UMoya OyiNgcwele usebenza njengesithunywa sikaThixo ukusinika iimvakalelo zothando, zesikhokelo okanye zentuthuzelo. Xa sibhaptiziwe kwaye saqinisekiswa, sifumana isipho soMoya OyiNgcwele. Emveni kobhaptizo lwethu, uMoya OyiNgcwele ungahlala nathi ngawo onke amaxesha njengoko sigcina imithetho kaThixo.

Umfanekiso
Umbono wokuQala

First Vision (Umbono wokuQala), nguWalter Rane

UMbono wokuQala kaJoseph Smith

Ekuhambeni kwexesha abantu babebhidekile malunga neNtloko yobuThixo. Abantu babengavumelani ngesimo sikaThixo, noYesu Krestu, kunye noMoya OyiNgcwele. Esi sesinye isizathu sokuba uMbono wokuQala awaba nawo uJoseph Smith wawubalulekile. Wabona ukuba uBawo Osezulwini kunye noYesu Krestu banemizimba kwaye bangabantu ababini abohlukeneyo.

Umfanekiso
Ukumamela

Listening (Ukumamela), nguMichael Jarvis Nelson

Bohlukene kodwa Bamanyene

Izibhalo ezingcwele kunye nabaprofeti balemihla basifundisa ukuba uThixo, noYesu Krestu, kunye noMoya OyiNgcwele bangabantu abohlukeneyo abanenjongo enye: ukungafi nobomi obungunaphakade bethu (bona Moses 1:39). Njengamalungu eqela elinye, Bona basebenza kunye ukusinceda mihla ngemihla. Singaziva kufuphi kuBo xa siguquka kwizono zethu kwaye sikhetha okulungileyo.

Izibhalo ezingcwele ezimalunga neNtloko yobuThixo

Shicilela