2021
UMsebenzi waseTempileni
EyeDwarha 2021


“UMsebenzi waseTempileni,” Liyahona, EyeDwarha 2021

UMyalezo wangeNyanga weLiyahona, EyeDwarha 2021

UMsebenzi waseTempileni

Iitempile ziyindlu yeNkosi. Singafumana imimiselo kwaye senze iminqophiso kunye naYe kwiitempile. Kananjalo sinokwenzela izinyanya zethu imimiselo etempileni.

Umfanekiso
itempile

Ifoto yeTempile yaseBarranquilla Colombia nguBruno Lima

Kuyo yonke imbali, iNkosi iyalele abantu baYo ukuba bakhe iitempile. Iitempile ziindawo ezingcwele apho singaluva khona uthando lukaThixo, sifumane imimiselo, kwaye senze izithembiso naYe. IBandla lakha iitempile kwihlabathi jikelele ukuze abantu abaninzi babe nokufumana ezi ntsikelelo.

Umfanekiso
owasetyhini phambi kwetempile

Ifoto yowasetyhini phambi kweOquirrh Mountain Utah Temple nguNexeo noMatthew Reier

ISipho Esisesakho

Amalungu eBandla aphila ngobulungisa aya etempileni ayokufumana imimiselo kwaye enze iminqophiso, okanye izithembiso, noThixo. Ummiselo omnye esiwufumanayo etempileni sisipho esisesakho. Igama isipho esisesakho lithetha “isipho.” Isipho esisesakho setempile sisipho esivela kuThixo. Kulo mmiselo sifunda ngecebo likaBawo waseZulwini losindiso lwethu, kwaye senza iminqophiso yokugcina imiyalelo kaThixo. Ukuba sinyanisekile kwiminqophiso esiyenzayo, uThixo uya kusisikelela.

Umfanekiso
isibini phambi kwetempile

Ifoto yesibini esihamba ngaseTempileni yaseManila ePhilippines nguCristina Smith

UKutywina iiNtsapho Kunye

Umtshato etempileni ukwabizwa ngokuba lutywino. Xa isibini sitywinwe etempileni kwaye sigcina iminqophiso yaso, baya kutshata ngonaphakade. Ukuba banabantwana, abo bantwana kanjalo baya kutywinelwa kubo. Abazali abatywinwe emva kokuba benabantwana banokuba nako abantwana babo batywinelwe kubo. Ukuba baphila ngobulungisa, baya kuba lusapho ngonaphakade.

Umfanekiso
Indawo yokubhaptizela kwiTempile yaseLison Portugal

Ifoto yendawo yokubhaptizela kwiTempile yaseLisbon Portugal nguLeslie Nilsson

UMsebenzi waseTempileni wabo Bonke Abantwana bakaThixo

Senza umsebenzi wembali yosapho ukufumana malunga nezinyanya zethu. Emva koko sizeenzele umsebenzi wasetempileni. Sizenzela yonke imimiselo abayifunayo abaphilayo: ubhaptizo, uqinisekiso, ukufumana ububingeleli (lwamadoda), isipho esisesabo, kunye notywino. Banokukhetha emva koko ukuba bayayamkela na le mimiselo. Ngale ndlela, bonke abantwana bakaThixo banokonwabela iintsikelelo zevangeli.

Umfanekiso
usapho phambi kwetempile

Ifoto yosapho phambi kweTempile yasePhiladelphia Pennsylvania nguCody Bell

Iintsikelelo zoMsebenzi waseTempileni

Ukuba siyayigcina iminqophiso esiyenzayo etempileni, siya kusikelelwa, sikhuselwe, kwaye somelezwe. Siya kuba namandla obubingeleli kunye nathi. Iintsapho zethu ziya kuhlala kunye ngonaphakade.

Itempile kanjalo yindawo yoxolo kunye neyesityhilelo. Njengokuba sisenza umsebenzi wasetempileni, singafumana isikhokelo somoya kwaye siluve uthando lukaThixo.

Shicilela