2023
Ukulungiselela Ukuya eTempileni
EyoMnga 2023


“Ukulungiselela Ukuya eTempileni,” Liyahona, EyoMnga 2023.

Umyalezo weNyanga Liyahona, EyoMnga 2023

Ukulungiselela Ukuya eTempileni

Umfanekiso
abantu abahamba benyuka besiya kwiTempile yaseOgden Utah

Ifoto yeTempile yaseOgden Utah nguMark Brunson

Kwiitempile zeBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela singafumana iminqophiso engcwele nemimiselo yethu nezinyanya zethu. Siya etempileni ukubonisa uthando nombulelo wethu kuBawo waseZulwini noYesu Krestu. Singalungiselela ukuya etempileni ngokufunda nangokuphila ivangeli kaYesu Krestu. Ngolwazi oluthe vetshe malunga neetempile, bona inqaku leZiseko zeVangeli “Umsebenzi weTempile” kuhlelo lwe Liyahona lweyeDwarha 2021.

Umfanekiso
amagama angaphandle kweTempile yaseMzantsi Afrika yaseThekwini

Ifoto yeTempile yaseThekwini yaseMzantsi Afrika nguMatthew Reier

Indlu yeNkosi

Iitempile zibizwa ngokuba “yindlu yeNkosi.” Ziindawo ezingcwele apho sinokuva uMoya kaThixo nothando lwaKhe ngathi. Zikwayindawo apho sinokwenza iminqophiso kwaye sifumane imimiselo ekhethekileyo eyakusilungiselela ukuba sibe nobomi banaphakade. (Iminqophiso zizithembiso ezingcwele phakathi koThixo nabantwana baKhe.) Ukuthembeka kwiminqophiso yethu nokufumana le mimiselo kuyasinceda ukuba sibe nobudlelwane obukhethekileyo noBawo waseZulwini noYesu Krestu.

Umfanekiso
ulutsha olumi ngaphandle kweTempile yaseGuayaquil Ecuador

Ifoto yeTempile yaseGuayaquil Ecuador nguJanae Bingham

Ngubani Onokuya Etempileni?

Amalungu eBandla angenza ubhaptizelo lwabafileyo ukuqala kunyaka abaneminyaka eyi-12. Ilungu lingafumana isipho esisesakhe ukuba ubuncinane lineminyaka eli-18, kwaye ubelilungu leBandla kanga ngonyaka omnye ubuncinane, kwaye linqwenela ukwenza nokugcina iminqophiso yetempile (bona General Handbook: Serving in The Church of Jesus Christ of Latter-day Saints, 27.2.2, ChurchofJesusChrist.org). Indoda nomfazi abasele besifumene isipho esisesabo sabo setempile banokutywinwa (batshate) unaphakade etempileni.

Iminqophiso neMimiselo

Uya kwenza iminqophiso kwaye ufumane imimiselo etempileni. “Ukungena kubudlelwane bomnqophiso noThixo kusibophelela kuYe ngendlela eyenza yonke into ngobomi ibe lula” (Russell M. Nelson, “uKweyisa iHlabathi nokuFumana ukuPhumla,” Liyahona, EyeNkanga 2022, 97). Ummiselo sisenzo esingcwalisekileyo somzimba esenziwa ngegunya lobubingeleli. Imimiselo inentsingiselo enzulu yasemoyeni. Umzekelo, xa uthatha inxaxheba kummiselo, ubonisa uThixo ukuba uzimisele ukwamkela kwaye nokugcina iminqophiso yaKhe.

Ulungiselelo loBuqu

Lungiselela ngokwasemoyeni ngokulandela iimfundiso zikaYesu Krestu kwaye nougcina iminqophiso owayenzayo noThixo ekubhaptizweni. Unako kananjalo ukufunda izixhobo zeBandla, ezifana nezibhalo ezingcwele neentetho zekomfa yajikelele. Temples.ChurchofJesusChrist.org ibonelela ngolwazi malunga nokuba ungalindela ntoni xa usiya etempileni. Ikwabandakanya iinkcukacha ezininzi malunga neminqophiso yetempile, imimiselo, nomqondiso.

Umfanekiso
ngaphandle kweTempile yaseNauvoo Illinois

Ifoto yeTempile yaseNauvoo Illinois ngu-Eve Tuft

Umfuziselo

INkosi ihlala ifundisa isebenzisa imiqondiso. Umzekelo, ubhaptizo—ukungena phantsi kwamanzi kwaye uphume kwakhona—kufana nobuqu bakho obudala nokuzalwa ngokutsha (bona KwabaseRoma 6:3–6). Imimiselo yasetempileni yalatha kuYesu Krestu nakwiNtlawulelo yaKhe. Kusenokuba nzima ukuqonda yonke imiqondiso xa uqala ukuya etempileni, kodwa ungaqhubeka nokufunda njengoko ubuyela etempileni kubo bonke ubomi bakho.

Iphepha mvume leTempile

Ukungena etempileni, kufuneka uzilungiselele kwaye ufaneleke. Ungafumana iphepha mvume lokungena etempileni emva kodliwano-ndlebe nobhishophu okanye umongameli wesebe lakho kunye nomongameli wesiteyki okanye wobufundisi. Ezi nkokeli ziyakubuza uluhlu lwemibuzo ukuqinisekisa ukuba uphila ivangeli kaYesu Krestu na. Iinkokeli zakho zingathetha nawe ngale mibuzo kwangethuba.

Ukubuyela eTempileni usenzela Izinyanya Zakho

UBawo waseZulwini ufuna bonke abantwana baKhe benze iminqophiso kunye naYe kwaye bafumane imimiselo engcwalisekileyo. Le mimiselo, efana nobhaptizo nesipho esisesakho, kufuneka yenziwe ezitempileni isenzelwaabo baswelekayo bengayifumananga ivangeli. Ungabuyela etempileni uyokwenzela amalungu osapho lwakho angasekhoyo imimiselo.

Shicilela